Scripture Stories
UKumkanikazi u-Estere


“UKumkanikazi u-Estere,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UKumkanikazi u-Estere,” Amabali eTestamente eNdala

Estere 2–5; 7–9

UKumkanikazi u-Estere

Ukukhalipha ngexesha lobungozi

Umfanekiso
U-Estere kwitrone yekumkani

Amanye amaSirayeli ayebizwa ngokuba ngamaYuda. U-Estere wayeliYuda elalihlala ePersi. Abazali bakhe babeswelekile, ngoko ke umzala wakhe uMordekayi nguye owayemkhathalela. Wayemenyelwe kwitrone kakumkani kunye namanye amantombazana amancinane ebukumkanini. Ukumkani wayefuna ukumkanikazi omtsha, kwaye waye wakhetha u-Estere.

Estere 2:2–7, 16–17

Umfanekiso
abantu beguqa kuHaman

Ukumkani wayenesicaka esigama linguHaman owaye wakhulela emandleni amakhulu.  UHaman wayencedisa ukumkani ekuphatheni ilizwe. Ukumkani wenza wonke umntu ukuba aguqe kuHaman.

Estere 3:1–2

Umfanekiso
UMordekayi noHaman

Kodwa uMordekayi akazange aguqe kuHaman. UMordekayi wayeguqa kwiNkosi kuphela. Oku kwenza uHaman ukuba abenomsindo. Wayefuna ukohlwaya uMordekayi kunye nawo onke amaYuda.

Eksodus 20:5; Estere 3:5–6, 8

Umfanekiso
ijoni lisenza isaziso kwiqela labantu

UHaman waxelela ukumkani ukuba amaYuda ayengayilandeli imithetho kakumkani.  Ngoko ke ukumkani wavumela uHaman ukuba enze umthetho omtsha: ngosuku oluthile, onke amaYuda ayeya kubulawa.

Estere 3:8–11, 13

Umfanekiso
UMordekayi uthetha no-Estere

UMordekayi wacela u-Estere ukuba athethe nokumkani. Ukumkani wayenako ukutshintsha umthetho kaHaman kwaye asindise amaYuda.  Kodwa u-Estere wayesoyika.  Ngamanye amaxesha ukumkani wayebabulala abantu ababeza kuthetha naye ngaphandle kwesimemo.

Estere 4:5–11

Umfanekiso
U-Estere ejonge abantu

UMordekayi wacela u-Estere ukuba acinge ngamaYuda awayeya kubulawa. UMordekayi wathi kusenokwenzeka ukuba iNkosi yayibeke u-Estere kwitrone kakumkani ukusindisa amaYuda.

Estere 4:13–14

Umfanekiso
U-Estere ethandaza

U-Estere wayesazi ukuba kwakufuneka athethe nokumkani, nokokuba kwakuthetha ukuba naye wayesenokubulawa. U-Estere wacela onke amaYuda kunye nezicaka zakhe ukuba bazile ukutya kunye naye.

Estere 4:15–16

Umfanekiso
U-Estere ejonge eminyangweni

Emva kokuzila ukutya iintsuku ezintathu, u-Estere wazilungisa kwaye waya kubona ukumkani.

Estere 5:1

Umfanekiso
U-Estere eguqa kukumkani

Xa wayesondela kukumkani, waye wolula intonga yakhe. Oku kwakuthetha ukuba ukumkani wayevuyela ukumbona kwaye wayengazokumbulala. Waye wambuza ukuba wayefuna ntoni na. U-Estere waxelela ukumkani ukuba abantu bakhe babesengozini. Ngenxa yomthetho kaHaman, yena kunye nawo onke amaYuda ebukumkanini babeya kubulawa.

Estere 5:2–3; 7:4–6

Umfanekiso
ijoni lisenza isaziso ebantwini

Ukumkani waye wabanomsindo kuHaman kwaye wambulala. Ukumkani wenza umthetho omtsha owawukhusela amaYuda. Ngoku ayevumelekile ukuba azikhusele nakubani na owayezama ukubalimaza.

Estere 7:9–10; 8:10–11

Umfanekiso
Estere

Ukholo luka-Estere eNkosini kunye nenkalipho yakhe yokuthetha nokumkani yabasindisa abantu bakhe.  Endaweni yokufa nosizi, kwaye kwabakho isidlo. AmaYuda aye abhiyoza.

Estere 8:16–17; 9:18–32