Scripture Stories
UMalaki uMprofeti


“UMalaki uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UMalaki uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala

Malaki 13

UMalaki uMprofeti

Ukuphila umthetho wezishumi

Umfanekiso
abantu abanika izishumi ezingalunganga

AmaYuda ayehlawula izishumi ngokunikela eNkosini isinye eshumini kwezityalo zawo kunye nakwizilwanyane zawo. INkosi yayiwasikelela xa ayehlawula izishumi. Kodwa amanye amaYuda aqala ukunikela ngesonka esonakeleyo okanye ngezilwanyane ezizimfama okanye ezigulayo njengezishumi zawo. Aye azigcinela ezo zazilungile.

Genesis 14:20; 28:22; Duteronomi 12:6, 11, 17; Malaki 1:7–8, 12–13

Umfanekiso
UMalaki ufundisa abantu

INkosi yayingonelisekanga. UMalaki, umprofeti, wawaxelela amaYuda ukuba ayeqhatha iNkosi xa ayenganyanisekanga ekuhlawuleni izishumi zawo. UMalaki wawaxelela ukuba aguquke.

Malaki 3:8–9

Umfanekiso
UMalaki ebukele abantu benikela ngezishumi ezinyanisekileyo

INkosi yanika amaYuda isithembiso. Ukuba ayenikela ngezishumi ezinyanisekileyo, iNkosi yayiya kuthulula iintsikelelo ezinkulu ezivela ezulwini.

Malaki 3:10–12