Izibhalo
Hilamani 15


Isahluko 15

INkosi yakhalimela amaNifayithi ngenxa yokuba yayiwathanda—AmaLeymenayithi aguqukileyo awagungqi kwaye azinzile elukholweni—INkosi iya kuba nenceba kuwo amaLeymenayithi kwimihla yamva. Malunga 6 P.K.

1 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, qaphelani, ndivakalisa kuni okokuba ngaphandle kokuba niya kuguquka izindlu zenu ziya kushiyelwa kuni aziyinkangala.

2 Ewe, ngaphandle kokuba niguquke, abafazi benu baya kuba nesizathu esikhulu sokulila ngomhla wabo wokwanyisa; kuba niya kuzama ukusaba kwaye akuyi kubakho ndawo yokhuseleko; ewe, kwaye yeha kwabo abakhulelweyo, kuba baya kuba besindeka kwaye bengenako ukusaba; ke ngoko, baya kunyathelwa phantsi kwaye bayakushiywa ukuba bafe.

3 Ewe, yeha kwaba bantu babizwa ngokuba ngabantu bakaNifayi ngaphandle kokuba baya kuguquka, bakuba beyibona yonke le miqondiso nemimangaliso eya kuthi iboniswe kubo; kuba qaphelani, babengabantu abakhethiweyo beNkosi; ewe, abantu bakaNifayi ibibathandile, kananjalo aubebakhalimela; ewe, ngemihla yabo yobugwenxa ubakhalimele ngenxa yokuba ebathandile.

4 Kodwa qaphelani bazalwana bam, wayewathiyile amaLeymenayithi ngenxa yezenzo zawo ezimbi ngamaxesha onke, kwaye oku kungenxa yobugwenxa abesithethe sooyise. Kodwa qaphelani, usindiso lufikile kubo ngenxa yokushumayela kwamaNifayithi; kwaye kungale njongo iNkosi ithe byayandisa imihla yawo.

5 Kwaye ndinqwenela ukuba ningaqaphela okokuba ainxalenye engakumbi ubukhulu becala yawo isendleleni yomsebenzi yabo, kwaye bahamba belumkile phambi koThixo, kwaye baya kuqwalasela ukuyigcina imiyalelo nemimiselo yakhe nezigwebo zakhe ngokomthetho kaMoses.

6 Ewe, ndithi kuni, inxalenye engakumbi yabo iyakwenza oku, kwaye iyazama ngenkuthalo engadinwayo ukuze babe nokuzisa intsalela yabazalwana babo kulwazi lwenyaniso; ke ngoko baninzi abongeza amanani abo imihla ngemihla.

7 Kwaye qaphelani, niyazi ngokwenu, kuba nibubonile ubungqina, bokokuba ngobuninzi babo abathe baziswa kulwazi lwenyaniso, nokwazi ngenkohlakalo kwaye nangamasikizi ezithethe zooyise, kwaye bakhokelwa ukuba bazikholelelwe izibhalo ezingcwele, ewe, iziprofetho zabaprofeti abangcwele, ezibhaliweyo, ezibakhokelela ekukholweni eNkosini, kwaye nasekuguqukeni, ukholo olo nenguquko oluzisa ainguqu ezintliziyweni zabo—

8 Ke ngoko, ngobuninzi babo abafikeleleyo koku, niyazazela ngokwenu ukuba aabagungqi kwaye bazinzile elukholweni, kwaye nakuloo nto abathe bakhululwa ngayo.

9 Kwaye niyazi kanjalo okokuba abazingcwabile izikhali zabo zemfazwe, kwaye bayoyika ukuzithabatha kuba hleze nangayiphina indlela babe baya kona; ewe, ningabona okokuba bayoyika ukona—kuba qaphelani baya kuzivumela ukuba banyathelwe phantsi kwaye babulawe ziintshaba zabo, kwaye abayi kuwaphakamisa amakrele abo ngokuchasene nazo, kwaye oku kungenxa yokholo lwabo kuKrestu.

10 Kwaye ngoku, ngenxa yenzondelelo yabo xa bekholwa kuloo nto bakholwa kuyo, kuba ngenxa yokuzinza kwabo xa bekhe bafumana ukhanyiselo, qaphelani, iNkosi iya kubasikelela ize iyandise imihla yabo, nangona benobugwenxa—

11 Ewe, nokuba baya bephelela ekungakholweni iNkosi iya akuyandisa imihla yabo, lide libe liya kufika ilixa ekwakuthethiwe ngalo ngoobawo bethu, kananjalo ngumprofeti buZenoshe, nabanye abaprofeti abaninzi, malunga cnokubuyiselwa kwabazalwana bethu, amaLeymenayithi, kwakhona kulwazi lwenyaniso—

12 Ewe, ndithi kuni, ngamaxesha amva aizithembiso zeNkosi zidluliselwe kubazalwana bethu, amaLeymenayithi; kwaye nangona beneembandezelo ezininzi abaya kubanazo, kwaye nangona beya bkuqhutyelwa ngapha nangapha phezu kobuso bomhlaba, kwaye bazingelwe, kwaye beya kubethwa baze basasazelwe kude, bengenayo indawo yokhuseleko, iNkosi iya kuba cnenceba kubo.

13 Kwaye oku kungokwesiprofetho, sokokuba beya kuphinda abaziswe kulwazi oluyinyani, okululwazi ngoMkhululi wabo, bnomalusi wabo omkhulu wokwenyani, kwaye babalelwe phakathi kwezimvu zakhe.

14 Ke ngoko ndithi kuni, kuya akulunga kubo ngakumbi kunani ngaphandle kokuba niguquke.

15 Kuba qaphelani, aukuba imisebenzi enamandlakazi yayiboniswe kubo, ewe, kubo abaya bephelela ekungakholweni ngenxa yezithethe zooyise, ningazibonela ukuba ngebengazanga babe kwakhona baye bephelela ekungakholweni.

16 Ke ngoko, ithi iNkosi: Andiyi kubatshabalalisa kwaphela, kodwa ndiya kubabangela okokuba ngomhla wobulumko bam baya kubuyela kwakhona kum, itsho iNkosi.

17 Kwaye ngoku qaphelani, itsho iNkosi, malunga nabantu bamaNifayithi: Ukuba abayi kuguquka, kwaye baqwalasele ukwenza intando yam, ndiya akubatshabalalisa kwaphela, itsho iNkosi, ngenxa yokungakholwa kwabo nangona ndinemisebenzi emininzi enamandlakazi endiyenzileyo phakathi kwabo; kwaye ngokuqinisekileyo njengoko iNkosi iphila ezi zinto ziya kwenzeka, itsho iNkosi.