Scripture Stories
UYeremiya uMprofeti


“UYeremiya uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UYeremiya uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala

Yeremiya 1–52

UYeremiya uMprofeti

Wabizwa ngaphambi kokuzalwa kwakhe

Umfanekiso
UYeremiya wabizwa njengomprofeti

UYeremiya wayehlala eYerusalem xa wayesemncinane. Ngenye imini iNkosi yeza kuYeremiya yambiza ukuba abe ngumprofeti. INkosi yaxelela uYeremiya ukuba wayekhethiwe ngaphambili kokuba azalwe. INkosi yayisazi ukuba ubomi bukaYeremiya babuya kuba nzima. Kodwa Yona yathembisa uYeremiya ukuba yayiya kusoloko ikunye naye.

Yeremiya 1:1–10

Umfanekiso
UYeremiya elumkisa abantu

Abantu baseYerusalem babengazigcini izithembiso zabo kunye neNkosi. Ngenxa yobungendawo babo, uYeremiya wabalumkisa abantu ukuba babeya koyiswa. INkosi yathi okokuba ukuba babewugcina ungcwele umhla weSabatha, isixeko saseYerusalem sasingayi kutshatyalaliswa. Kodwa abantu abazange bamamele.

Yeremiya 6:1–19; 8–9; 17:21–27

Umfanekiso
UYeremiya entolongweni

UYeremiya wafundisa abantu iminyaka emininzi. Kodwa abazange baguquke. Endaweni yoko, balimaza uYeremiya kwaye bamlahlela entolongweni.

Yeremiya 20:2; 26:8–9; 37:15–18; 38:6

Umfanekiso
UYeremiya ubukele iYerusalem itshatyalaliswa

UYeremiya wayebathanda abantu. Waye wakhala ngenxa yezono zabo. Njengoko wayetshilo, iYerusalem yaye yatshatyalaliswa, kwaye abantu bathinjwa.

Yeremiya 9:1–8; 25:9–12; 52:1–10

Umfanekiso
UYeremiya ubhala iziprofeto

UYeremiya wathathwa wasiwa eYiputa. INkosi yamxelela ukuba abhale phantsi iziprofeto zakhe. UYeremiya wayithobela iNkosi naxa izinto zazinzima. Waqhubeka nokuxelela abantu bakhe ukuba bazigcine izithembiso zabo kunye neNkosi.

Yeremiya 36:1–2, 27–32