Izibhalo
Hilamani 8


Isahluko 8

Abagwebi abangcolileyo bazama ukulukuhla abantu ngokuchasene noNifayi—UAbraham, uMoses, Zenoshe, uZenokhi, uEziyasi, uIsaya, uYeremiya, uLihayi, noNifayi bonke bangqina ngoKrestu—Ngempembelelo uNifayi wazisa ukubulawa komgwebi oyintloko. Malunga 23–21 P.K.

1 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba akuba uNifayi ewathethile la mazwi, qaphelani, kwakukho amadoda awayengabagwebi, awaye kanjalo engaweqela elifihlakeleyo likaGadiyantoni, kwaye ayenomsindo, aza adanduluka ngokuchasene naye, esithi kubo abantu: Kungani ningayithabathi le ndoda nize niyizise apha, ukuze ibe nokugwetywa ngokwetyala elo ilenzileyo?

2 Kungani niyibukele le ndoda kwaye niyiva isenyelisa ngokuchasene naba bantu nangokuchasene nomthetho wethu?

3 Kuba qaphelani, uNifayi wayethethe nabo malunga nokonakaliswa komthetho wabo; ewe, zininzi izinto uNifayi awazithethayo ezingenako ukubhalwa; kwaye ayikho into awayithethayo eyayiphikisana nemiyalelo kaThixo.

4 Kwaye abo bagwebi babenomsindo kuye ngenxa yokuba awathetha ngokucacileyo kubo malunga nemisebenzi yabo efihlakeleyo yobumnyama; nangona kunjalo, babengenakulinga ukubeka izandla zabo phezu kwakhe, kuba babesoyika abantu hleze badanduluke ngokuchasene nabo.

5 Ke ngoko baye badanduluka ebantwini, besithi: Kungani niyivumela le ndoda ukuba yenyelise ngokuchasene nathi? Kuba qaphelani uyabagweba bonke aba bantu, kwanasekutshatyalalisweni; ewe, kananjalo okuba nezi zixeko zethu zikhulu ziya kuhluthwa kuthi, nokuba asiyi kuba nandawo kuzo.

6 Kwaye ngoku siyazi okokuba oku akunako ukwenzeka, kuba qaphelani, sinamandla, kwaye nezixeko zethu zikhulu, ke ngoko iintshaba zethu azinakuba nawo amandla phezu kwethu.

7 Kwaye kwenzekile okokuba ngalo ndlela baye babavuselela abantu emsindweni ngokuchasene noNifayi, baza bavuselela iimbambano phakathi kwabo; kuba kwakukho abathile abaye badanduluka: Yiyekeni le ndoda, kuba iyindoda elungileyo, kwaye ezo zinto izithethayo ngokwenene ziza kwenzeka ngaphandle kokuba siguquke;

8 Ewe, qaphelani, zonke izigwebo ziya kufika phezu kwethu athe wazingqina kuthi; kuba siyazi okokuba ungqine kakuhle kuthi malunga nobugwenxa bethu. Kwaye qaphelani buninzi, kwaye auzazi kakuhle zonke izinto eziya kuthi zisehlele njengokuba esazi nangobugwenxa bethu;

9 Ewe, kwaye qaphelani, ukuba ebengenguye umprofeti abengeze abenako ukungqina malunga nezo zinto.

10 Kwaye kwenzekile okokuba abo bantu babezama ukutshabalalisa uNifayi banyanzeleka ngenxa yoloyiko lwabo, ukuba bangazibeki izandla zabo kuye; ke ngoko waqalisa kwakhona ukuthetha nabo, ebona okokuba uzuze ubabalo emehlweni abanye, kangangokuba intsalela yabo yaye yoyika.

11 Ke ngoko wanyanzeleka ukuba athethe ngokungakumbi kubo esithi: Qaphelani, bazalwana bam, anifundanga na okokuba uThixo wanika amandla kwindoda enye, kwanaye uMoses, ukuba abethe phezu kwamanzi aoLwandle oluBomvu, aza ahlukana ngapha nangapha, kangangokuba amaSirayeli, awayengoobawo bethu, awela phezu komhlaba owomileyo aza amanzi ayivalela imikhosi yamaYiputa aza ayiginya?

12 Kwaye ngoku qaphelani, ukuba uThixo wayinika le ndoda amandla anjalo, ke kungani niphikisana phakathi kwenu, kwaye nisithi akandinikanga mandla endinokuthi ngawo ndibe nokwazi malunga nezigwebo eziya kuza phezu kwenu ngaphandle kokuba niguquke?

13 Kodwa, qaphelani, anikhanyeli nje kuphela amazwi am, kodwa kanjalo nikhanyela onke amazwi athethiweyo ngoobawo, kanjalo namazwi athethwe yile ndoda, uMoses, owayenamandla amakhulu kangako awawanikwayo, ewe, amazwi athe wawathetha malunga nokuza kukaMesiya.

14 Ewe, akazange na anike ubungqina bokokuba uNyana kaThixo kumele afike? Kwaye njengoko awayiphakamisayo inyoka yobhedu entlango, kwangolo hlobo uya kuphakanyiswa lowo umele ukuza.

15 Kwaye kangangobuninzi babo abo baya kukhangela phezulu kuloo nyoka baya akuphila, ngokunjalo nangobuninzi babo abo baya kukhangela kuye uNyana kaThixo ngokholo, benomoya otyumkileyo, bbanokuphila, kwanakobo bomi bungunaphakade.

16 Kwaye ngoku qaphelani, uMoses akazange angqine yedwa ngezi zinto, kodwa kanjalo abonke abaprofeti abangcwele, ukususela kwimihla yakhe kwanokuya kuyo imihla ka-Abraham.

17 Ewe, kwaye qaphelani, auAbraham wabona ngokuza kwakhe, waza wazaliswa luvuyo kwaye wagcoba.

18 Ewe, kwaye qaphelani ndithi kuni, uAbraham asinguye yedwa owayesazi ngezi zinto, kodwa babe abaninzi ngaphambi kwemihla ka-Abraham ababebiziwe bngohlobo lukaThixo; ewe, kwana ngokohlobo loNyana wakhe; kwaye oku ukuze kube nokubonakaliswa kubo abantu, iminyaka yamawaka amaninzi kakhulu phambi kokuza kwakhe, ukuze kwanenkululeko ize ifike kubo.

19 Kwaye ngoku ndinga ningazi, okokuba kwanokusuka kwimihla ka-Abraham babekhona abaprofeti abaninzi ababezingqinile ezi zinto; ewe, qaphelani, umprofeti auZenoshe waye wangqina ngenkalipho; nto leyo awathi wabulawa ngayo.

20 Kwaye qaphelani, auZenokhi kanjalo, kananjalo noEziyasi, kananjalo bnoIsaya cnoYeremiya, (uYeremiya ekwanguloo mprofeti owangqina ngentshabalalo dyeYerusalem) kwaye ngoku siyazi okokuba iYerusalem yatshatyalaliswa ngokwamazwi kaYeremiya. Owu ke kungani ukuba uNyana kaThixo angezi, ngokwesiprofetho sakhe?

21 Kwaye ngoku uza kuphika okokuba aiYerusalem yatshatyalaliswa? Uya kutsho okokuba boonyana bakaZedekiya abazange babulawe, bonke ngaphandle kokuba ibe cnguMyuleki? Ewe, kwaye aniqapheli okokuba imbewu kaZedekiya inathi, kwaye babegxothiwe baphuma kulo ilizwe laseYerusalem? Kodwa qaphelani, akuphelelanga apha—

22 Ubawo wethu uLihayi wagxothwa waphuma eYerusalem ngenxa yokokuba wangqina ngezi zinto. UNifayi kanjalo wangqina ngezi zinto, kananjalo phantse bonke oobawo bethu, kwanasekuhleni ukuza kweli lixa; ewe, bangqinile angokuza kukaKrestu, kwaye babekhangele phambili, kwaye begcobile ngomhla wakhe osaya kuza.

23 Kwaye qaphelani, unguThixo, kwaye ukunye nabo, kwaye waye wazibonakalisa kubo, okokuba babekhululwe nguye; kwaye bamnika uzuko, ngenxa yoko kwakusezayo.

24 Kwaye ngoku, ekubeni nizazi ezi zinto kwaye ningenako ukuzikhanyela ngaphandle kokuba niza kuxoka, ke ngoko kule nto nonile, kuba nizikhanyele zonke ezi zinto, nangona ninemiqondiso emininzi kangaka enithe nayifumana; ewe, nizifumene azonke izinto, kunye izinto ezisezulwini, kwaye nazo zonke izinto ezisemhlabeni, njengobungqina bokuba ziyinyani.

25 Kodwa qaphelani, niyikhanyele inyaniso, naza anavukela ngokuchasene noThixo wenu ongcwele; kwaye kwanangalo eli lixa, endaweni yokuzibekela bubutyebi ezulwini, apho kungekho nto yonakalayo, kwaye apho kungekho nto inokuza engacocekanga, nizifumbela phezu kwenu ingqumbo ngomhla cwomgwebo.

26 Ewe, kwanangalo eli lixa niyavuthwa, ngenxa yokubulala kwenu anokubula kwenu nenkohlakalo, ukwenzela intshabalalo yanaphakade; ewe, kwaye ngaphandle kokuba niyaguquka iya kuza kuni kwakamsinyane.

27 Ewe, qaphelani kwanakalokunje isemasangweni enu; ewe, hambani niye kuso isihlalo-sokugweba, nize niphengulule; kwaye qaphelani, umgwebi wenu ubulewe, kwaye aulele egazini lakhe; kwaye ubulewe bngumntakwabo, ofuna ukuhlala kuso isihlalo-sokugweba.

28 Kwaye qaphelani, bobabini bangabeqela lenu elifihlakeleyo, aomseki walo unguGadiyantoni nongendawo ofuna ukutshabalalisa imiphefumlo yabantu.