Izibhalo
Etere 8


Isahluko 8

Kukho ingxabano nembambano malunga nobukumkani—UAkhish wenza isifungo sesibhambathiso seyelenqe elifihlakeleyo sokubulala ukumkani—Amayelenqe afihlakeleyo ngawomtyholi kwaye aba nesiphumo sokutshatyalaliswa kwezizwe—AbeeNtlanga bale mihla bayalunyukiswa ngokuchasene namayelenqe afihlakeleyo aya kuzungula ukubhukuqa inkululeko yawo onke amazwe, iintlanga, nezizwe.

1 Kwaye kwenzekile okokuba wazala uOmeri, waza uOmeri walawula esikhundleni sakhe. Waza uOmeri wazala uYerede; waza uYerede wazala oonyana neentombi.

2 Waza uYerede wavukela ngokuchasene noyise, waza weza wahlala kwilizwe likaHeti. Kwaye kwenzekile okokuba waye wabanyhwalaza abantu abaninzi, ngenxa yamazwi akhe obuqhophololo, wada waba uzuze isiqingatha sobukumkani.

3 Waza akuba ezuze isiqingatha sobukumkani walwa idabi noyise, kwaye waye wamthwalela uyise ekuthinjweni, kwaye waye wamenza ukuba akhonze esekuthinjweni.

4 Kwaye ngoku, ngemihla yolawulo lukaOmeri waye esekuthinjweni isiqingatha semihla yakhe. Kwaye kwenzekile okokuba wazala oonyana neentombi, ekwakukho phakathi kwabo uHetseron noKoriyantamri;

5 Kwaye babenomsindo ngokugqithisileyo ngenxa yezenzo zikaYerede umntakwabo, kangangokuba baye bahlanganisa umkhosi baza baya kulwa idabi noYerede. Kwaye kwenzekile okokuba baye baya kulwa idabi naye ngobusuku.

6 Kwaye kwenzekile okokuba bakuba bewubulele umkhosi kaYerede babesele beza kumbulala naye kanjalo; waza wabacenga ukuba bangambulali, kwaye uza kubunikezela ubukumkani kuye uyise. Kwaye kwenzekile okokuba baye bamyeka ukuba aphile.

7 Kwaye ngoku uYerede wasuka waba lusizi ngokugqithisileyo ngokuphulukana nobukumkani, kuba wayeyibeke intliziyo yakhe phezu kobukumkani naphezu kozuko lwehlabathi.

8 Ngoku intombi kaYerede ekubeni iyingqondi ngokugqithisileyo, kwaye ilubona usizi lukayise, yacinga ukuyila icebo enokuthi ngalo ikhululele ubukumkani kuyise.

9 Ngoku intombi kaYerede yayintle ngokugqithisileyo. Kwaye kwenzekile okokuba yaye yathetha kunye noyise, yaza yathi kuye: Kungasizathu sini ukuba ubawo abelusizi kangaka? Ingaba akayifundanga na imbali abathi oobawo bethu bayizisa ngaphesheya kwenzulu enkulu? Qaphela, ingaba ayikho na ingxelo malunga nabakudala, yokokuba bona angamacebo abo afihlakeleyo baye bazuza izikumkani nozuko?

10 Kwaye ngoku, ke ngoko, ubawo makathumele kuAkhish, unyana kaKhimno; kwaye qaphela, ndimhle, kwaye ndiya akungqungqa phambi kwakhe, kwaye ndiya kumonwabisa, ukuze andinqwenelele ukuba ndibe ngumfazi wakhe; ngako oko ukuba uya kukunqwenela uya kumnika mna ndibe ngumfazi wakhe, ke uya kuthi wena: Ndiya kukunika yena ukuba uya kundizisela intloko kabawo, ukumkani.

11 Kwaye ngoku, uOmeri waye esisihlobo kuAkhish; ngako oko, akuba uYerede ethumele ukuba abizwe uAkhish, intombi kaYerede yangqungqa phambi kwakhe ukuze imonwabise, kangangokuba wayinqwenelela ukuba ibe ngumfazi wakhe. Kwaye kwenzekile okokuba wathi kuye uYerede: Ndinike yona ukuba ibe ngumfazi wam.

12 Waza uYerede wathi kuye: Ndiya kuyinikela kuwe, ukuba uya kundizisela intloko kabawo, ukumkani.

13 Kwaye kwenzekile okokuba uAkhish wahlanganisela kuyo indlu kaYerede zonke izizalwana zakhe, waza wathi kuzo: Ingaba niya kufunga na kum okokuba niya kunyaniseka kum kwinto leyo endiya kuyinqwenela kuni?

14 Kwaye kwenzekile okokuba bonke abafunga kuye, ngoThixo wezulu, kananjalo nangamazulu, kananjalo nangomhlaba, nangeentloko zabo, okokuba nabani na onokwahluka kuncedo olo uAkhish alunqweneleyo uya kuphulukana nentloko yakhe; kwaye nabani na oya kubhengeza nantoni na uAkhish aya kuyazisa kubo, kwayena lowo uya kuphulukana nobomi bakhe.

15 Kwaye kwenzekile okokuba njalo baye bavumelana kunye noAkhish. Kwaye uAkhish waye wazinikela kubo aizifungo ezaye zinikwe ngabo abakudala ababe kanjalo befuna amandla, ezazinikelwe ukuhla kwanokususela bkuKayin, lowo wayengumbulali ukususela ekuqalekeni.

16 Kwaye zagcinwa ngamandla omtyholi ukuze zinikelwe ezi zifungo kubo abantu, ukuze bazigcine ebumnyameni, ukuze zincede abafuna amandla ukuze bazuze amandla, nokubulala, nokurhwaphiliza, nokuxoka, nokwenza lonke uhlobo lwenkohlakalo nohenyuzo.

17 Kwaye yaba yintombi kaYerede eyayifakayo entliziyweni yakhe ukuba aziphande ezi zinto zakudala; waza uYerede wayifaka entliziyweni ka-Akhish; ngako oko, uAkhish wayinikela kuzo izalamane zakhe nezihlobo, ebalahlekisela kude ngezithembiso ezinomtsalane ukuze benze nantoni na ayinqwenelayo.

18 Kwaye kwenzekile okokuba bayila aiyelenqe elifihlakeleyo, kwananjengabo abakudala; iyelenqe elo elimasikizi ngakumbi kwaye elikhohlakele ngaphezu kwawo wonke, emehlweni kaThixo;

19 Kuba iNkosi ayisebenzi ngamayelenqe afihlakeleyo, inganqweneli nokokuba uluntu maluphalaze igazi, kodwa kuzo zonke izinto ukwalele, ukususela ekuqalekeni komntu.

20 Kwaye ngoku mna, Moronayi, andilubhali uhlobo lwezifungo zabo namayelenqe, kuba yazisiwe kum okokuba akho phakathi kwabo bonke abantu, kwaye akho, phakathi kwamaLeymenayithi.

21 Kwaye abangele aintshabalalo yesi sizwe ndithetha ngaso kaloku nje, kananjalo nentshabalalo yabantu bakaNifayi.

22 Kwaye nasiphina isizwe esiya kuwaxhasa la mayelenqe afihlakeleyo, ukuze sifumane amandla nenzuzo, ade abe aya kunabela kulo lonke ilizwe, qaphelani, siya kutshatyalaliswa, kuba iNkosi ayisayi kuliyekela ukuba aigazi labangcwele bayo, eliya kuphalazwa ngabo, ukuba lisoloko likhalela kuyo liphuma emhlabeni bngempindezelo phezu kwabo aze kanti akasayi kubaphindezela.

23 Ngako oko, Owu nina beeNtlanga, kububulumko kuThixo ukuba ezi zinto maziboniswe kuni, ukuze ngazo nibe nokuguquka kwizono zenu, kwaye ningavumeli ukuba la mayelenqe abulalayo abe nokunongamela, athi abunjelwa ukufumana aamandla nenzuzo—nomsebenzi, ewe, kwanawo umsebenzi wentshabalalo uze phezu kwenu, ewe, kwanalo ikrele lobulungisa loThixo onguNaphakade zibe ziya kuwela phezu kwenu, ukuya ekubhukuqweni kwenu nentshabalalo ukuba niya kuzivumele ezi zinto ukuba zibekho.

24 Ngako oko, iNkosi iya niyalela, xa sukuba niya kuzibona ezi zinto zisiza phakathi kwenu okokuba nize niphaphamele kwingqiqo yemeko yenu eyoyikekayo, ngenxa yeli yelenqe lifihlakeleyo eliya kuthi libekho phakathi kwenu; okanye yeha kulo, ngenxa yegazi labo ababuleweyo; kuba bakhala ukusuka eluthulini ngempindezelo phezu kwalo, kananjalo naphezu kwabo balibumbayo.

25 Kuba kuyenzeka okokuba nabani olibumbayo uzungula ukubhukuqa ainkululeko yawo onke amazwe, izizwe, namazwe; kwaye wenza kwenzeke intshabalalo yabo bonke abantu, kuba libunjwe ngumtyholi, onguyise wabo bonke ubuxoki; kwanalo eloo xoki linye belalukuhlela abazali bethu bokuqala, ewe kwanalo eloo xoki linye labangela umntu ukuba abulale ukususela ekuqalekeni; oziqaqadekisileyo iintliziyo zabantu kangangokuba bababulale abaprofeti, baze babaxulube ngamatye, baze babakhuphele ngaphandle ukususela ekuqalekeni.

26 Ngako oko, mna, Moronayi, ndiyalelwe ukuba ndizibhale ezi zinto ukuze ububi bube nokupheliswa, kwaye nokokuba ilixa libe nokufika lokokuba uSathana aangabi nawo amandla phezu kweentliziyo zabantwana babantu, kodwa ukuze babe bnokuthundezwa ekubeni benze okulungileyo ngamaxesha onke, ukuze babe nokuza kuwo umthombo wabo bonke ubulungisa baze basindiswe.