Scripture Stories
UYona uMprofeti


“UYona uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala (2021)

“UYona uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala

Yona 1–4

UYona uMprofeti

Ukufunda ukuthembela kwinceba yeNkosi

Umfanekiso
UYona ubonakala ekhathazekile

UYona wayengumprofeti. INkosi yamxelela ukuba alumkise abantu baseNineve ukuba isixeko sabo sasiya kutshatyalaliswa ukuba babengaguquki.

Yona 1:1–2

Umfanekiso
UYona ukhwela isikhephe

Kodwa abantu baseNineve babeziintshaba zamaSirayeli. UYona wayengafuni ukubashumayeza. Ngoko ke waye wakhwela inqanawe waya kude kunaseNineve.

Yona 1:3

Umfanekiso
inqanawe kulwandle olunenkqwithela

Ngexesha uYona wayesenqanaweni, kwafika isaqhwithi esikhulu. Amadoda awayesenqanaweni ayesoyikela ubomi bawo. Aye acela uYona ukuba athandaze eNkosini ukuba iwasindise.

Yona 1:4–6

Umfanekiso
UYona ethetha noomatiloshe

UYona wayesazi ukuba iNkosi yayithumele isaqhwithi ngenxa yokuba wayebaleka koko iNkosi yayimcele ukuba akwenze. UYona wayefuna ukusindisa abantu ababekwinqanawe. Yena wathi ukuba babenokumphosela elwandle, isaqhwithi sasiya kuphela.

Yona 1:12

Umfanekiso
oomatiloshe bephosela uYona ngaphandle kwesikhephe

Amadoda ayengafuni ukuphosela uYona ngaphandle kwesikhephe. Aye azama ukuqhubela inqanawe ngaselunxwemeni, kodwa isaqhwithi sasisikhulu kakhulu. Ekugqibeleni, aye amphosela elwandle uYona.

Yona 1:13–15

Umfanekiso
intlanzi enkulu iginya uYona

Isaqhwithi saye saphela. Kodwa ngoko uYona wayesele eginywe yintlanzi enkulu.

Yona 1:15, 17

Umfanekiso
UYona uselunxwemeni lolwandle

UYona wayengaphakathi kwesisu sentlanzi kangangeentsuku ezintathu nobusuku obuthathu. Ngeloo xesha, uYona waye wathandaza kwaye waguquka. Wayefuna ukwenza okulungileyo kwakunye nokumamela iNkosi. INkosi yayiva imithandazo kaYona kwaye yenza intlanzi ukuba itshicele uYona kumhlaba owomileyo.

Yona 1:17; 2:1–10

Umfanekiso
UYona eshumayela ebantwini

INkosi kwakhona yamxelela uYona ukuba ashumayele ebantwini baseNineve. Kweli ixesha, uYona waye wathobela. Waya eNineve kwaye waxelela abantu ukuba baguquke okanye iNkosi yayiya kutshabalalisa isixeko sabo. Ikumkani nabantu bayo baye baguquka. INkosi yabaxolela kwaye ayizange iyitshabalalise iNineve.

Yona 3

Umfanekiso
UYona ubonakala ekhathazekile

Kodwa uYona wayephoxekile ngokuba abantu babengazange batshatyalaliswe. Wayengacingi ukuba babefanelwe ukuxolelwa.

Yona 4:1–2

Umfanekiso
UYona ujonge umthi ofileyo

Ukufundisa uYona isifundo, iNkosi yakhulisa isityalo sokusithelisa uYona elangeni. Emva koko isityalo safa, kwaye uYona wasivela ubuhlungu isityalo.

Yona 4:5–9

Umfanekiso
UYona ufundisa iqela labantu

INkosi yayifundisa uYona isifundo malunga nabantwana baYo. UYona wafunda ukuba kwakumele akhathazeke xa abantu bengaguquki kwakunye nokokuba kwakumele onwabe xa beguquka.

Yona 4:10–11