Scripture Stories
UHagare


“UHagare,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UHagare,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 16

UHagare

Icebo leNkosi ngentombi yaYo

Umfanekiso
UHagare ekhulelwe

UHagare wayesisicaka sikaSara. USara wayemdala kwaye wayengenabo abantwana. Waye waxelela umyeni wakhe, u-Abraham ukuba atshate uHagare khon’ ukuze babenako ukubanabantwana. U-Abraham noHagare baye batshata, kwaye kungekudala uHagare wayeza kubanomntwana.

Genesis 16:1–3

Umfanekiso
UHagare uyahamba

UHagare noSara baqala ukungavani. UHagare wakhetha ukubalekela entlango.

Genesis 16:4–6

Umfanekiso
UHagare uyaphumla ngasemanzini

Njengoko uHagare wayehamba, waye wadinwa kakhulu kwaye wanxanwa. Ekugqibeleni, waye wafika kwindawo enamanzi waze waphumla apho.

Genesis 16:7

Umfanekiso
ingelosi ithetha noHagare

INkosi yayisazi ngeengxaki zikaHagare kwaye yayinecebo lokumnceda. Yona yathumela ingelosi ukuba imcele abuyele emva ku-Abraham noSara. Yathembisa ukuba usapho lukaHagare lwaluya kwanda. Yona yathi umntwana lowo wayeza kubanaye yayiyinkwenkwe kwaye kwakumele amthiye igama elingu-Ishmayeli.

Genesis 16:7–14

Umfanekiso
UHagare no-Ishmayeli bekunye no-Abraham noSara

UHagare wayethembele eNkosini kwaye wayithobela ingelosi. Waye wabuyela ku-Abraham noSara. UHagare waye wafumana inkwenkwe, kwaye igama layo yayingu-Ishmayeli. UHagare wayesazi ukuba iNkosi yayibagadile.

Genesis 16:11, 15