Scripture Stories
U-Abraham noSara


“U-Abraham noSara,” Amabali eTestamente eNdala (2021)

“U-Abraham noSara,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 11–15; 17; Abraham 1–2

U-Abraham noSara

Isithembiso sokusikelela usapho loluntu

Umfanekiso
ingelosi isindisa u-Abraham embingelelini

U-Abraham wayehlala kwisixeko sase-Ure. Ababingeleli abakhohlakeleyo apho babefuna ukwenza idini ngaye kwizithixo zabo. U-Abraham waye wathandaza, kwaye iNkosi yaye yamsindisa.

Abraham 1:1–20

Umfanekiso
U-Abraham noSara bahamba ngenkamela

Ngoko ke iNkosi yayalela u-Abraham nenkosikazi yakhe uSara ukuba bahambe e-Ure baye kwilizwe elikude. Yona yathembisa ukubasikelela eluhambweni lwabo.

Genesis 12:1–3; Abraham 2:2–4

Umfanekiso
U-Abraham noSara bekhathalela iigusha

U-Abraham noSara babeyithemba iNkosi kwaye bahamba e-Ure. Kodwa babeziva bekhathazekile kuba babengenabo abantwana. INkosi yaye yabathuthuzela. Yona yabathembisa ukuba babeya kubanaye umntwana.

Genesis 11:30–31; 15:1–6; 17:2–16; Abraham 2:6–9

Umfanekiso
UThixo uvela ku-Abraham

U-Abraham waye wathandaza eNkosini ukuba afunde ngakumbi malunga naYo. INkosi yandwendwela u-Abraham kwaye yayizibiza ngokuba inguYehova. UYehova wenza umnqophiso kunye no-Abraham. Yona yathembisa ukuba u-Abraham wayeya kufumana ububingeleli. Kwaye yathembisa kwakhona ukuba zonke iintsapho zomhlaba zaziya kusikeleleka ngosapho luka-Abraham.

Abraham 2:6–11

Umfanekiso
U-Abraham noSara bahamba ngeenkamela

Njengoko u-Abraham noSara babehamba-hamba, kwakufuneka bafumane ukutya. Baye bazama ukuphila kwilizwe elalibizwa ngokuba yiKanan. Apho kulo kwakungekho kutya, ngoko ke kwakumele baye eYiputa. Kodwa ukuhlala kwelaseYiputa kwakuyingozi kubo.

Genesis 12:10–20; Abraham 2:21–25

Umfanekiso
U-Abraham noSara bejonge izilwanyana

U-Abraham noSara baye bahamba eYiputa babuyela bayohlala eKanan. Beza nokutya kunye nezilwanyane eYiputa. IKanan yayiyinxalenye yelizwe iNkosi eyayibathembise lona.

Genesis 13:1–4, 12; Abraham 2:19

Umfanekiso
UMelkitsedeke ethetha no-Abraham noSara

INkosi yaye yasigcina isithembiso saYo sokokuba u-Abraham wayeya kufumana ububingeleli. Ngenye imini u-Abraham noSara baye badibana nekumkani elungileyo egama linguMelkitsedeke. U-Abraham waye wahlawula isishumi kuyo.

Genesis 14:18–24; Alma 13:15

Umfanekiso
UMelkitsedeke esikelela u-Abraham

U-Abraham wabufumana ububingeleli kuMelkitsedeke. Obu yayibububingeleli obufanayo nobo abaprofeti abafana no-Adam noNowa babebufumene.

UGuqulelo lukaJoseph Smith, Genesis 14:36–40; Abraham 1:2–4; IMfundiso neMinqophiso 84:14

Umfanekiso
U-Abraham noSara

U-Abraham noSara babonwabile eKanan, kodwa babesakhathazekile kuba babengenaye umntwana. Kwakumele bathembele kwisithembiso seNkosi sokokuba ngenye imini usapho lwabo lwaluya kukhula kwaye lusikelele wonke umhlaba.

Genesis 13:12; 15:3–6