Scripture Stories
URute noNahomi


“URute noNahomi,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“URute noNahomi,” Amabali eTestamente eNdala

Rute 1–4

URute noNahomi

Ukusinda ezilingweni ngothando nangokunyaniseka

Umfanekiso
UNahomi nosapho behamba esixekweni

UNahomi nosapho lwakhe bathuthela kwaMowabhi ngenxa yokuba kwakungekho kutya kwaneleyo elizweni lakwaYuda. Emva koko umyeni kaNahomi waye wasweleka. Oonyana bakaNahomi baye batshata abafazi bakwaMowabhi amagama wabo yayingu-Orpa noRute. Baye bakhathalela uNahomi kangangeminyaka eli-10.

Rute 1:1–4

Umfanekiso
U-Orpa, noRute, kunye noNahomi bewolana

Emva koko abayeni baka-Orpa noRute baye basweleka. Ngoku abafazi babesele bebodwa. UNahomi wayengakwazi ukubonelela uRute no-Orpa ngokutya.

Rute 1:5, 8–10

Umfanekiso
URute noNahomi bahamba ngenkamela

U-Orpa wabuyela kokwabo. Kodwa uRute wayefuna ukuhlala kwaye anakekele uNahomi. URute noNahomi baye beva ukuba ilizwe lakwaYuda lalinezityalo kwakhona, ngoko ke baya khona apho.

Rute 1:16–19

Umfanekiso
URute uqokelela iinkozo

URute noNahomi bafika kwaYuda ngexesha lesivuno. Babedinga ukutya. Isihlobo sikaNahomi, esigama linguBhohazi sasinamasimi kwaYuda. Waye wavumela uRute ukuba athathe iintsalela zeenkozo ezazisemasimini wakhe. Yayingumsebenzi onzima lowo.

Rute 1:22; 2:3

Umfanekiso
UBhohazi uthetha noRute

UBhohazi wayemhlonipha uRute ngenxa yokuba wayesebenza kanzima kwakunye nangenxa yokuba wayenyanisekile kuNahomi naseNkosini. Waye waxelela izicaka ukuba zishiyele uRute iinkozo ezininzi emasimini.

Rute 2:5–17

Umfanekiso
URute noNahomi

UNahomi wayefuna uRute ukuba abenosapho. Waye wakhuthaza uRute ukuba atshate uBhohazi. URute wayesazi ukuba yena noBhohazi babe nokutshata, babenokukwazi ukukhathalela uNahomi kunye.

Rute 3:1–2; 4:15

Umfanekiso
URute noBhohazi

URute wagqiba kwelokuba acele uBhohazi ukuba amtshate. UBhohazi wayesazi ukuba uRute wayengumfazi oziphethe kakuhle nonyanisekileyo. Wavuma.

Rute 3:3–18; 4:13

Umfanekiso
URute, noBhohazi, kunye nosana

URute noBhohazi baye batshata. Kungekudala uRute waye wabanosana oluyinkwenkwe. Waye wabangutat’ omkhulu kaDavide, ukumkani wexesha elizayo. Emva kweminyaka emininzi, uYesu Krestu waye wazalwa kumnombo wolusapho.

Rute 4:13–17