Scripture Stories
UNehemiya


“UNehemiya,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UNehemiya,” Amabali eTestamente eNdala

Nehemiya 1–246

UNehemiya

Ukwakhiwa kwakhona kodonga lwaseYerusalem

Umfanekiso
UNehemiya, ukumkani ebukele

UNehemiya wayeliYuda elalihlala ePersi. Wayesisicaka sikakumkani esithembekileyo. Ngenye imini uNehemiya weva ukuba amaYuda eYerusalem ayehlupheka. Iindonga ezazikhusele iYerusalem zazitshatyalalisiwe kwaye zazingazange zokhiwa kwakhona. IYerusalem yayisebungozini. UNehemiya waye wazila ukutya kwaye wathandezela uncedo lweNkosi.

Nehemiya 1

Umfanekiso
ukumkani ethetha noNehemiya malunga nodonga

Ukumkani waye wabuza uNehemiya ukuba kwakungani wayekhathazekile. Waye waxelela ukumkani ngobungozi obabuseYerusalem. Ukumkani wathi wayenganceda. UNehemiya waye wacela ukuya eYerusalem ukuba ayokwakha kwakhona udonga. Ukumkani wenza uNehemiya inkokheli kwaye wamnika izixhobo zokwakha awayezidinga.

Nehemiya 2:2–8

Umfanekiso
UNehemiya wokha udonga, iintshaba zibukele

UNehemiya namaYuda baqalisa ukwakha kwakhona iindonga zaseYerusalem. Kodwa iintshaba zabo zenza intlekisa ngabo kwaye zazama ukubanqanda.

Nehemiya 2:17–20

Umfanekiso
abantu bahlekisa ngoNehemiya

Iintshaba zazama ukukhohlisa uNehemiya ukuba ahambe esixekweni. Kodwa uNehemiya akazange ahambe. Yena wayethemba iNkosi. Wayesenza umsebenzi omkhulu.

Nehemiya 6:2–4

Umfanekiso
UNehemiya eme kudonga olugqityiweyo

UNehemiya waxelela abantu bakhe ukuba bangoyiki. Baye babeka oonogada eludongeni ukulugcina lukhuselekile. AmaYuda aqhubeka esokha udonga. INkosi yanika amaYuda amandla, kwaye alugqiba udonga ngeentsuku ezingama-52. IYerusalem yayikhuselekile kwakhona.

Nehemiya 4:6–15; 6:5–9, 15–16