Izibhalo
Etere 7


Isahluko 7

UOriha ulawula ngobulungisa—Phakathi kokuphangwa kwegunya neengxabano, izikumkani ezikhuphisanayo zikaShule noKohore ziyamiselwa—Abaprofeti bayayigxeka inkohlakalo nokukhonza izithixo kwabantu, abathi ke baguquka.

1 Kwaye kwenzekile okokuba uOriha waye wawisa isigwebo phezu kwelizwe ngobulungisa yonke imihla yakhe, omihla yakhe yaba mininzi ngokugqithisileyo.

2 Waza wazala oonyana neentombi; ewe, wazala amashumi amathathu ananye, phakathi kwazo kwakukho oonyana abangamashumi amabini anesithathu.

3 Kwaye kwenzekile okokuba wazala kanjalo uKib ebudaleni bakhe. Kwaye kwenzekile okokuba uKib walawula esikhundleni sakhe; waza uKib wazala uKoriho.

4 Waza uKoriho akuba neminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala wavukela ngokuchasene noyise, waza wawelela ngaphesheya waza wahlala kulo ilizwe likaNehore; waza wazala oonyana neentombi, baza bababahle ngokugqithisileyo; ngako oko uKoriho watsalela kude abantu abaninzi bamlandela.

5 Waza akuba ehlanganise kunye umkhosi wanyukela kulo ilizwe likaMoron apho ukumkani wayehlala khona, waza wamthabathela ekuthinjweni, into leyo eyenza kwenzeka aintetha yomntakwabo Yerede yokokuba baya kuziswa ekuthinjweni.

6 Ngoku ilizwe likaMoron, apho ukumkani wayehlala khona, lalikufuphi nelizwe elibizwa ngokuba yiNkangala ngamaNifayithi.

7 Kwaye kwenzekile okokuba uKib wahlala ekuthinjweni, baza abantu bakhe baba phantsi koKoriho unyana wakhe, wada waba mdala ngokugqithisileyo; nangona kunjalo uKib wazala uShule ebudaleni bakhe, ngeli lixa waye sesekuthinjweni.

8 Kwaye kwenzekile okokuba uShule waba nomsindo ngakumntakwabo; waza uShule waba nokomelela, waza waba namandlakazi njengokomelela komntu; kananjalo waba namandlakazi ekwenzeni isigqibo esilungileyo.

9 Ngako oko, weza kuyo induli iEfrayim, kwaye waye wanyibilikisa intsimbi ekrwada ephuma kuyo induli, waza webenzela amakrele ngentsimbi eyomeleleyo esenzela abo waye ebatsalele kude kunye naye; waza emva kokuba ebaxhobisile ngamakrele wabuyela kuso isixeko iNehore, waza waya kulwa idabi nomntakwabo uKoriho, ngalo ndlela wabuzuza ubukumkani waza wabubuyisela kuyise uKib.

10 Kwaye ngoku ngenxa yento leyo awathi uShule wayenza, uyise wabunikela kuye ubukumkani; ke ngoko waqalisa ukulawula esikhundleni sikayise.

11 Kwaye kwenzekile okokuba waye wawisa isigwebo ngobulungisa; kwaye waye wabandisa ubukumkani bakhe phezu kwabo bonke ubuso belizwe, kuba abantu basuka baba baninzi ngokugqithisileyo.

12 Kwaye kwenzekile okokuba uShule kanjalo wazala oonyana abaninzi neentombi.

13 Waza uKoriho wazohlwaya ngobubi obuninzi awathi wabenza; ngako oko uShule wamnika ukongama ebukumkanini bakhe.

14 Kwaye kwenzekile okokuba uKoriho waba noonyana abaninzi neentombi. Kwaye phakathi koonyana bakaKoriho kwakukho omnye ogama lakhe lalinguNowa.

15 Kwaye kwenzekile okokuba uNowa wavukela ngokuchasene noShule, ukumkani, kananjalo noyise uKoriho, waza watsalela kuye uKohore umntakwabo, kananjalo nabo bonke abazalwana bakhe nesininzi sabantu.

16 Waza walwa idabi noShule, ukumkani, awathi kulo walizuza ilizwe lelifa labo lokuqala; waza waba ngukumkani phezu kwaloo mmandla welizwe.

17 Kwaye kwenzekile okokuba walwa idabi kwakhona noShule, ukumkani, waza wamthabatha uShule, ukumkani, waza wamthwalela kude njengomthinjwa wangena eMoron.

18 Kwaye kwenzekile njengokuba wayesele eza kumbulala, oonyana bakaShule bachwechwa bangena endlwini kaNowa ngobusuku baza bambulala, baza baluqhekeza ucango lwentolongo baza bamkhuphela ngaphandle uyise wabo, baza bambeka etroneni yakhe kobakhe ubukumkani.

19 Ngako oko, unyana kaNowa waye wabakha ubukumkani bakhe esikhundleni sakhe; nangona kunjalo abazange baphinde bazuze mandla ngaphezu koShule ukumkani, kwaye abantu ababephantsi kolawulo lukaShule ukumkani baye baphumelela ngokugqithisileyo baza baba namandla.

20 Kwaye ilizwe lohlukana; kwaza kwabakho izikumkani ezimbini, ubukumkani bukaShule, nobukumkani bukaKohore, unyana kaNowa.

21 Waza uKohore, unyana kaNowa, wababangela abantu bakhe ukuba balwe idabi ngokuchasene noShule, awathi uShule kulo waboyisa waza wambulala uKohore.

22 Kwaye ngoku uKohore waye enonyana owayebizwa ngokuba nguNimrodi; waza uNimrodi wabunikezela ubukumkani bukaKohore kuye uShule, kwaye waye wazuza ubabalo emehlweni kaShule; ngako oko uShule waye wanikela izenzo ezinkulu zesisa phezu kwakhe, kwaye waye wenza kubukumkani bukaShule ngokweminqweno yakhe.

23 Kananjalo kulawulo lukaShule kwafika abaprofeti phakathi kwabantu, abaye bethunyelwe bevela eNkosini, beprofetha okokuba inkohlakalo anonqulo lwezithixo lwabantu lwaluzisa isiqalekiso phezu kwelizwe, kwaye kumele batshatyalaliswe ukuba babengaguquki.

24 Kwaye kwenzekile okokuba abantu baye benyelisa ngokuchasene nabaprofeti, kwaye baye babahleka. Kwaye kwenzekile okokuba ukumkani uShule waye wawisa isigwebo ngokuchasene nabo bonke abaye benyelisa ngokuchasene nabaprofeti.

25 Kwaye waye wawisa umthetho kulo lonke ilizwe, owawunika amandla kubo abaprofeti okokuba bangaya naphina apho bafuna khona; kwaye ngenxa yoku abantu baziswa enguqukweni.

26 Kwaye ngenxa yokuba abantu baye baguquka kubugwenxa babo nonqulo lwezithixo iNkosi yaye yabasindisa, baza baqalisa ukuphumelela kwakhona elizweni. Kwaye kwenzekile okokuba uShule wazala oonyana neentombi ebudaleni bakhe.

27 Kwaye kwakungasekho zimfazwe ngemihla kaShule; kwaye wazikhumbula izinto ezinkulu eyathi iNkosi yabenzela zona ooyise ngokubazisa angaphesheya kwenzonzobila enkulu bangena kulo ilizwe lesithembiso; ngako oko waye wawisa isigwebo ngobulungisa ngayo yonke imihla yakhe.