Scripture Stories
URahabhi kunye neeNtlola


“URahabhi kunye neeNtlola,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“URahabhi kunye neeNtlola,” Amabali eTestamente eNdala

Yoshuwa 2; 6

URahabhi kunye neeNtlola

Ukhetho olusindisa usapho

Umfanekiso
abantu esixekweni bejonge mgama

Umfazi ogama linguRahabhi wayehlala eYeriko ngaphambili kokuba yoyiswe ngamaSirayeli. Wayeve ukuba iNkosi yayahlulele amaSirayeli uLwandle oluBomvu. URahabhi wayesazi ukuba iNkosi yayiya kuwanceda amaSirayeli ukuba alwise isixeko sakhe. Abantu eYeriko babekhohlakele.

Yoshuwa 2:9–11

Umfanekiso
iintlola zizimela oonogada

Umprofeti uYoshuwa wakhokela umkhosi wamaSirayeli. Waye wathumela iintlola ezimbini eYeriko. Kodwa iintlola zaye zabonwa, kwaye ukumkani waseYeriko wathumela oonogada ukuba bazibambe.

Yoshuwa 2:1–3

Umfanekiso
URahabhi uthetha neentlola

Iintlola zeza endlini kaRahabhi. URahabhi wavuma ukuzinceda iintlola, ngoko ke waye wazifihla eluphahleni lwakhe.

Yoshuwa 2:4–6

Umfanekiso
URahabhi efihla iintlola

Amadoda kakumkani aye akhangela endlini kaRahabhi kodwa awazange azifumane iintlola. Emveni kokuba ehambile, uRahabhi waye wacela iintlola ukuba zikhusele usapho lwakhe xa umkhosi wazo wawuzokulwisa iYeriko. Iintlola zamthembisa uRahabhi ukuba usapho lwakhe lwaluya kukhuseleka. Emva koko uRahabhi waye waphosela intambo ngaphandle kwefestile ukuze iintlola ziyisebenzisele ukuqhwesha.

Yoshuwa 2:3, 12–15

Umfanekiso
URahabhi nosapho bebaleka eYeriko

Iintlola zaye zabuyela kumprofeti uYoshuwa kwaye zaxelela umkhosi wamaSirayeli ukuba ungalimazi nabani na kusapho lukaRahabhi. Kamva, xa amaSirayeli ayesilwa eYeriko, aye asigcina isithembiso sawo kuRahabhi. Inkalipho kaRahabhi yasindisa usapho lwakhe. Usapho lwakhe lwaye lwazimanya nabantu beNkosi.

Yoshuwa 2:23; 6:25; AmaHebhere 11:31