Scripture Stories
UMoses eNtabeni yaseSinayi


“UMoses eNtabeni yaseSinayi,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UMoses eNtabeni yaseSinayi,” Amabali eTestamente eNdala

Eksodus 19–2024; 31–34; Duteronomi 4–7

UMoses eNtabeni yaseSinayi

Ukunceda abantu bakhumbule iNkosi

Umfanekiso
INtaba yaseSinayi

UMoses kunye namaSirayeli bahamba entlango. Bafika kwintaba eyayibizwa ngokuba yiNtaba yaseSinayi.

Eksodus 19:1

Umfanekiso
UMoses uyathandaza

UMoses waye wakhwela entabeni wayokuthetha neNkosi. INkosi yaxelela uMoses ukuba Yona yayifuna ukuthetha namaSirayeli ubuso ngobuso.

Eksodus 19:3, 9–11

Umfanekiso
ilifu lingqonge intaba

AmaSirayeli eza emazantsi weNtaba yaseSinayi, kwaye iNkosi yenza ukuba ilifu lomsi ukuba ungqonge intaba. INkosi yayikwilifu. Yaye yathetha namaSirayeli kwaye yawanika imithetho. Intaba yaye yanyakaza ngelixa Yona yayithetha.

Eksodus 19:16–19; 20:1–17; Duteronomi 4:12–13, 33; 5:4–5

Umfanekiso
AmaSirayeli esoyika

AmaSirayeli aye oyika. Aye acela uMoses ukuba athethe neNkosi khon’ ukuze uMoses awaxelele oko iNkosi yayikufuna.

Eksodus 20:18–19

Umfanekiso
Abadala bamaSirayeli phezu kwentaba

UMoses wathatha u-Aron nabadala bamaSirayeli abangama-70 wabasa entabeni ukuba bayofumana iimfundiso ezingakumbi zeNkosi. INkosi yavela kubo.

Eksodus 24:1, 9–11

Umfanekiso
INkosi ibhalela uMoses phezu kwamatye

INkosi yaxelela uMoses ukuba ashiye abadala aqhubeke anyukele phezulu entabeni. UMoses waye wathobela. INkosi yaye yasebenzisa umnwe waYo ukubhala umthetho waYo kunye nemithetho yaYo phezu kwamatye. Kangangeentsuku ezingama-40, iNkosi yafundisa uMoses izinto ezininzi.

Eksodus 24:12–18; 31:18

Umfanekiso
AmaSirayeli esenza ithole legolide

Ngexesha uMoses wayephezu kweNtaba yaseSinayi, abantu bakwaSirayeli baye badinwa kukummela. Baye baxelela u-Aron ukuba abenzele umfanekiso oqingqiweyo ukuba bawunqule njengendlela ababesenza ngayo eYiputa. U-Aron waye waqokelela yonke igolide yabo kwaye wenza umfanekiso oqingqiweyo wethole.

Eksodus 32:1–4

Umfanekiso
AmaSirayeli enqula ithole legolide

AmaSirayeli aye anqula ithole legolide kwaye anikela neminikelo. Ayesithi ithole legolide lilo elabakhulula eYiputa, hayi iNkosi,

Eksodus 32:4–6, 21–24

Umfanekiso
UMoses esehla entabeni

INkosi yayisazi ukuba amaSirayeli ayenqula isithixo kwaye ayeyilibele Yona. Yona yayalela uMoses ukuba abuyele kwaye axelele abantu ukuba baguquke.

Eksodus 32:7–10

Umfanekiso
UMoses uthetha namaSirayeli, ithole legolide liyatshatyalaliswa

UMoses wehla eNtabeni yaseSinayi kwaye wabona amaSirayeli enqula ithole legolide. Wayequmbile kakhulu. Abantu babengalungelanga ukuthobela umthetho nemiyalelo iNkosi eyayibhalile. UMoses waye wophula amatye kwaye watshabalalisa ithole legolide. Waye wanceda amaSirayeli ukuba aguquke kwaye akhumbule uThixo wawo wokwenene.

Eksodus 32:15–20, 25–29

Umfanekiso
UMoses uyathandaza

UMoses wacela iNkosi ukuba ixolele amaSirayeli kwaye yenze izithembiso kunye nawo kwakhona. UMoses wathembisa ukuwakhokela kunye nokuwafundisa.

Eksodus 32:30–34

Umfanekiso
UMoses kunye namatye awaneMithetho Elishumi

INkosi yacela uMoses ukuba enze amatye amatsha kwakunye nokuba abuyele eNtabeni yaseSinayi. INkosi yenza isithembiso esitsha kunye namaSirayeli kwaye yawanika iMithetho Elishumi.

Eksodus 20:2–17; 34:1–17, 28; Duteronomi 6:24–25; 7:12–13