Izibhalo
Hilamani 7


Isiprofetho sikaNifayi, uNyana kaHilamani—UThixo usongela abantu bakaNifayi okokuba uya kubavelela ngomsindo wakhe, ekutshatyalalisweni kwabo okupheleleyo ngaphandle kokuba baguquke kuyo inkohlakalo yabo. UThixo ubetha abantu bakaNifayi ngesifo esibulalayo; bayaguquka baze baguqukele kuye. USamuweli, umLeymenayithi, uprofetha kuwo amaNifayithi.

Iquka izahluko 7 ukuya ku 16.

Isahluko 7

UNifayi uyaliwa emantla aze abuyele eZarahemla—Uyathandaza phezu kwenkcochoyi ekumyezo wakhe aze ke ababongoze abantu ukuba baguquke okanye batshabalale. Malunga 23–21 P.K.

1 Qaphelani, ngoku kwenzekile kowamashumi amathandathu anesithoba unyaka wolawulo lwabagwebi phezu kwabantu bamaNifayithi, okokuba uNifayi unyana kaHilamani, awabuyela kulo ilizwe laseZarahemla esuka kulo ilizwe elingasemantla.

2 Kuba wayephumile phakathi kwabantu ababekulo ilizwe elingasemantla, waye washumayela ilizwi likaThixo kubo, kwaye waprofetha izinto ezininzi kubo;

3 Kwaye baye bawala onke amazwi akhe, kangangokuba akazange abenako ukuhlala phakathi kwabo, kodwa wabuyela kwakhona kulo ilizwe lakhe lokuzalwa.

4 Waza ebona abantu bekwimo eyoyikeka kangako yenkohlakalo, kwaye nabo baphangi bakaGadiyantoni bezalise izihlalo zokugweba—ekubeni bephange amandla negunya lelizwe; beyibekele bucala imiyalelo kaThixo, kwaye bengalunganga nakancinane phambi kwakhe; bengenzi bulungisa kubo abantwana babantu;

5 Begweba abangamalungisa ngenxa yobulungisa bawo; beyeka abanetyala nabakhohlakeleyo bahambe ngaphandle kwesohlwayo ngenxa yemali yabo; kwaye ngaphezu koko babekwe esikhundleni kwintloko yoburhulumente, ukuba balawule kwaye benze ngokweentando zabo, ukuze babe nokufumana inzuzo nozuko alwehlabathi, kwaye, ngaphezu koko, ukuze babe nokwenza ukrexezo ngokulula ngakumbi, kwaye babe, kwaye babulale, kwaye benze ngokweentando zabo—

6 Ngoku obu bugwenxa bukhulu bafika kumaNifayithi, ngethuba leminyaka engephi; waza uNifayi akukubona oku, intliziyo yakhe yadumba ngosizi ngaphakathi kwesifuba sakhe; kwaye wadanduluka ngentlungu yomphefumlo wakhe:

7 Owu, akwaba ndandifumene imihla yam ngemihla xa ubawo uNifayi waqala ukufika ephuma kulo ilizwe laseYerusalem, akwaba ndandibe nokuvuya kunye naye kulo ilizwe lesithembiso; ke ngoko abantu bakhe babelula ukufikeleleka bezinzile ukuyigcina imiyalelo kaThixo, kwaye behamba kancinane ukukhokelwa ukuba benze ubugwenxa; kwaye babekhawuleza ekuphulaphuleni amazwi eNkosi—

8 Ewe, ukuba imihla yam yayinokuba kuloo mihla, ngoko umphefumlo wam ngewawunovuyo kubo ubulungisa babazalwana bam.

9 Kodwa qaphelani, ndithunyelwe kuba le yimihla yam, nokokuba umphefumlo wam uya kuzaliswa lusizi ngenxa yale nkohlakalo yabazalwana bam.

10 Kwaye qaphelani, ngoku kwenzekile okokuba kwakuphezu kwenkcochoyi, eyaye isemyezweni kaNifayi, eyaye ingakumendo wendlela eyayikhokelela kwimarike ephambili, eyaye ikuso isixeko saseZarahemla; ke ngoko, uNifayi wayequbude phezu kwenkcochoyi eyaye isemyezweni wakhe, nkcochoyi leyo eyaye kanjalo ikufuphi nesango lomyezo elalikhokelela kuhola wendlela.

11 Kwaye kwenzekile okokuba kwabakho madoda athile agqithayo, aza ambona uNifayi njengokuba wayethululela umphefumlo wakhe kuThixo phezu kwenkcochoyi; aza abaleka aza axelela abantu oko ayekubonile, baza abantu beza kunye bezizihlwele ukuze babe nokwazi unobangela wenzilo enkulu kangaka ngenkohlakalo yabantu.

12 Kwaye ngoku, akuba uNifayi ephakamile wazibona izihlwele zabantu ababehlanganisene kunye.

13 Kwaye kwenzekile okokuba wawuvula umlomo wakhe waza wathi kubo: Qaphelani, akungani nizihlanganise kunye? Ukuba ndibe nokunixelela ngobugwenxa benu?

14 Ewe, ngenxa yokuba ndize phezu kwenkcochoyi yam ukuze ndibe nokuphalaza umphefumlo wam kuye uThixo wam, ngenxa yosizi lwentliziyo yam, olubangelwa bubugwenxa benu!

15 Kwaye ngenxa yenzila yam nesijwili nihlanganisene kunye, kwaye niyamangaliswa; ewe, kwaye ninemfuneko enkulu yokumangaliswa; ewe, nimele kukumangaliswa ngenxa yokokuba ninikezelwe, ukuze umtyholi abe nolawulo phezu kweentliziyo zenu.

16 Ewe, kungani na ukuba nivumele ukulukuhla kwalowo uzungula ukuyiphosa ezantsi ngamandla imiphefumlo yenu ezantsi kuyo inkxwaleko yanaphakade nosizi olungenasiphelo?

17 Owu guqukani, guqukani! aKungani na nisiya kufa? Buyani, nibuyele kuyo iNkosi uThixo wenu. Kungani na enilahlile nje?

18 Kungenxa yokuba niziqaqadekisile iintliziyo zenu; ewe, anivumi ukuliphulaphula ilizwi alomalusi olungileyo; ewe, bnimcaphukisele ukuba abenomsindo ngokuchasene nani.

19 Kwaye qaphelani, endaweni ayokunihlanganisa, ngaphandle kokuba niya kuguquka, qaphelani, uya kunisasazela kude ukuze nibeyinyama yezinja nezilo zasendle.

20 Owu, kwenzeke njani ukuba nimlibale uThixo wenu kanye ngalo mhla wokokuba enihlangule?

21 Kodwa qaphelani, kungokufumana inzuzo, ukuze nidunyiswe ngabantu, ewe, nokokuba nibe nokufumana igolide nesilivere. Kwaye nizibeke iintliziyo zenu phezu kobutyebi nezinto ezililize zeli ahlabathi, enithi ngenxa yazo nibulale, kwaye nirhwaphilize, kwaye nibe, kwaye ningqine bubungqina bobuxoki ngokuchasene nommelwane wenu, kwaye nenze lonke uhlobo lobugwenxa.

22 Kwaye ngesi sizathu isiqalekiso siya kufika kuni ngaphandle kokuba niya kuguquka. Kuba ukuba aniyi kuguquka, qaphelani, esi sixeko sikhulu, kananjalo nazo zonke ezo zixeko zikhulu zirhangqileyo, ezikulo ilizwe lolawulo lwethu, ziya kuhluthwa ukuze ningabinandawo kuzo; kuba qaphelani, iNkosi ayisayi kuninika akomelela, njengokuba kude kube kalokunje yayenzile, ukuba nimelane ngokuchasene neentshaba zenu.

23 Kuba qaphelani, itsho njalo iNkosi: Andisayi kubonisa kwabo bakhohlakeleyo ngokomelela kwam, komnye ngaphezu komnye, ngaphandle kokuba kube kwabo baguqukayo ezonweni zabo, baze bawaphulaphule amazwi am. Ke ngoko ngoku, ndinga ningaqaphela, bazalwana bam, ukuba kuya akulunga ngakumbi kumaLeymenayithi kunakuni ngaphandle kokuba niya kuguquka.

24 Kuba qaphelani, angamalungisa ngakumbi kunani, kuba abenzanga sono ngokuchasene nolo lwazi lukhulu enithe nalufumana; ke ngoko iNkosi iya kuba nenceba kuwo; ewe, iya akuyolula imihla yawo kwaye iyandise imbewu yawo, kwanasekubeni niya kuba bnitshatyalalisiwe ngokupheleleyo ngaphandle kokuba niya kuguquka.

25 Ewe, yeha kuni ngenxa yelo sikizi likhulu elithe lafika phakathi kwenu; kwaye nizimanyanise nalo, ewe, kwelo aqela lifihlakeleyo elamiselwa nguGadiyantoni!

26 Ewe, aisiqalekiso siya kufika kuni ngenxa yelo kratshi enithe nalivumela ukuba lingene ezintliziyweni zenu, elithe laniphakamisa ngaphaya kwaloo nto ilungileyo ngenxa byobutyebi benu obugqithisileyo kakhulu!

27 Ewe, isiqalekiso masibe kuni ngenxa yenkohlakalo yenu namasikizi!

28 Kwaye ngaphandle kokuba niguquke niya kutshabalala; ewe, kwanemihlaba yenu iya kuhluthwa kuni, kwaye niya kutshatyalaliswa nisuke kubuso bomhlaba.

29 Qaphelani ngoku, anditsho ukuthi ezi zinto ziya kubakho, ngokwam, ngenxa yokuba asikokwam ukuba andazi ngazo ezi zinto; kodwa qaphelani, ndiyazi okokuba ezi zinto ziyinyani ngenxa yokokuba iNkosi uThixo izazisile kum, ke ngoko ndiyangqina okokuba ziya kubakho.