Scripture Stories
INqaba yaseBhabheli


“Inqaba yaseBhabheli,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“INqaba yaseBhabheli,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 11

INqaba yaseBhabheli

Abantu bazama ukwakha indlela eya ezulwini

Umfanekiso
abantu abakhohlakeleyo

Emva konogumbe, abantu baqalisa ukungathobeli uThixo. Abanye babo babengakholelwa kwicebo likaThixo. Ngaphandle kokucela uThixo, baye baqala ukokha inqaba bezama ukufika ezulwini. Kwakuyitempile yobuxoki eyayibizwa ngokuba yiNqaba yaseBhabheli.

Genesis 11:4, 9

Umfanekiso
Abantu besokha inqaba

UThixo wayengonwabanga ngabantu abo babesakha inqaba. Waye watshintsha ulwimi lwabo khon’ ukuze bangavani. Ngenxa yokuba babengavani, kwaye kwanyanzeleka ukuba bayeke ukwakha inqaba.

Genesis 11:6–8; Etere 1:33

Umfanekiso
abantu behamba

UThixo wabasasaza abantu kwaye wabathumela ukuba bayokuphila kwihlabathi jikelele.

Genesis 11:9