“UShadraki, noMeshaki, kunye no-Abhede-nego,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“UShadraki, noMeshaki, kunye no-Abhede-nego,” Amabali eTestamente eNdala
Daniyeli 1; 3
UShadraki, noMeshaki, kunye no-Abhede-nego
Uvavanyo oluyingozi lokholo
Ukumkani uNebhukadenetsare waye wokha umfanekiso oqingqiweyo omkhulu, wegolide kwaye wanyanzelisa abantu bakhe ukuba bawunqule. Ukuba babesala, babeya kuphoselwa ezikweni lomlilo.
Daniyeli 1:6–7; 3:1–6
Abahlobo bakaDaniyeli, uShadraki, noMeshaki, kunye no-Abhede-nego babemthanda uThixo kwaye babengazange banqule uthixo wobuxoki kakumkani. Ukumkani waye wabanomsindo kubo.
Daniyeli 3:6–15
Abahlobo abathathu baxelela ukumkani ukuba bona babeya kunqula uThixo qha. Babekholelwa ukuba uThixo wayenokubakhusela. Kodwa nokokuba Yena wayengenako ukubasindisa, babeya kumela oko babekukholelwa.
Daniyeli 3:15–18
Ukumkani wayelugcwabevu kuShadraki, noMeshaki, kunye no-Abhede-nego. Wenza okokuba baphoselwe ezikweni lomlilo. Kodwa ukumkani xa wayejonga kwiziko, waye wothuswa kukubona umntu wasezulwini esemlilweni kunye nala madoda mathathu. Abazange balinyazwe ngumlilo.
Daniyeli 3:19–25
Ukumkani wabiza uShadraki, noMeshaki, kunye no-Abhede-nego, kwaye baye baphuma ezikweni. Umlilo wawungazange ubalimaze okanye utshise iimpahla zabo.
Daniyeli 3:26–27
UShadraki, noMeshaki, kunye no-Abhede-nego babeyithobela imithetho kaThixo, nkqu nangona ubomi babo babusengozini. Umzekelo wabo wanceda ukumkani ukuba akholelwe kuThixo.
Daniyeli 3:28–29