Scripture Stories
U-Abraham no-Isake


“U-Abraham no-Isake,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“U-Abraham no-Isake,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 17:21–22

U-Abraham no-Isake

Utata, nonyana, kunye nedini

Umfanekiso
U-Abraham, noSara, kunye nosana

U-Abraham noSara baye babanosana oluyinkwenkwe, njengoko iNkosi yayithembisile. Baluthiya ngokuba ngu-Isake.

Genesis 17:9; 21:1–3

Umfanekiso
U-Abraham efundisa u-Isake

Babemthanda u-Isake. Bamfundisa ukuba akhethe okulungileyo kwakunye nokuba athembele eNkosini.

Genesis 21:8

Umfanekiso
USara no-Abraham bejonge u-Isake

INkosi yathembisa u-Abraham noSara ukuba ngaye u-Isake usapho lwabo lwaluya kukhula lusikelele umhlaba wonke. Kodwa ngenye imini iNkosi yaye yaxelela u-Abraham ukuba athathe u-Isake amse kwiNtaba iMoriya kwaye anikezele ngaye njengedini.

Genesis 17:1–8; 22:1–2

Umfanekiso
U-Abraham no-Isake bethatha uhambo

Endleleni yabo eya entabeni, u-Isake waye wabuza ukuba yayiphi na imvana yedini. U-Abraham wathi iNkosi yayiya kubonelela ngayo.

Genesis 22:4–8

Umfanekiso
U-Abraham no-Isake bakha isibingelelo

Entabeni iMoriya, u-Abraham wakha isibingelelo waze wabeka iinkuni phezu kwaso.

Genesis 22:8–9

Umfanekiso
U-Abraham elungiselela ukwenza idini ngo-Isake

Njengoko iNkosi yayiyalele, u-Abraham waye wacela u-Isake ukuba angqengqe phezu kwesibingelelo. U-Isake wayemthembile u-Abraham njengokufana noMsindisi uYesu Krestu wayemthembile uYise.

Genesis 22:9

Umfanekiso
ingelosi ivela ku-Abraham no-Isake

Xa u-Abraham wayesele eza kwenza idini ngo-Isake, ingelosi yeNkosi yaye yammisa. U-Abraham wabonisa ukholo lwakhe kwiNkosi. U-Abraham wayesazi ukuba wayeya kusoloko elandela iNkosi.

Genesis 22:10–12

Umfanekiso
inkunzi yegusha ibambeke etyholweni

U-Abraham waphakamisa amehlo wabona inkunzi yegusha ibambeke etyholweni. INkosi yabonelela ngenkunzi yegusha isenzela idini.

Genesis 22:13

Umfanekiso
U-Abraham no-Isake bejonge esibhakabhakeni

U-Abraham no-Isake baye bafunda ngendlela uBawo Osezulwini awayeya kunikela ngayo ngoNyana waKhe uYesu Krestu njengedini. INkosi uYesu Krestu yayimthemba u-Abraham kuba wayethobela. U-Abraham wayesithemba isithembiso seNkosi sokokuba ngenye imini usapho lwakhe lwaluya kukhula lwegqithe inani leenkwenkwezi esibhakabhakeni.

Genesis 22:17–18; Yakobi 4:5