Scripture Stories
UDaniyeli nePhupha likaKumkani


“UDaniyeli nePhupha likaKumkani,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UDaniyeli nePhupha likaKumkani,” Amabali eTestamente eNdala

Daniyeli 2

UDaniyeli nePhupha likaKumkani

Umyalezo omangalisayo kaThixo kukumkani

Umfanekiso
ukumkani ephupha

Ukumkani waseBhabheli wabanephupha elalimphethe kakubi. Waye wanyanzelisa ababingeleli kunye nezilumko zakhe ukuba zimxelele ukuba iphupha lalithetha ntoni.

Daniyeli 2:1–3

Umfanekiso
ukumkani ecinga

Ukumkani akazange abaxelele iphupha elo. Yena wathi ukuba ababingeleli nezilumko babenawo amandla ngokwenene, babenokumxelela ukuba iphupha lalisithini kwaye lalithetha ntoni.

Daniyeli 2:4–9

Umfanekiso
ukumkani egxotha izilumko

Ababingeleli nezilumko zaxelela ukumkani ukuba babengenako ukulitolika iphupha lakhe ukuba wayengenako ukubaxelela okokuba lalisithini. Bona bathi kwakungekho mntu owayenokukwenza oko. Ukumkani wayenomsindo kwaye wathi wayeya kuzibulala zonke izilumko ebukumkanini, kuquka noDaniyeli nabahlobo bakhe.

Daniyeli 2:10–13

Umfanekiso
UDaniyeli uthetha nejoni

Xa umlindi kakumkani weza kuthatha uDaniyeli kunye nabahlobo bakhe, uDaniyeli wacela ixesha elongezelelweyo ukuze akwazi ukuxelela ukumkani ukuba iphupha lakhe lalithetha ukuthini na. UDaniyeli wayesazi ukuba uThixo uyazi kwaye ubona yonke into, nkqu namaphupha. UDaniyeli wacela abahlobo bakhe ukuba bathandaze kunye naye.

Daniyeli 2:14–18

Umfanekiso
UDaniyeli uyathandaza

UThixo wabonisa uDaniyeli iphupha likakumkani ngombono kwaye wafundisa uDaniyeli ukuba lalithetha ntoni na. UDaniyeli wambulela uThixo ngokuphendula imithandazo yakhe neyabahlobo bakhe kwakunye nangokusindisa ubomi babo. Waze ke wahamba wayoxelela ukumkani intsingiselo yephupha.

Daniyeli 2:19–25

Umfanekiso
UDaniyeli uthetha nokumkani

UDaniyeli wathi iphupha likakumkani lalimalunga nomfanekiso omkhulu owawutshatyalaliswe lilitye elisikwe entabeni. Umfanekiso wawumele ubukumkani bomhlaba. Ilitye elisikwe entabeni lalimele ubukumkani bukaThixo obabuya kugcwalisa umhlaba. Ukumkani wayesazi ukuba uDaniyeli wayethetha inyaniso.

Daniyeli 2:26–49