Scripture Stories
U-Elisha uMprofeti


“U-Elisha uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“U-Elisha uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala

2 OoKumkani 2; 4

U-Elisha uMprofeti

Imimangaliso yeNkosi

Umfanekiso
U-Eliya uthetha no-Elisha

Ngomprofeti u-Eliya, iNkosi yalungiselela u-Elisha ukuba abengumprofeti olandelayo. Ngoko ke iNkosi yamthathela u-Eliya ezulwini.

2 OoKumkani 2:1–15

Umfanekiso
umfazi egalela i-oli

INkosi yanceda u-Elisha ukuba enze imimangaliso emininzi. U-Elisha wakhe wasikelela i-oli yomfazi owayelihlwempu ukuba igcwalise iingqayi ezininzi. Ngoko ke umfazi waye wathengisa i-oli ukuhlawula amatyala wakhe.

2 OoKumkani 4:1–7

Umfanekiso
U-Elisha uthetha nosapho

Kwelinye ixesha, umfazi owayenyanisekile waye wanceda u-Elisha kwaye wayenobubele kakhulu kuye. U-Elisha waye wambuza ukuba wayenokumenzela ntoni ukumnceda. Wayenethemba lokubanomntwana. U-Elisha wamsikelela yena nomyeni wakhe ukuba babenonyana.

2 OoKumkani 4:8–17

Umfanekiso
usapho lubhiyoza

Kodwa emva kweminyaka embalwa, unyana waye wagula kwaye wasweleka. Umfazi wahamba wayokukhangela u-Elisha kuba wayenokholo lokokuba wayenako ukusindisa unyana wakhe. U-Elisha weza kwaye wayisikelela inkwenkwe, yaze yaphila kwakhona. INkosi yanceda u-Elisha ukuba enze imimangaliso emininzi. Waye wabangumprofeti omkhulu weNkosi.

2 OoKumkani 4:18–37