Izibhalo
Hilamani 6


Isahluko 6

Amalungisa angamaLeymenayithi ashumayela kwabakhohlakeleyo abangamaNifayithi—Kunye abantu bayaphumelela ngexesha loxolo nentlutha—ULusifa, oyimbangi yesono, uvuselela iintliziyo zabakhohlakeleyo nabaphangi amaGadiyantoni ekubulaleni nenkohlakalo—Abaphangi bathabatha ulawulo loburhulumente bamaNifayithi. Malunga 29–23 P.K.

1 Kwaye kwenzekile okokuba wakuba owamashumi amathandathu anesibini unyaka wolawulo lwabagwebi uphelile, zonke ezi zinto zazenzekile kwaye amaLeymenayithi asuka, inxalenye yawo engakumbi, yaba ngabantu abangamalungisa, kangangokuba aubulungisa bawo babodlula obo bamaNifayithi, ngenxa yokuzinza kwawo nokuqina kwawo elukholweni.

2 Kuba qaphelani, babebaninzi abamaNifayithi ababesuke abaqaqadeka kwaye beyimiqaqoba kwaye bekhohlakele ngokugqithisileyo, kangangokuba baye balikhanyela ilizwi likaThixo kwaye nako konke ukushunyayelwa nokuprofetha okwathi kwafika phakathi kwabo.

3 Nangona kunjalo, abantu bebandla baye baba novuyo olukhulu ngenxa yenguquko yamaLeymenayithi, ewe, ngenxa yebandla likaThixo, ebelimiselwe phakathi kwabo. Kwaye baye baba anobudlelane omnye komnye, kwaye bagcoba omnye komnye, kwaye baye baba novuyo olukhulu.

4 Kwaye kwenzekile okokuba abaninzi bamaLeymenayithi baye behlela ezantsi bangena kulo ilizwe laseZarahemla, kwaye baye bavakalisa kubo abantu bamaNifayithi uhlobo alwenguquko yabo, kwaye baye bawabongozela kulo ukholo nenguquko.

5 Ewe, kwaye amaninzi aye ashumayela ngamandla amakhulu ngokugqithisileyo negunya, ekuthobeleni ezantsi abaninzi babo enzulwini yentobeko, ukuba babe ngabalandeli abathobekileyo bakaThixo neMvana.

6 Kwaye kwenzekile okokuba abaninzi bamaLeymenayithi baye bahamba bangena kulo ilizwe elingasemantla; kananjalo noNifayi noLihayi bahamba bangena kulo ailizwe elingasemantla, ukuya kushumayela kubo abantu. Waza njalo waphela unyaka wamashumi amathandathu anesithathu.

7 Kwaye qaphelani, kwabakho uxolo kulo lonke ilizwe, kangangokuba amaNifayithi aye ahamba aya nakuwuphina ummandla welizwe abawufunayo, nokokuba kuphakathi kwamaNifayithi okanye amaLeymenayithi.

8 Kwaye kwenzekile okokuba amaLeymenayithi aye nawo kanjalo aya naphina apho afuna khona, nokokuba kwakuphakathi kwamaLeymenayithi okanye phakathi kwamaNifayithi; kwaye njalo aye aba nokuhambelana okukhululekileyo omnye kunye nomnye, ukuthenga nokuthengisa, kwaye nokufumana inzuzo, ngokweminqweno yabo.

9 Kwaye kwenzekile okokuba baye basuka baba zizityebi ngokugqithisileyo, kunye amaLeymenayithi namaNifayithi; kwaye baba nobuninzi obugqithileyo begolide nobesilivere, kwaye nobalo lonke uhlobo lwezinyithi ezixabisekileyo, kulo ilizwe elisemazantsi kwakunye nakulo ilizwe elisemantla.

10 Ngoku ilizwe elisemazantsi lalibizwa ngokuba yiLihayi, laza ilizwe elisemantla labizwa ngokuba ayiMyuleki, elabizwa ngonyana kaZedekiya; kuba iNkosi yaye yamzisa uMyuleki kulo ilizwe elisemantla, yaza yazisa uLihayi kulo ilizwe elisemazantsi.

11 Kwaye qaphelani, kwakukho lonke uhlobo lwegolide kuwo omabini la mazwe, nolwesilivere, nesinyithi esikrwada yalo lonke udidi; kwaye kwakukho kananjalo abasebenzi abanobuchule, abathi basebenza lonke udidi lwesinyithi esikrwada kwaye aye asicolisisa; kwaye njalo baye basuka baba zizityebi.

12 Baye balima iinkozo ngobuninzi, kunye emantla kwaye nasemazantsi; kwaye baye bachuma ngokugqithisileyo, kunye emantla kwaye nasemazantsi. Kwaye baye baphinda-phindeka baza baba nokomelela ngokugqithisileyo elizweni. Kwaye baye bafuya imihlambi yempahla emfutshane emininzi nemihlambi yeenkomo, ewe, kwaye namathole atyetyisiweyo amaninzi.

13 Qaphelani abafazi babo baye basebenza nzima kwaye besoluka, kwaye baye benza lonke uhlobo lwelaphu, lwelineni eyolukwe ngokucekethekileyo nelaphu lwalo lonke udidi, ukuba bambese ubuze babo. Waza njalo unyaka wamashumi amathandathu anesine wegqitha ngoxolo.

14 Kwaye ngonyaka wamashumi amathandathu anesihlanu baye kanjalo baba novuyo olukhulu noxolo, ewe, ukushumayela okuninzi neziprofetho ezininzi ngokunxulumene noko kwakusezayo. Waza njalo wegqitha unyaka wamashumi amathandathu anesihlanu.

15 Kwaye kwenzekile okokuba kowamashumi amathandathu anesithandathu unyaka wolawulo lwabagwebi, qaphelani, auSezoram wabulawa ngesandla esingaziwayo njengokuba wayehleli phezu kwesihlalo-sokugweba. Kwaye kwenzekile okokuba kwakuwo lo nyaka, wathi unyana wakhe, owayenyulwe ngabantu esikhundleni sakhe, naye kanjalo wabulawa. Waza njalo waphela unyaka wamashumi amathandathu anesithandathu.

16 Kwaza ekuqalekeni konyaka wamashumi amathandathu anesixhenxe abantu baqalisa ukukhulelwa kukukhohlakala okugqithisileyo kwakhona.

17 Kuba qaphelani, iNkosi yayibasikelele ixesha elide ngobutyebi behlabathi ukuze bangavuselelwa emsindweni, nakwiimfazwe, nakwimpalalo-gazi; ke ngoko baqalisa ukubeka iintliziyo zabo phezu kobutyebi babo; ewe, baqalisa ukuzama ukufumana inzuzo ukuze babe nokuphakanyiselwa phezulu omnye ngaphezulu kunomnye; ke ngoko baqalisa ukwenza aukubulala okusekhusini, nokuphanga nokurhwaphiliza, ukuze babe nokufumana inzuzo.

18 Kwaye ngoku qaphelani, abo babulali nabarhwaphilizi babeliqela elalibunjwe nguKhishkumeni anoGadiyantoni. Kwaye ngoku kwaye kwenzeka okokuba baba baninzi, kwanaphakathi kwamaNifayithi, abeqela likaGadiyantoni. Kodwa qaphelani, babebaninzi ingakumbi phakathi kwenxalenye ekhohlakele ngakumbi yamaLeymenayithi. Kwaye babebizwa ngokuba ngabaphangi bakaGadiyantoni nababulali.

19 Kwaye yayingabo abaye babulala umgwebi oyintloko uSezoram, nonyana wakhe, ngelixa babekuso isihlalo-sokugweba ; kwaye qaphelani, abazange bafunyanwa.

20 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba amaLeymenayithi efumanisile okokuba kwakukho abaphangi phakathi kwawo abalusizi ngokugqithisileyo; kwaye aye asebenzisa iintlobo zonke ezisemandleni awo ukubatshabalalisa baphele phezu kobuso bomhlaba.

21 Kodwa qaphelani, uSathana waye wazivuselela iintliziyo zenxalenye engakumbi yamaNifayithi, kangangokuba aye amanyana kunye naloo maqela abaphangi, aza angena kuyo iminqophiso yawo nezifungo zawo, zokokuba aya kukhuselana kwaye alondolozane omnye nomnye nakuziphina iimeko ezinzima anokuthi abekwe kuzo, ukuze angeva bunzima ngokubulala kwawo, nokurhwaphiliza kwawo, nokuba kwawo.

22 Kwaye kwenzekile okokuba baye baba nemiqondiso yabo, ewe, imiqondiso yabo eyimfihlelo anamagama abo ayimfihlelo; kwaye oku ukuze babe nokumahlula umlingane ongene kuwo umnqophiso, ukuze nayiphina inkohlakalo umlingane wakhe anokuyenza angenzakaliswa ngumlingane wakhe, nangabo abo abangabeqela lakhe, abathabathe lo mnqophiso.

23 Baze njalo babe nokubulala, kwaye barhwaphilize, kwaye bebe, kwaye benze uhenyuzo nalo lonke uhlobo lwenkohlakalo, ephikisana nemithetho yelizwe kananjalo nemithetho yoThixo wabo.

24 Kwaye nobanina ababo abangabeqela labo abangayivezayo ehlabathini ainkohlakalo yabo namasikizi abo, bangacikidwa, ingekuko okwasemithethweni yelizwe, kodwa ngokwemithetho yenkohlakalo yabo, eyayinikwe nguGadiyantoni noKhishkumeni.

25 Ngoku qaphelani, zizo ezi azifungo zifihlakeleyo neminqophiso awathi uAlma wayalela unyana wakhe ukuba zingabheki phambili ziye ehlabathini, hleze zibe yindlela yokubazisa ezantsi abantu entshabalalweni.

26 Ngoku qaphelani, ezo azifungo zifihlakeleyo neminqophiso ayizange ize ngaphambili ize kuGadiyantoni isuka kuzo iimbali ezaye zinikelwe kuye uHilamani; kodwa qaphelani, zaye zafakwa entliziyweni kaGadiyantoni bkwanguye laa mntu owathi walukuhla abazali bethu bokuqala ukuba bathabathe batye kuso isiqhamo esalelweyo—

27 Ewe, kwayena loo mntu owaye wenza iyelenqe kunye anoKayin, lokokuba ukuba angambulala umntakwabo uAbheli ayinakwaziwa ehlabathini. Kwaye waye wenza iyelenqe kunye noKayin nabalandeli bakhe ukususela kwelo lixa ukubheka phambili.

28 Kananjalo ikwanguye loo mntu owathi wayifaka ezintliziyweni zabantu ukuba abakhe inkcochoyi ephakame ngokwaneleyo ukuze babe nokufikelela ezulwini. Kwaye yayikwanguye loo mntu owathi wakhokelela abantu ababesuka kuloo ncochoyi kulo eli lizwe; owathi wasasaza imisebenzi yobumnyama namasikizi phezu kwabo bonke ubuso belizwe, wada wabarhuqela abantu ezantsi kuyo bintshabalalo epheleleyo, nakuso isihogo sanaphakade.

29 Ewe, ikwanguye loo mntu owathi wayifaka entliziyweni akaGadiyantoni into yokuba aqhubeke njalo nomsebenzi wobumnyama, nowokubulala okufihlakeleyo; kwaye uyizise ngaphambili ukususela ekuqalekeni komntu kwanokuhla ukuza kweli lixa.

30 Kwaye qaphelani, nguye aoyimbangi yaso sonke isono. Kwaye qaphelani, uthi aqhubeke ngayo imisebenzi yakhe yobumnyama nokubulala okufihlakeleyo, kwaye uthi awanikezele ukuhlela ezantsi amayelenqe abo, nezifungo zabo, neminqophiso yabo, namacebo enkohlakalo eyoyikekayo, ukusuka kuso isizukulwana ukuya kwesinye isizukulwana ngokokufikelela kwakhe phezu kweentliziyo zabantwana babantu.

31 Kwaye ngoku qaphelani, ufikelele kakhulu phezu kweentliziyo zamaNifayithi; ewe, kangangokuba asuke akhohlakala ngokugqithisileyo; ewe, inxalenye engakumbi yawo iphambukile endleleni yobulungisa, kwaye aayinyathele phantsi kweenyawo zawo imiyalelo kaThixo, aza aphambukela kwezawo iindlela, aza azakhela ezawo izithixo zegolide yawo nesilivere yawo.

32 Kwaye kwenzekile okokuba bonke obu bugwenxa baye beza kubo ngethuba aleminyaka emininzi, kangangokuba inxalenye eninzi yabo yeza kubo kowamashumi amathandathu anesixhenxe unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi.

33 Kwaye baye bakhula kubugwenxa babo kunyaka wamashumi amathandathu anesibhozo kanjalo, kusizi olukhulu nesijwili kumalungisa.

34 Kwaye njalo siyabona okokuba amaNifayithi aye aqalisa ukunya ephelela ekungakholweni, kwaye akhula ngenkohlakalo namasikizi, ngeli lixa amaLeymenayithi eqalisa ukukhula ngokugqithisileyo elwazini ngoThixo wawo; ewe, aye aqalisa ukuyigcina imimiselo yakhe nemiyalelo, nokuhamba enyanisweni nokuthi mbo phambi kwakhe.

35 Kwaye njalo siyabona okokuba uMoya weNkosi waqalisa aukurhoxa kuwo amaNifayithi, ngenxa yenkohlakalo nokuqaqadeka kweentliziyo zawo.

36 Kwaye njalo siyabona okokuba iNkosi yaye yaqalisa ukuwuthulula uMoya wayo phezu kwamaLeymenayithi, ngenxa yokukhaphukhaphu nokuzimisela kwawo ukuwakholelwa amazwi ayo.

37 Kwaye kwenzekile okokuba amaLeymenayithi aye abazingela abaphangi bakaGadiyantoni; kwaye aye alishumayela ilizwi likaThixo phakathi kwalawo akhohlakele ngakumbi abo, kangangokuba eli qela labaphangi latshatyalaliswa ngokupheleleyo phakathi kwamaLeymenayithi.

38 Kwaye kwenzekile kwelinye icala, okokuba amaNifayithi aye abakhulisa kwaye abaxhasa, eqalisa kuloo nxalenye ikhohlakele ngakumbi yabo, bade basasazeka phezu kwalo lonke ilizwe lamaNifayithi, kwaye bahenda inxalenye engakumbi yamalungisa ade ehlela ekukholelweni kuyo imisebenzi yabo kwaye bathabatha kuzo izinto abaziphangileyo, nokuzimanyanisa kunye nabo ekubulaleni kwabo okufihlakeleyo namayelenqe abo.

39 Kwaye njalo baye bazuza ulawulo loburhulumente bodwa, kangangokuba baye babanyathela phantsi kweenyawo zabo kwaye bababetha kwaye babahlungisa kwaye babafulathela aabangamahlwempu nabalulamileyo, nabalandeli abathobekileyo bakaThixo.

40 Kwaye njalo siyabona okokuba babekwimo eyoyikekayo, kwaye abevuthelwa intshabalalo yanaphakade.

41 Kwaye kwenzekile okokuba njalo waphela owamashumi amathandathu anesibhozo unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bakaNifayi.