Izibhalo
Etere 11


Isahluko 11

Iimfazwe, iimpikiswano, nenkohlakalo zilawula ubomi bamaYeredayithi—Abaprofeti baxela ngexa elingaphambili intshabalalo epheleleyo yamaYeredayithi ngaphandle kokuba bayaguquka—Abantu bayawala amazwi abaprofeti.

1 Kwaye kwafika kanjalo ngemihla kaKhom abaprofeti, baza baprofetha ngentshabalalo yeso sizwe sikhulu ngaphandle kokuba baya kuguquka, baze baguqukele eNkosini, baze bakulahle ukubulala kwabo nenkohlakalo.

2 Kwaye kwenzekile okokuba abaprofeti baliwa ngabantu, baza babalekela kuKhom ngokhuseleko, kuba abantu babezungula ukubatshabalalisa.

3 Baza baprofetha kuye uKhom izinto ezininzi; waza wasikelelwa ngayo yonke intsalela yemihla yakhe.

4 Waze waphila iminyaka emininzi, kwaye wazala uShiblam; waza uShiblam walawula esikhundleni sakhe. Waza umntakwaboShiblam wavukela ngokuchasene naye, kwaza kwaqalisa ukubakho imfazwe enkulu ngokugqithisileyo kulo lonke ilizwe.

5 Kwaye kwenzekile okokuba umntakwaboShiblam wabangela okokuba bonke abaprofeti abathi baprofethe ngentshabalalo yabantu mababulawe.

6 Kwaza kwabakho intlekele enkulu kulo lonke ilizwe, kuba babengqinile okokuba isiqalekiso esikhulu siya kufika phezu kwelizwe, kananjalo naphezu kwabantu, nokokuba kuya kubakho intshabalalo enkulu phakathi kwabo, engazange enjalo ibekho phezu kobuso bomhlaba, kwaye amathambo abo aya kusuka abe anjengemfumba yomhlaba phezu kobuso belizwe ngaphandle kokuba baya kuguquka kuyo inkohlakalo yabo.

7 Baza abaliphulaphulanga ilizwi leNkosi, ngenxa yamayelenqe abo akhohlakeleyo; ngako oko, kwaqalisa ukubakho iimfazwe neembambano kulo lonke ilizwe, kananjalo neendlala ezininzi nezifo ezosulelayo ezibulalayo, kangangokuba kwabakho intshabalalo enkulu, enjenge ngazange yaziwa phezu kobuso bomhlaba; kwaye konke oku kwenzeka ngemihla kaShiblam.

8 Baza abantu baqalisa ukuguquka kubo ubugwenxa babo; kwaye kangangokuba benza njalo iNkosi yaye ayanenceba kubo.

9 Kwaye kwenzekile okokuba uShiblam wabulawa, waza uSete waziswa ekuthinjweni, waza wahlala ekuthinjweni yonke imihla yakhe.

10 Kwaye kwenzekile okokuba uAha, unyana wakhe, waye wabuzuza ubukumkani; kwaye waye walawula phezu kwabantu yonke imihla yakhe. Kwaye waye wenza lonke uhlobo lobugwenxa ngemihla yakhe, awathi ngabo wabangela impalalo yegazi elininzi; kwaye yabambalwa imihla yakhe.

11 Kwaye uEtem, ekubeni eyinzala ka-Aha, waye wabuzuza ubukumkani; kwaye naye kanjalo waye wenza oko kwakukhohlakele ngemihla yakhe.

12 Kwaye kwenzekile okokuba ngemihla kaEtem kwafika abaprofeti abaninzi, baza baprofetha kwakhona kubo abantu; ewe, baye baprofetha okokuba iNkosi iya kubatshabalalisa ngokupheleleyo basuke ebusweni bomhlaba ngaphandle kokuba baguqukile kubo ubugwenxa babo.

13 Kwaye kwenzekile okokuba abantu baziqaqadekisa iintliziyo zabo, baza aabaphulaphula kuwo amazwi abo; baza abaprofeti balusizi baza barhoxa bemka phakathi kwabantu.

14 Kwaye kwenzekile okokuba uEtem waye wawisa isigwebo ngenkohlakalo yonke imihla yakhe; waza wazala uMoron. Kwaye kwenzekile okokuba uMoron waye walawula esikhundleni sakhe; waza uMoron wenza oko kwakukhohlakele phambi kweNkosi.

15 Kwaye kwenzekile okokuba kwavuka aimvukelo phakathi kwabantu, ngenxa yelo yelenqe lifihlakeleyo elaye lakhelwe ukufumana amandla nenzuzo; kwaza kwavela indoda enamandlakazi phakathi kwabo ebugwenxeni, yaza yalwa idabi noMoron eyathi ngalo yabhukuqa isiqingatha sobukumkani; kwaye yaye yasigcina isiqingatha sobukumkani kangangeminyaka emininzi.

16 Kwaye kwenzekile okokuba uMoron waye wayibhukuqa, waza wabuzuza ubukumkani kwakhona.

17 Kwaye kwenzekile okokuba kwavela enye indoda enamandlakazi; kwaye yaye iyinzala yomntakwabo Yerede.

18 Kwaye kwenzekile okokuba yaye yambhukuqa uMoron yaza yabuzuza ubukumkani; ngako oko, uMoron wahlala ekuthinjweni yonke intsalela yemihla yakhe; waza wazala uKoriyantori.

19 Kwaye kwenzekile okokuba uKoriyantori wahlala ekuthinjweni yonke imihla yakhe.

20 Kwaye ngemihla kaKoriyantori kwaye kanjalo kwafika abaprofeti, baza baprofetha ngezinto ezinkulu nezimangalisayo, baza bakhwaza inguquko kubo abantu, kwaye ngaphandle kokuba baya kuguquka iNkosi uThixo iya kuwisa aisigwebo ngokuchasene nabo ukuya kwintshabalalo yabo epheleleyo.

21 Kwaye nokokuba iNkosi uThixo iya kuthumela okanye izise ngaphambili aesinye isizwe ukuba silibange ilizwe, ngamandla ayo, ngokohlobo eyathi yabazisa ngalo ooyise.

22 Kwaye baye bawala onke amazwi abaprofeti, ngenxa yombutho wabo ofihlakeleyo namasikizi akhohlakeleyo.

23 Kwaye kwenzekile okokuba uKoriyantori wazala auEtere, waza wafa, ekubeni ehleli ekuthinjweni yonke imihla yakhe.