Scripture Stories
U-Adam no-Eva


“U-Adam no-Eva,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“U-Adam no-Eva,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 2–3; Moses 3–5; Abraham 5

U-Adam no-Eva

Ukufumana amava ngokwenza ukhetho

Umfanekiso
U-Adam no-Eva kunye nezilwanyana

U-Adam no-Eva babe ngabantwana bokuqala bakaThixo ukuzokuphila emhlabeni. Babehlala eMyezweni omhle we-Eden, bengqongwe ziintlobo ngeentlobo zonke zezityalo nemithi. UThixo uBawo wethu oseZulwini kunye neNkosi uYesu Krestu babandwendwela kwaye babethetha nabo.

Genesis 2:8–9; 3:8; Moses 3:8­–9; Abraham 5:8, 14–19

Umfanekiso
umthi wokwazi okulungileyo nokubi

UThixo wabavumela ukuba batye iziqhamo zayo yonke imithi kodwa ngaphandle kwalowo. Ukuba babetyile emithini wokwazi okulungileyo nokubi, kwakuya kumele bahambe emyezweni kwaye babeya kufa ekugqibeleni. USathana wakhohlisa u-Adam no-Eva. USathana wathi ukuba babenokutya isiqhamo, babeya kukwazi okulungileyo nokubi kodwa babengazokufa.

Genesis 2:16–17; 3:1–5; Moses 3:9; 4:6–11; Abraham 5:9, 12–13

Umfanekiso
U-Eva echola isiqhamo

U-Eva wakhetha ukutya isiqhamo.

Genesis 3:5–6; Moses 4:12

Umfanekiso
izandla zibambe isiqhamo

U-Eva wanika u-Adam inxalenye yesiqhamo. Naye wakhetha ukusitya.

Genesis 3:6–7; Moses 4:12

Umfanekiso
U-Adam no-Eva bezimele uThixo noYesu

UThixo neNkosi uYesu Krestu babandwendwela, kodwa u-Adam no-Eva babesoyika kwaye bazimela. UThixo wababuza ukuba babetyile isiqhamo somthi wokwazi okulungileyo nokubi.

Genesis 3:8–13; Moses 4:13–14

Umfanekiso
U-Adam no-Eva behamba eMyezwe wase-Eden

U-Adam no-Eva baxelela uThixo ukuba bazikhethela ukutya isiqhamo. Ngenxa yokhetho lwabo, kwakumele bahambe eMyezweni wase-Eden. Bona babohlukanisiwe noThixo, kodwa Yena wayenecebo ngabo. Ngoku babesazi okulungileyo kokungalunganga kwaye babengabanabo abantwana.

Genesis 3:16–24; Moses 4:15–31

Umfanekiso
Usapho luka-Adam no-Eva lujonge emlilweni

U-Adam no-Eva baye bathembisa ukuthobela yonke imithetho kaThixo. Baye bafundiswa ukwenza amadini wezilwanyana. Njengoko babethobela, baye bafunda okuninzi malunga noNyana kaThixo uYesu Krestu. Bobabini beva uvuyo olukhulu ngenxa yokuba Yena wayeya kunceda usapho lwabo lubuyele kuThixo.

Genesis 3:23; Moses 5:1–12