Scripture Stories
UDavide noGoliyati


“UDavide noGoliyati,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UDavide noGoliyati,” Amabali eTestamente eNdala

1 Samuweli 17

UDavide noGoliyati

Ukujongana nomcelingeni omkhulu

Umfanekiso
Goliyati

AmaFilisti ayehlasela amaSirayeli. Ngentsasa nganye isigebenga somFilisti esigama linguGoliyati lalicela umngeni nakowuphi na umSirayeli ukuba alwe naye. UGoliyati wayemkhulu kwaye wayemde kunabo bonke abantu, kwaye wayesoyikeka. Wayenxiba isikrweqe esinzima kwaye aphathe ikrele, nomkhonto, kunye nekhaka elikhulu. Akukho namnye owayelinga ukulwa naye.

1 Samuweli 17:1–11

Umfanekiso
umkhosi wakwaSirayeli uyatya

UDavide wayeyinkwenkwana encinane engumalusi owayenokholo eNkosini. Abantakwabo abadala babengamajoni emkhosini wakwaSirayeli. Ngenye imini, uDavide wayephethele abantakwabo ukutya. Xa wayefika kwinkampu yomkhosi, weva umcelingeni kaGoliyati.

1 Samuweli 17:20–23

Umfanekiso
UDavide uthetha namajoni

UDavide wabuza amajoni ukuba kwakutheni na kwakungekho namnye owayekhusela uSirayeli. Abantakwabo babenomsindo kwaye bamxelela ukuba ahambe ayokukhathalela iigusha. Kodwa uDavide wayesazi ukuba iNkosi yayiya kukhusela uSirayeli.

1 Samuweli 17:24–30

Umfanekiso
UDavide uthetha noKumkani uSawule

Ukumkani uSawule wayelwazi ukholo lukaDavide, ngoko ke waye wacela ukubona uDavide. UDavide waxelela uSawule ukuba wayengoyiki ukulwa noGoliyati. UDavide wachaza ukuba ngesinye isihlandlo xa wayesalusa iigusha zakhe, wabulala ingonyama nebhere. INkosi yaye yamkhusela ngoko, kwaye uDavide wayesazi ukuba iNkosi yayiya kumkhusela nangoku.

1 Samuweli 17:31–37

Umfanekiso
UDavide elinganisa isikrweqe

USawule wanika uDavide isikrweqe sakhe. Kodwa asizange simlingane, ngoko ke uDavide wasikhulula. Wagqiba kwelokuba alwe ngaphandle kwesikrweqe.

1 Samuweli 17:38–39

Umfanekiso
UDavide ebambe amatye

UDavide waqokelela amatye amahlanu agudileyo wawafaka engxoweni. Wathatha isilingi sakhe kunye nentonga yakhe yokwalusa, waya kujongana noGoliyati.

1 Samuweli 17:40

Umfanekiso
UDavide uthetha noGoliyati

Xa uGoliyati wayebona uDavide, waye wakhwaza wahlekisa ngaye. Wathi inkwenkwana yomalusi yayingenako ukumbetha. UDavide wakhwaza naye esithi uthembe iNkosi ukuba izomkhusela! UDavide wathi wayeya kumbetha uGoliyati ukubonisa ubukhulu beNkosi.

1 Samuweli 17:42–47

Umfanekiso
UDavide esilwa noGoliyati

UDavide wabaleka waya kuGoliyati. Waphosa ilitye ngokukhawuleza ngesilingi sakhe. Ilitye labetha uGoliyati ebunzi, indoda enkulu yesigebenga yawela emhlabeni. INkosi yancedisa uDavide ukuba oyise uGoliyati ngaphandle kwekrele okanye kwesikrweqe.

1 Samuweli 17:48–50

Umfanekiso
UDavide nomzimba kaGoliyati

Xa amaFilisti ayebona ukuba uGoliyati ufile, aye abaleka esoyika. AmaSirayeli aliphumelela idabi. UDavide wayethemba iNkosi, kwaye iNkosi yamkhusela uSirayeli.

1 Samuweli 17:51–53