Scripture Stories
Malunga neTestamente eNdala


“Malunga neTestamente eNdala,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“Malunga neTestamente eNdala,” Amabali eTestamente eNdala

Malunga neTestamente eNdala

Izithembiso zikaBawo oseZulwini kubantwana baKhe kudala

Umfanekiso
Umzobo wobomi bangaphambili

Indima yokuqala yeBhayibhile eNgcwele ikwiTestamente eNdala. Ezi zibhalo zingcwele zazibhalwe kudala, kwangaphambili kokuba uYesu Krestu azalwe. Inamabali awasinceda ukuba sibenokholo kuYe. Isifundisa ukuba umntu ngamnye emhlabeni uyinxalenye yosapho lukaBawo oseZulwini kwaye Yena uyabathanda abantwana baKhe.

Duteronomi 7:7–9; Isaya 45:10–12

Umfanekiso
U-Adam no-Eva eMyezweni

KwiTestamente eNdala, uYesu Krestu ubizwa ngokuba nguYehova kunye neNkosi. Yena ulandela imiyalelo kaBawo oseZulwini. Ukusukela ngexesha lika-Adam no-Eva, uBawo oseZulwini wayethumela uYesu Krestu ukuba azothetha nabantwana baKhe. UBawo oseZulwini uthumela uMoya OyiNgcwele ukuba usincede sazi ukuba amazwi womprofeti ayinyaniso.

Eksodus 6:2–3; 2 IziKronike 20:20; Amos 3:7; 2 Petros 1:21; Moses 2:1

Umfanekiso
Inzala ka-Adam

INkosi yathembisa umprofeti Abraham nenkosikazi yakhe uSara ukuba usapho lwabo lwaluya kukhula lusikelele umhlaba wonke. Umzukulwana wabo uYakobi wabanosapho olukhulu olwaye lwaba sisizwe. Babebizwa ngokuba bayindlu kaSirayeli, okanye amaSirayeli. Abaprofeti babafundisa ukuba bakhangele phambili kwilixa uYesu Krestu wayeza kuza ngalo.

Genesis 15:5–6; 17:1–8; Duteronomi 18:15; Isaya 7:14

Umfanekiso
abantu bejonge umnyama

Amabali amaninzi kwiTestamente eNdala abonisa indlela iNkosi eyazigcina ngayo izithembiso zaYo kumaSirayeli.

Genesis 9:13–17; Yeremiya 11:4–5; AmaHebhere 11:1–35

Umfanekiso
UMoses ebonisa abantu intonga

Xa amaSirayeli ayemamela abaprofeti kwaye egcina imithetho, iNkosi yayiwanceda. Xa ayengathobeli, Yona yayingawancedi.

Duteronomi 11:26–28; Yobhi 36:11–12

Umfanekiso
abantwana befunda izibhalo ezingcwele

Wena uyinxalenye yosapho lukaBawo oseZulwini. UBawo oseZulwini unobubele, kwaye Yena uyakuthanda. Yena unecebo ngawe. Ngenxa yeNkosi uYesu Krestu, ungabuyela uyokuphila noBawo oseZulwini kwakhona. NjengamaSirayeli awayefundisiwe, ungakhetha ukubanokholo eNkosini kwaye ugcine imithetho yaYo.

Eksodus 15:2; Duteronomi 4:31; 5:10; Moses 1:39