Izibhalo
1 Nifayi 2


Isahluko 2

ULihayi uthabatha usapho lwakhe ukuya entlango kufuphi noLwandle oluBomvu—Bashiya izinto zabo—ULihayi unikela umnikelo wedini eNkosini ufundisa oonyana bakhe ukugcina imiyalelo—ULeymeni noLemuweli bayambombozela kuyise wabo—UNifayi uyathobela aze athandaze ngokholo; INkosi ithetha naye, kwaye uyonyulwa ukuba ongame phezu kwabakhuluwa bakhe. Malunga 600 P.K.

1 Kuba qaphelani, kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathetha kuye ubawo, ewe, kwanasephupheni, yaza yathi kuye: Usikelelwe wena Lihayi, ngenxa yezinto ozenzileyo; nangenxa yokuba uye wathembeka wabaxelela aba bantu izinto ebendikuyalele zona, qaphela ke, bafuna aukuthabatha ubomi bakho.

2 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi ayayalela ubawo, bkwanasephupheni, okokuba cathabathe usapho lwakhe aze ahambe asinge entlango.

3 Kwaye kwenzekile okokuba aathobele ilizwi leNkosi, ngako oko wenza njengoko iNkosi imyalela.

4 Kwaye kwenzekile okokuba wahamba wasinga entlango. Waza wayishiya indlu yakhe, nelizwe lelifa lakhe, negolide yakhe, nesilivere yakhe, nezinto zakhe ezinexabiso, akathabathanga nto, ngaphandle kosapho lwakhe, nomphako, neentente, waza awahamba wasinga entlango.

5 Waza wehla wafika emideni ekufuphi nonxweme aloLwandle oluBomvu; wahamba entlango kwimida ekufuphi ngakumbi noLwandle oluBomvu; kwaye waye wahamba entlango kunye nosapho lwakhe, olwaluquka umama wam, uSaraya, nabakhuluwa bam, bababenguLeymeni, uLemuweli, noSem.

6 Kwaye kwenzekile okokuba akuba ehambe iintsuku ezintathu entlango, waxhoma iintente akwintlambo ekufuphi nomlambo wamanzi.

7 Kwaye kwenzekile okokuba wakha aisibingelelo bsamatye, waza wenza umnikelo eNkosini, waza wenza cumbulelo eNkosini uThixo wethu.

8 Kwaye kwenzekile okokuba walibiza igama lomlambo, Leymeni, kwaye wawuthululela kuLwandle oluBomvu, nentlambo leyo yayisemideni kufuphi nechweba lomlambo.

9 Kwaye kuthe xa ubawo ebona okokuba amanzi omlambo athululela emthonjeni woLwandle oluBomvu; waye wathetha kuLeymeni, esithi: Owu wanga ungafana nalo mlambo, ompompozela lonke ixesha emthonjeni wabo bonke ubulungisa!

10 Waza wathetha kanjalo nakuLemuweli: Owu wanga ungafana nale-ntlambo, ungagungqi kwaye uzinze, kwaye ungashenxi ekuyigcineni imiyalelo yeNkosi!

11 Ngoku oku wakuthetha ngenxa yokuqina kweentamo zikaLeymeni noLemuweli; kuba qaphelani baye abambombozela ngezinto ezininzi bngakuyise wabo, ngenxa yokuba waye ceyindoda yemibono, kwaye wayebakhuphe kwilizwe laseYerusalem, ukuba bashiye ilizwe lelifa labo, negolide yabo, nesilivere yabo, nezinto zabo ezinexabiso, ukuba batshabalale entlango. Baza bathi oku wathi wakwenza ngenxa yeengcinga zobudenge bentliziyo yakhe.

12 Baza njalo ke uLeymeni noLemuweli, ekubeni ingabo abadala, bambombozela ngakuyise wabo. Bambombozela kuba abengazazi iinkqubo zaloo Thixo wabadalayo.

13 Babengakholwa nokuba iYerusalem, eso sixekokazi, asinokutshatyalaliswa ngokwamazwi abaprofeti. Kwaye babefana namaYuda aseYerusalem, awayezungula ukuthabatha ubomi bukabawo.

14 Kwaye kwenzekile okokuba ubawo athethe nabo kwintlambo kaLemuweli, aenamandla, kwaye ezaliswe nguMoya, yade imizimba yabo byangcangcazela phambi kwakhe. Waza wabathoboza, ukuze bangabinako nokumphikisa; ngako oko benza ngokwemiyalelo yakhe.

15 Waza ubawo wahlala ententeni.

16 Kwaye kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndingoyena mncinane kakhulu, kodwa ndimkhulu ngomzimba, kwaye ndinomnqweno omkhulu wokwazi aiimfihlelo zikaThixo, ngako oko, ndakhala eNkosini; kwaye qaphela byandifikela, cyayithambisa intliziyo yam ukuze dndiwakholelwe onke amazwi athethwa engubawo; ngako oko andikhange ndimvukele njengabakhuluwa bam.

17 Kwaye ndathetha noSem, ndimazisa izinto iNkosi endicacisele zona ngoMoya wayo oyiNgcwele. Kwaye kwenzekile okokuba akholelwe ngamazwi am.

18 Kodwa, qaphela, uLeymeni noLemuweli abafunanga ukuwamamela amazwi am; ndaza andilusizi ngenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zabo, ndakhala eNkosini ngabo.

19 Kwaye kwenzekile okokuba iNkosi yathetha nam, isithi: Usikelelwe wena, Nifayi, ngenxa ayokholo lwakho, kuba undifune ngenyameko, nokuthobeka kwentliziyo.

20 Kwaye kangangokuba niya kuyigcina imiyalelo yam, niya akuphumelela, niya kukhokelelwa belizweni lesithembiso; ewe, nalo ilizwe endililungiselele nina; ewe, ilizwe elikhethekileyo ngaphezulu kunawo onke amanye amazwe.

21 Kwaye kangangokuba abakhuluwa bakho beya kuvukela ngokuchasene nawe, baya akusikelwa ngaphandle kubo ubuso beNkosi.

22 Kwaye kangangokuba uya kuyithobela imiyalelo yam, uya kwenziwa aumlawuli notitshala phezu kwabantakwenu.

23 Kuba qaphela, ngaloo mhla baya kuthi bandivukele, ndiya akubaqalekisa kwa ngesiqalekiso esibuhlungu, kwaye abayi kuba namandla phezu kwembewu yakho ngaphandle kokuba kanjalo baya kundivukela.

24 Kwaye ukuba baya kuthi bandivukele, baya kuba asisibetho kwimbewu yakho, bukubavuselela ezindleleni zenkumbulo.