Scripture Stories
UHana


“UHana,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UHana,” Amabali eTestamente eNdala

1 Samuweli 1–2

UHana

Impendulo yeNkosi kumfazi onyanisekileyo

Umfanekiso
UHana okhalayo ethandaza etempileni

Rhoqo ngonyaka, uHana nomyeni wakhe babesiya endlini yeNkosi, itempile. UHana wayengenabo abantwana, ngoko ke wayeziva ekhathazekile. Waye wazila ukutya kwaye wathadazela ukubanomntwana oyinkwenkwe. UHana wathembisa iNkosi okokuba ukuba wayenonyana, unyana wakhe wayeya kukhula kwaye amkhonze Yena.

1 Samuweli 1:1–11

Umfanekiso
U-Eli uthetha noHana

Umbingeleli ogama lingu-Eli waye wabona uHana ekhala. Yena wamxelela ukuba iNkosi yayiya kuwuphendula umthandazo wakhe. UHana wayethembele eNkosini kwaye wayenethemba.

1 Samuweli 1:12, 17–18

Umfanekiso
UHana nomyeni wakhe kunye nomntwana uSamuweli

Kuloo nyaka, uHana waye wabanosana oluyinkwenkwe. Wamthiya ngokuba nguSamuweli.

1 Samuweli 1:20–23

Umfanekiso
UHana ezisa uSamuweli ku-Eli etempileni

UHana wasigcina isithembiso sakhe eNkosini. Xa uSamuweli wayemdala ngokwaneleyo, waye wamthatha ukuba ayokukhonza endlini yeNkosi. Waye wancedisa no-Eli, umbingeleli. UHana waye waqhubeka ukundwendwela uSamuweli. Waye wamzisela iimpahla ezo wayemenzele zona. INkosi yamsikelela uHana ngabanye abantwana abahlanu.

1 Samuweli 1:24–28; 2:21