Izibhalo
Hilamani 14


Isahluko 14

USamuweli uxela ngexa elingaphambili ukukhanya ngexesha lasebusuku nangenkwenkwezi entsha ekuzalweni kukaKrestu—UKrestu ukhulula abantu ekufeni kwenyama nomphefumlo—Imiqondiso yokufa Kwakhe iquka iintsuku ezintathu zobumnyama, ukuqhekeka kwamatye, neentlekele ezinkulu zendalo. Malunga 6 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba uSamuweli, umLeymenayithi, waye waprofetha ezinye izinto ezinkulu ezininzi ngakumbi ezingenako ukubhalwa.

2 Kwaye qaphelani, wathi kubo: Qaphelani, ndininika umqondiso; kuba kuseza iminyaka emihlanu engakumbi, kwaye qaphelani, ngoko uyeza uNyana kaThixo ukuza kukhulula bonke abo baya kukholwa egameni lakhe.

3 Kwaye qaphelani, oku ndiza kuninika njengomqondiso ngelixa lokuza kwakhe; kuba qaphelani, kuya kubakho ukukhanya okukhulu ezulwini, kangangokuba ngobusuku obandulela ukuza kwakhe akuyi kubakho bumnyama, kangangokuba kuya kukhangeleka ebantwini ngokungathi kwakusemini.

4 Ke ngoko, kuya kubakho imini enye nobusuku nemini, ngokungathi bekuyimini enye kwaye bungekho ubusuku; kwaye oku kuya kuba njengomqondiso kuni; kuba niya kube nisazi ngokuvela kwelanga kananjalo nokutshona kwalo; ke ngoko baya kukwazi ngokuqinisekileyo ukuba kuya kubakho iimini ezimbini nobusuku; nangona kunjalo ubusuku abuyi kuba mnyama; kwaye buya kuba bubusuku obandulela ukuzalwa kwakhe.

5 Kwaye qaphelani, kuya kuvela inkwenkwezi entsha, eningazange nayibone enjengayo; kwaye oku kanjalo kuya kuba ngumqondiso kuni.

6 Kwaye qaphelani akuphelelanga apho, kuya kubakho imiqondiso nemimangaliso emininzi ezulwini.

7 Kwaye kuya kwenzeka okokuba nonke niya kukhwankqiswa, kwaye nimangaliswe, kangangokuba niya kuwela emhlabeni.

8 Kwaye kuya kwenzeka okokuba nabani na oya kukholwa kuNyana kaThixo, lowo uya kufumana ubomi obungunaphakade.

9 Kwaye qaphelani, iNkosi indiyalele njalo, ngengelosi yayo, ukuba mandize kwaye ndiyixele le nto kuni; ewe, iyalele okokuba mandiprofethe ezi zinto kuni; ewe, ithe kum: Danduluka kwaba bantu, guqukani niwulungise umendo weNkosi.

10 Kwaye ngoku, ngenxa yokokuba ndingumLeymenayithi, kwaye ndithethe nani amazwi ethe iNkosi yandiyalela, nangenxa yokuba abelukhuni kuni, ninomsindo ngakum kwaye nifuna ukunditshabalalisa, kwaye nindigxothele ngaphandle ndiphume phakathi kwenu.

11 Kwaye niza kuwaphulaphula amazwi am, kuba, kungeso sizathu ndize phezu kwezi ndonga zesi sixeko, ukuze nive kwaye nazi ngezigwebo zikaThixo ezinilindileyo ngenxa yobugwenxa benu, kananjalo kwakunye nokuze nazi ngeemfuneko zemigaqo yenguquko;

12 Kananjalo nokuze nibe nokwazi ngokuza kukaYesu Krestu, uNyana kaThixo, uYise wezulu nomhlaba, uMdali wento zonke ukususela ekuqalekeni; kwaye nokuze nibe nokwazi ngemiqondiso yokuza kwakhe, ngenjongo yokokuba nikholwe egameni lakhe.

13 Kwaye ukuba niyakholwa egameni lakhe niya kuguquka kuzo zonke izono zenu, ukuze ngalo nibe nokufumana uxolelo lwazo ngemisebenzi yakhe emihle.

14 Kwaye qaphelani, kwakhona, ndininika omnye umqondiso, ewe, umqondiso wokufa kwakhe.

15 Kuba qaphelani, ngokuqinisekileyo kufuneka ukuba afe ukuze usindiso lufike; ewe, kufanele kwaye kuyimfuneko ukuba afe, ukuze kwenzeke uvuko lwabafileyo, ukuze ngalo abantu babenako ukuziswa ebusweni beNkosi.

16 Ewe, qaphelani, oku kufa kuzisa uvuko, kwaye kukhulula lonke uluntu ekufeni kokuqala—okwa kufa kwasemoyeni; kuba lonke uluntu, ngokuwa kuka-Adam belusikelwe ngaphandle kobuso beNkosi, luthatyathwa njengabafileyo, kunye ngokwezinto zenyama kwaye nakuzo izinto zomoya.

17 Kodwa qaphelani, uvuko lukaKrestu lukhulula uluntu, ewe, kwanalo lonke uluntu, kwaye lubabuyisela ebusweni beNkosi.

18 Ewe, kwaye kuzisa imfuneko yokuguquka, ukuze nabani na oguqukayo kwaye nalowo akayi kugawulelwa phantsi aze aphoswe emlilweni; kodwa nabani na ongaguqukiyo ugawulelwa phantsi aze aphoswe emlilweni; kwaye kuze kwakhona ukufa komoya phezu kwabo, ewe, ukufa kwesibini, kuba basikelwa ngaphandle kwakhona ngokwezinto eziphathelene nobulungisa.

19 Ke ngoko guqukani, guqukani, hleze ngokuba nizazi ezi zinto nize ningazenzi niya kuziyekela ukuba nize phantsi kwesigwebo, kwaye nithotyelwe ezantsi kokukufa kwesibini.

20 Kodwa qaphelani, njengoko senditshilo kuni malunga nomnye umqondiso, umqondiso wokufa kwakhe, qaphelani, ngaloo mhla xa eya kunyamezela ukufa ilanga liya kuba mnyama lingafuni ukunika ukukhanya kwalo; kananjalo nenyanga neenkwenkwezi; kwaye akuyi kubakho kukhanya phezu kobuso beli lizwe, kwanokususela kwilixa lokokuba esiya kunyamezela ukufa, kangangesithuba seentsuku ezintathu, ukuya kwelo lixa lokokuba ngexesha eya kuvuka kwakhona kwelabafileyo.

21 Ewe, ngelixa lokokuba eya kunikezela umphefumlo kuya kubakho iindudumo nemibane kangangesithuba seeyure ezininzi, kwaye umhlaba uya kunyikima kwaye ungcangcazele; aze amatye aphezu kobuso balo mhlaba, ekunye ngaphezu komhlaba kwaye nangaphantsi, eniwaziyo ukuba ngeli lixa aluqilima, okanye inxalenye engakumbi yawo isisithabazi esinye esiliqilima, aya kuqhekeka.

22 Ewe, aya kuqhekeka kubini, kwaye emva koko aya kufunyanwa esoloko enjalo eziingcamba, kwaye eziintanda, kwaye ephuke aziingceba phezu kobuso bawo wonke umhlaba, ewe, kunye phezu komhlaba kwaye nangaphantsi.

23 Kwaye qaphelani, kuya kubakho izaqhwithi ezoyikekayo, kwaye kuya kubakho iintaba ezininzi eziwiswe phantsi, zifane nentlambo, kwaye kuya kubakho iindawo ezininzi ngoku ezibizwa ngokuba zizintlambo eziya kuba ziintaba, ezinokuphakama okukhulu.

24 Kwaye imimendo emininzi iya kuqhekezwa, kwaye nezixeko ezininzi ziya kuba yinkangala.

25 Kwaye amangcwaba amaninzi aya kuvuleka, kwaye aya kubakhupha abaninzi abafileyo bawo; kwaye abangcwele abaninzi baya kubonakala kwabaninzi.

26 Kwaye qaphelani, ithethe njalo ke ingelosi kum; kuba ithe kum kuya kubakho iindudumo nemibane kangangethuba leeyure ezininzi.

27 Kwaye yathi kum zakuba iindudumo nombane ziphelile, noqhwithelo, ezi zinto ziya kubakho, kwaye nokuba ubumnyama buya kubugubungela ubuso bawo wonke umhlaba kangangesithuba seentsuku ezintathu.

28 Kwaye ingelosi yathi kum abaninzi baya kubona izinto ezinkulu ngaphezulu kunezi, ngenjongo yokokuba babe nokukholelwa okokuba le miqondiso nemimangaliso kumele yenzeke phezu kwabo bonke ubuso beli lizwe, ngenjongo yokokuba kungabikho nobangela wokungakholwa phakathi kwabantwana babantu—

29 Kwaye oku kungenjongo yokokuba nabanina oya kukholelwa abe nokusindiswa, nokokuba nabanina abangayi kukholelwa, isigwebo sobulungisa sibe nokufika phezu kwabo; kananjalo ukuba bayagwetywa bazizisele phezu kwabo esabo isigwebo.

30 Kwaye ngoku khumbulani, khumbulani, bazalwana bam, okokuba nabani na otshabalalayo, uya zitshabalalela; kwaye nabani na owenza ubugwenxa, uyazenzela; kuba qaphelani, nikhululekile; nivunyelwe ukuba nizenzele, kuba qaphelani, uThixo uninikile ulwazi kwaye unenze nakhululeka.

31 Uninikile okokuba nibe nokwazi okulungileyo kokubi, kwaye uninikile okokuba nibe nokukhetha ubomi okanye ukufa; kwaye ninokwenza okulungileyo nize nibuyiselwe koko kulungileyo, okanye nibenako oko kulungileyo kubuyiselwe kuni; okanye ninokwenza ububi nize nifumane ukuba oko kubi kubuyiselwa kuni.