Scripture Stories
Usana olunguMoses


“Usana olunguMoses,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“Usana olunguMoses,” Amabali eTestamente eNdala

Eksodus 1–2

Usana olunguMoses

Ukukhusela inkokheli yamaSirayeli yexesha elizayo

Umfanekiso
UFaro ejonge ebukumkanini

Usapho lukaYakobi lwabangabantu abaninzi eYiputa. Babebizwa ngokuba ngamaSirayeli. UFaro, ikumkani yaseYiputa, yayisoyika ukuba ngenye imini kwakuya kubakho amaSirayeli amaninzi kwaye babeya kuthimba iYuputa, ngoko ke yaye yenza amaSirayeli izicaka zayo.

Eksodus 1:7–14

Umfanekiso
amajoni ekhangele ngaphaya komlambo

UFaro ngoko ke wayalela ukuba onke amakhwenkwana asandul’ ukuvela wamaSirayeli ukuba abulawe. Iintsapho zamaSirayeli zazisoyika kakhulu.

Eksodus 1:15–22

Umfanekiso
UYokebhede, noMiriyam, kunye nosana olunguMoses emlanjeni

Umama ongumSirayeli ogama linguYokebhede waye wacinga indlela yokusindisa unyana wakhe osandul’ ukuvela. Waye wafaka usana lwakhe kwingobozi kwaye wafihla ingobozi engceni ende ekufuphi noMlambo iNayile. Udade bosana uMiriyam wayemgada ukumgcina ekhuselekile.

Eksodus 2:1–4

Umfanekiso
Intombi kaFaro ibambe usana olinguMoses

Ngeli xesha yayihlamba emlanjeni, intombi kaFaro yaye yabona ingobozi. Yabona usana lwenkwenkwe yomSirayeli olungenakuzinceda lukhala kwaye yayifuna ukulukhulisa njengomntwana wayo. UMiriyam weza kwintombi kaFaro kwaye wambuza ukuba wayengamzisela umfazi womSirayeli ukuba azokhathalela umntwana.

Eksodus 2:5–6

Umfanekiso
Intombi kaFaro, noYokebhede, noMiriyam, kunye nosana olunguMoses

UMiriyam waye wazisa umama wakhe, uYokebhede, kwintombi kaFaro. Intombi kaFaro yaye yavuma ukuhlawulela uYokebhede ngokukhathalela umntwana.

Eksodosi 2:8–9

Umfanekiso
Intombi kaFaro, noYokebhede, kunye nosana olunguMoses

Umntwana womSirayeli waye wakhula. Intombi kaFaro yamkhulisa njengonyana wayo. Yamthiya ngokuba nguMoses.

Eksodus 2:10