Scripture Stories
UYobhi


“UYobhi,” Amabali eTestamente eNdala (2021)

“UYobhi,” Amabali eTestamente eNdala

Yobhi 1–3; 19; 38–42

UYobhi

Ukuthemba uthando lweNkosi

Umfanekiso
UYobhi nosapho besitya isidlo sangokuhlwa

UYobhi wayeyindoda elungileyo eyayithanda iNkosi kwaye iyigcina imithetho yaYo. Yena nenkosikazi yakhe babenabantwana abali-10, kwaye wayenemihlambi emininzi yezilwanyane kunye nobutyebi obukhulu.

Yobhi 1:1–5

Umfanekiso
UYobhi ejonge isaqhwithi

INkosi yavumela ukholo lukaYobhi ukuba luvavanywe. UYobhi waye weva izinto ezibuhlungu.

Yobhi 1:6–12

Umfanekiso
Indlu kaYobhi isitsha ngumlilo

Ngenye imini uninzi lwezilwanyana zikaYobhi zaye zebiwa. Emva koko umlilo watshisa zonke iimpahla zikaYobhi kwaye wabulala zonke izicaka zakhe nezinye izilwanyana. Emva koko isaqhwithi sawisa indlu yonyana kaYobhi. Abantwana bakaYobhi babengaphakathi kuyo, nabo bonke basweleka. UYobhi kunye nenkosikazi yakhe basala bengenanto ngaphandle nje kwempilo yabo.

Yobhi 1:13–19

Umfanekiso
UYobhi nenkosikazi yakhe bayathandaza

UYobhi nenkosikazi yakhe babekhathazekile. Babelahlekelwe yinto yonke, nkqu kwanabantwana babo. Kodwa uYobhi wayesenalo ukholo eNkosini. Wayengayigxeki iNkosi ngoko kwakwenzekile.

Yobhi 1:20–22

Umfanekiso
Inkosikazi kaYobhi ityisa uYobhi ogulayo

Emva koko uYobhi waye wagula kakhulu. Izilonda ezibuhlungu zagcwala umzimba wakhe. UYobhi nenkosikazi yakhe babezibuza ukuba kwakutheni zonke ezi zinto zimbi zazisenzeka.

Yobhi 2:7–9; 3:1–11

Umfanekiso
UYesu ubonisa uYobhi ihlabathi

INkosi yathetha noYobhi kwaye yambonisa umhlaba, neenkwenkwezi, kunye nazo zonke izinto eziphilayo. INkosi yafundisa uYobhi isifundo esibalulekileyo. Zonke izinto zazidalelwe ukunceda abantwana bakaBawo oseZulwini ukuba bafunde malunga noYesu Krestu kwakunye nokulandela Yena.

Yobhi 38–41

Umfanekiso
UYobhi kunye nosapho

UYobhi waye waguquka kwaye wacela iNkosi ukuba imxolele ngokuthandabuza. Yena wathembisa ukuyithemba iNkosi. INkosi yayisazi ukuba uYobhi wayeyithanda Yona. Yaphilisa uYobhi kwaye yamsikelela ngabantwana abangaphezulu kwakunye nangobutyebi obuphindaphindwe kabini kunobo wayenabo ngaphambili.

Yobhi 19:25–2642