Izibhalo
Etere 5


Isahluko 5

Amangqina amathathu nomsebenzi ngokwawo ziya kuma njengobungqina bobunyani beNcwadi kaMormoni.

1 Kwaye ngoku mna, Moronayi, ndiwabhalile amazwi endaye ndiwayalelwe, ngokwenkumbulo yam; kwaye ndikuxelele ngezinto ezo azitywinelwe phezulu; ke ngoko musa ukuzichukumisa ngenjongo yokokuba ungaziguqula; kuba loo nto yalelwe kuwe, ngaphandle kokuba kube lelo lixa ekuya kuba bubulumko kuThixo.

2 Kwaye qaphela unganalo ilungelo elikhethekileyo lokokuba ungawabonisa amacwecwe akwabo baya kuncedisa ukuzisa ngaphambili lo msebenzi;

3 Kwaye akwabathathu aya kuboniswa ngamandla kaThixo; ngako oko baya bkuyazi ngokuqinisekileyo okokuba ezi zinto cziyinyani.

4 Kwaye ngomlomo awamangqina amathathu ezi zinto ziya kumiselwa; kwaye ubungqina babo bathathu, nalo msebenzi, ekuya kuthi kuwo kuboniswe amandla kaThixo kananjalo nelizwi lakhe, athe ngalo uBawo, noNyana, noMoya oyiNgcwele banika ubungqina—kwaye konke oku kuya kuma njengobungqina ngokuchasene nehlabathi ngomhla wokugqibela.

5 Kwaye ukuba kuthe kanti bayaguquka baze abeze kuye uBawo egameni likaYesu, baya kwamkelwa kubo ubukumkani bukaThixo.

6 Kwaye ngoku, ukuba andinalo igunya ngezi zinto, gwebani, kuba niya kuyazi okokuba ndinalo igunya xa sukuba niya kundibona, kwaye siya kuma phambi koThixo ngomhla wokugqibela. Amen.