Scripture Stories
IZibetho zaseYiputa


“IZibetho zaseYiputa,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“IZibetho zaseYiputa,” Amabali eTestamente eNdala

Eksodus 4–5; 7–12

IZibetho zaseYiputa

Ukukhetha kukaFaro ngokuchasene neNkosi

Umfanekiso
UMoses no-Aron bethetha noFaro

UMoses wayethembele eNkosini kwaye waye wabuyela eYiputa. UMoses nomntakwabo u-Aron baya kuFaro kwaye bamcela ukuba akhulule amaSirayeli kwaye ahambe kwelaseYiputa. UFaro wabanomsindo kwaye wala. Waye wanyanzelisa amaSirayeli ukuba asebenze kanzima ngakumbi.

Eksodus 4:10–16; 5:1–18

Umfanekiso
umlambo ujika uba ligazi

Ngenxa yokuba uFaro wayengazange amamele iNkosi, amaYiputa aye aqalekiswa ngezibetho ezoyikekayo. Okokuqala, onke amanzi aseYiputa aye ajika aba ligazi. UMoses waye wacela uFaro kwakhona ukuba akhulule amaSirayeli ahambe, kodwa uFaro wathi hayi.

Eksodus 7:14–25

Umfanekiso
Amasele exhuma-xhuma kumaYiputa

Okulandelayo, iNkosi yaye yathumela amasele eYiputa. Ayekhona kuyo yonke indawo. UFaro wathi wayeya kuwakhulula amaSirayeli ukuba amasele ayemkile. INkosi yenza amasele anyamalale, kodwa uFaro akazange awakhulule amaSirayeli ukuba ahambe. Emva koko iNkosi yaye yathumela iintwala neempukane.

Eksodus 8:1–32

Umfanekiso
AmaYiputa nezilwanyana ezifileyo

Okulandelayo, zonke izilwanyana zamaYiputa zasefama zaye zafa, kodwa akukho nasinye isilwanyana samaSirayeli esaye safa. Emva koko amaYiputa aye abanezilonda ezibuhlungu emizimbeni yawo.

Eksodus 9:3–12

Umfanekiso
isichotho nesaqhwithi somlilo zitshabalalisa iYiputa

Isaqhwithi esikhulu esasihamba nesichotho nomlilo saye seza eYiputa. Oku kwaye kwabangela intshabalalo eyoyikekayo.

Eksodus 9:22–35

Umfanekiso
iintethe zisitya izityalo

UFaro akazange awakhulule amaSirayeli ukuba ahambe nangoku. Emva koko iNkosi yaye yathumela iintethe, kwaye zaye zatya konke ukutya kwabantu.

Eksodus 10:12–20

Umfanekiso
UFaro

Emva koko kwaye kwabakho iintsuku ezintathu zobumnyama. Ngexesha lobuninzi bezibetho, uFaro waye wathembisa ukukhulula amaSirayeli ahambe ukuba izibetho zaziya kuphela, kodwa wayexoka ngalo lonke ixesha.

Eksodus 10:21–23, 27

Umfanekiso
UMoses kunye nosapho

Emva kwezibetho ezilithoba ezahlukeneyo, uFaro wayengafuni ukuwakhulula amaSirayeli ukuba ahambe nangoko. INkosi yaye yaxelela uMoses ukuba esinye isibetho esoyikekayo sasiya kuza. INkosi yaye yawakhokela kwaye yawakhusela amaSirayeli njengoko ayelindele inkululeko yawo.

Eksodus 11:4–7; 12:1–13