Izibhalo
Hilamani 13


Isiprofetho sikaSamuweli, umLeymenayithi, esibhekisa kumaNifayithi.

Iquka izahluko 13 ukuya ku 15.

Isahluko 13

USamuweli umLeymenayithi uprofetha ngokutshabalala kwamaNifayithi ngaphandle kokuba ayaguquka—Bona nobutyebi babo baqalekisiwe—Bala kwaye baxulube abaprofeti, barhangqwe ziidemoni, kwaye bafuna ulonwabo ngokwenza ubugwenxa. Malunga 6 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile kunyaka wamashumi asibhozo anesithandathu, amaNifayithi ayesahleli enkohlakalweni, ewe, enkohlakalweni enkulu, ngeli lixa aamaLeymenayithi ayekuqwalasele ngqongqo ukuyigcina imiyalelo kaThixo, ngokomthetho kaMoses.

2 Kwaye kwenzekile okokuba kulo nyaka kwabakho omnye onguSamuweli, umLeymenayithi, oweza elizweni laseZarahemla, waza waqalisa ukushumayela ebantwini. Kwaye kwenzekile okokuba waye washumayela, iintsuku ezininzi, inguquko ebantwini, kwaye baye bamkhuphela ngaphandle, kwaye wayesele eza kubuyela elizweni lakhe.

3 Kodwa qaphelani, ilizwi leNkosi leza kuye, lokokuba makabuyele kwakhona, aze aprofethe ebantwini nangantoni na eya kufika aentliziyweni yakhe.

4 Kwaye kwenzekile okokuba bangamvumeli okokuba angene kuso isixeko; ke ngoko wahamba waza wakhwela phezu kodonga lwaso, kwaye wolula isandla sakhe waza wadanduluka ngelizwi elikhulu, waza waprofetha ebantwini nantoni na iNkosi ethe yayifaka entliziyweni yakhe.

5 Waza wathi kubo: Qaphelani, mna, Samuweli, umLeymenayithi, ndithetha amazwi eNkosi ethe yawafaka entliziyweni yam; kwaye qaphelani ufake entliziyweni yam ukuba ndithi kwaba bantu, aikrele lobulungisa lijinga phezu kwaba bantu; kwaye amakhulu amane eminyaka awayi kudlula ngaphandle kokuba eli krele lobulungisa liwele phezu kwaba bantu.

6 Ewe, aba bantu balindwe ayintshabalalo enzima, kwaye ngokwenene iyeza kwaba bantu, kwaye akukho nto inokubasindisa aba bantu ngaphandle kokuba kube yinguquko nokholo eNkosini uYesu Krestu, oya kuza ngokwenene emhlabeni, uya kunyamezela izinto ezininzi kwaye uya kubulawa ngenxa yabantu bakhe.

7 Kwaye qaphelani, aingelosi yeNkosi ikuvakalisile kum, kwaye izise biindaba zovuyo emphefumlweni wam. Kwaye qaphelani, ndithunyelwe kuni ukuza kunibhengezela kanjalo, ukuze nibe nokufumana iindaba zovuyo; kodwa qaphelani anifunanga kundamkela.

8 Ke ngoko, itsho njalo iNkosi: Ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabantu bamaNifayithi, ngaphandle kokuba baguquke ndiya kulisusa ilizwi lam kubo, kwaye ndiya akuwurhoxisa noMoya wam kubo, kwaye andiyi kuphinda ndibayekele, kwaye ndiya kuziguqula iintliziyo zabazalwana babo ngokuchasene nabo.

9 Kwaye aiminyaka engamakhulu amane ayisayi kudlula ngaphambi kokuba ndibabangele ukuba babethwe; ewe, ndiya kubavelela ngekrele nendlala nangobhubhane.

10 Ewe, ndiya kubavelela ngomsindo wam owoyikekayo, kwaye kuya kubakho abo benzala ayesizukulwana sesine abaya kuphila, abeentshaba zenu, ukuba babone ukutshabalala kwenu okupheleleyo; kwaye oku kuya kwenzeka ngokwenene ngaphandle kokuba niguquke, itsho iNkosi; kwaye abo besizukulwana sesine baya kuyivelela intshabalalo yenu.

11 Kodwa ukuba niya kuguquka nize anibuyele kuyo iNkosi uThixo wenu ndiya kuwususa umsindo wam, itsho iNkosi; ewe, itsho njalo iNkosi, basikelelekile abo baya kuguquka kwaye baguqukele kum, kodwa yeha lowo ungaguqukiyo.

12 Ewe, ayeha kwesi sixeko sikhulu saseZarahemla; kuba qaphelani, kungenxa yabo bangamalungisa ukuba sisindiswe; ewe, yeha kwesi sixeko sikhulu, kuba ndiyaqiqa, itsho iNkosi, okokuba baninzi, ewe, kwanenxalenye eninzi yesi sixeko sikhulu, abaya kuziqaqadekisa iintliziyo zabo ngokuchasene nam, itsho iNkosi.

13 Kodwa basikelelekile abo baya kuguquka, kuba bona ndiya kubasindisa. Kodwa qaphelani, ukuba bekungengawo amalungisa akwesi sixeko sikhulu, qaphelani, bendiya kubangela ukuba aumlilo wehle uphuma ezulwini uze usitshabalalise.

14 Kodwa qaphelani, kungenxa yamalungisa ukuze sisindiswe. Kodwa qaphelani, ilixa liyeza, itsho iNkosi, lokokuba xa niwakhuphela ngaphandle amalungisa phakathi kwenu, ke niya kuba nikuvuthelwe ukutshatyalaliswa; ewe, yeha kwesi sixeko sikhulu, ngenxa yenkohlakalo namasikizi akuso.

15 Ewe, kwaye yeha kwisixeko sikaGidiyon, ngenkohlakalo namasikizi akuso.

16 Ewe, kwaye yeha kuzo zonke izixeko ezikulo ilizwe elirhangqileyo, elilawulwa ngamaNifayithi, ngenxa yenkohlakalo namasikizi akuzo.

17 Kwaye qaphelani, aisiqalekiso siya kuza phezu kwelizwe, itsho iNkosi yemiKhosi, ngenxa yezenzo zabantu abaselizweni, ewe, ngenxa yenkohlakalo namasikizi abo.

18 Kwaye kuya kwenzeka, itsho iNkosi yemiKhosi, ewe, uThixo wethu omkhulu nowenene, okokuba nabani na oya akufihla ubutyebi emhlabeni akayi kuphinda abufumane, ngenxa yesiqalekiso esikhulu selizwe, ngaphandle kokuba abe ngumntu olilungisa kwaye oya kubufihlela eNkosini.

19 Kuba ndinga, itsho iNkosi, okokuba baya kubufihlela phezulu ubutyebi babo kum; kwaye baqalekisiwe abo bangabufihleli phezulu kum ubutyebi babo; kuba akukho namnye ubufihlayo ubutyebi bakhe kum ngaphandle kokuba kube ngamalungisa; kwaye lowo ongabufihleli phezulu ubutyebi bakhe kum, uqalekisiwe, kananjalo nobutyebi obo, kwaye akukho namnye oya kubukhulula ngenxa yesiqalekiso selizwe.

20 Kwaye uya kufika umhla wokokuba baya kubufihla ubutyebi babo, ngenxa yokuba bebeke iintliziyo zabo phezu kobutyebi; kwaye nangenxa yokokuba bebeke iintliziyo zabo phezu kobutyebi babo, kwaye baya kubufihla ubutyebi babo xa beya kusaba phambi kweentshaba zabo; ngenxa yokuba bengafuni ukubufihlela kum, baqalekisiwe bona kananjalo nobutyebi babo; kwaye ngaloo mhla baya bethwa, itsho iNkosi.

21 Qaphelani nina, bantu besi sixeko sikhulu, kwaye aniwaphulaphule amazwi am; ewe, phulaphulani amazwi athethwa yiNkosi; kuba qaphelani, ithi niqalekisiwe ngenxa yobutyebi benu, kananjalo nobutyebi benu buqalekisiwe ngenxa yokuba nibeke iintliziyo zenu kubo, kwaye ningawaphulaphulanga amazwi akhe lowo uninike bona.

22 Aniyikhumbuli iNkosi uThixo wenu ngezinto ethe yanisikelela ngazo, kodwa nisoloko nibukhumbula aubutyebi benu, hayi ukubulela iNkosi uThixo wenu ngabo; ewe, iintliziyo zenu azitsalekelanga eNkosini, kodwa zithi zikhukhumale blikratshi elikhulu, ekuzigwagwiseni, nasekukhukhumaleni okukhulu, coomona, iingxabano, inzondo, iintshutshiso, nokubulala, nalo lonke uhlobo lobubi.

23 Kungeso sizathu iNkosi uThixo ibangele ukuba isiqalekiso sibe siya kwehlela phezu kweli lizwe, kananjalo naphezu kobutyebi benu, kwaye oku, kungenxa yobugwenxa benu.

24 Ewe, yeha kwaba bantu, ngenxa yeli lixa lifikileyo, lokokuba nithi anibakhuphele ngaphandle abaprofeti, kwaye nihlekise ngabo, kwaye nibaxulube ngamatye, kwaye nibabulale, kwaye nenze lonke uhlobo lobugwenxa kubo, kwananjengoko babesenza kwabamandulo.

25 Kwaye ngoku xa nithetha, nithi: Ukuba iintsuku imihla yethu yayingemihla ayoobawo bethu bakudala, ngesingababulalanga abaprofeti; ngesingabaxulubanga ngamatye, kwaye sibakhuphele ngaphandle.

26 Qaphelani, nibabi ngakumbi kunabo; kuba njengoko iNkosi iphila, ukuba aumprofeti uza phakathi kwenu aze avakalise kuni ilizwi leNkosi, elingqina ngezono zenu nobugwenxa, niba bnomsindo kuye, nimgxothele ngaphandle kwaye nifune zonke iintlobo zeendlela zokumtshabalalisa; ewe, niya kuthi cungumprofeti wobuxoki, nokuba ungumoni, kwaye ungowomtyholi, ngenxa yokuba dengqina okokuba izenzo zenu zibi.

27 Kodwa qaphelani, ukuba umntu uya kuza phakathi kwenu aze athi: Yenzani oku, kwaye akukho bugwenxa; yenzani okuya aniyi kubandezeleka; ewe, uya kuthi: Landelani ikratshi leentliziyo zenu; ewe, landelani ikratshi lamehlo enu, kwaye nenze nantoni na enqwenelwa ziintliziyo zenu—kwaye ukuba umntu uya kuza phakathi kwenu aze athethe oku, niya kumamkela, kwaye nithi aungumprofeti.

28 Ewe, niya kumphakamisa, kwaye niya kumnika ezinye zezinto zenu; niya kumnika enye yegolide yenu, nenye yesilivere yenu, kwaye niya kumnxibisa izivatho ezinexabiso; ngenxa yokuba ethetha aamazwi anyhwalazayo kuni, kwaye esithi konke kulungile, ke aniyi kufumana siphene kuye.

29 Owu, nina sizukulwana esikhohlakeleyo nesineenkani; nina sizwe siqaqadekileyo nesintamo zilukhuni, nicinga ukuba iNkosi iya kuniyekela kude kube nini? Ewe, kuya kude kube nini niziyekela ukuba nilawulwe ziinkokeli aeziziziyatha bnezizimfama? Ewe, kuya kude kube nini cnikhetha ubumnyama endaweni dyokukhanya?

30 Ewe, qaphelani, umsindo weNkosi sewuphenjiwe ngokuchasene nani; qaphelani, iliqalekise ilizwe ngenxa yobugwenxa benu.

31 Kwaye qaphelani, liyeza ilixa lokuba abuqalekise ubutyebi benu, ukuze bube ampunyululu, ukuze ningakwazi ukububamba; kwaye ngemihla yenu yobuhlwempu aninako ukubugcina.

32 Kwaye ngemihla yenu yobuhlwempu niya kukhala eNkosini; kwaye niya kukhalela ilize, kuba intshabalalo yenu iya kuba seyifikile phezu kwenu, kwaye nentshabalalo yenu iqinisekisiwe; kwaye ke niya kulila nigxwale ngaloo mhla, itsho iNkosi yemiKhosi. Kwaye ke niya kulila, nize nithi:

33 Owu aakwaba bendiguqukile, kwaye ndingababulalanga abaprofeti, kwaye bndingabaxulubanga ngamatye, kwaye ndingabakhuphelanga ngaphandle. Ewe, ngaloo mhla niya kuthi: Owu akwaba besiye sayikhumbula iNkosi uThixo wethu mhla yasipha ubutyebi bethu, kwaye ke ngebungasukanga baba mpunyululu ukuze siphulukane nabo; kuba qaphelani, ubutyebi bethu bumkile kuthi.

34 Qaphelani, sibeka isixhobo sokusebenza apha kwaye ngengomso simkile; kwaye qaphelani, amakrele ethu athatyathiwe kuthi ngomhla besiwafunela idabi.

35 Ewe, siye sabufihla ubutyebi bethu kwaye buphuncukile kuthi, ngenxa yesiqalekiso selizwe.

36 Owu akwaba sasiguqukile ngomhla ilizwi leNkosi lifika kuthi; kuba qaphelani ilizwe liqalekisiwe, kwaye zonke izinto zaba mpunyululu, kwaye asinako ukuzibamba.

37 Qaphelani, singqongwe ziidimoni, ewe, sirhangqwe ngapha nangapha ziingelosi zalowo obefuna ukutshabalalisa imiphefumlo yethu. Qaphelani, ubugwenxa bethu bukhulu. Owu Nkosi, ingaba akungeke uwubuyise umsindo wakho kuthi kusinina? Kwaye le iya kuba yintetho yenu ngaloo mihla.

38 Kodwa qaphelani, aimihla yobulingwa benu idlule; niye bnawulibazisa umhla wosindiso lwenu nade nabasemva kwexesha ngokugqithise ngonaphakade, kwaye intshabalalo yenu iqinisekisiwe; ewe, kuba ngayo yonke imihla yobomi benu benifuna oko beningeke nikuzuze; kwaye nifune culonwabo ngokwenza ubugwenxa, into leyo ephikisana nendalo yobo bulungisa obukwiNtloko yethu enkulu kwaye yaNaphakade.

39 Owu nina bantu belizwe, yanga ningaweva amazwi am! Kwaye ndithandazela okokuba umsindo weNkosi ubuyiswe kuni, nokokuba ningaguquka kwaye nisindiswe.