Scripture Stories
UDavide Omncinane


“UDavide Omncinane,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UDavide Omncinane,” Amabali eTestamente eNdala

1 Samuweli 16

UDavide Omncinane

Inkwenkwe engumalusi eyabizwa ukuba ibe ngukumkani

Umfanekiso
USamuweli uyahamba

INkosi yathumela umprofeti uSamuweli ukuba ayofuna ukumkani omtsha. USawule, owayengukumkani ngeloo xesha, wayeyekile ukulandela iNkosi. INkosi yaxelela uSamuweli ukuba ahambe aye eBhetelehem ayokufuna indoda egama linguYese. Ukumkani omtsha yayiya kuba ngomnye woonyana bakaYese.

1 Samuweli 16:1–5

Umfanekiso
USamuweli kunye noonyana bakaYese

Oonyana bakaYese babebade kwaye babomelele. Kodwa iNkosi yayixelele uSamuweli ukuba angabagwebi ngendlela ababekhangeleka ngayo.

1 Samuweli 16:6–10

Umfanekiso
USamuweli uthetha noYese

USamuweli wabuza uYese ukuba wayenabanye oonyana. UYese wathi unyana wakhe omncinane, uDavide, wayesolusa iigusha. UDavide waziswa kuSamuweli.

1 Samuweli 16:11

Umfanekiso
USamuweli noYese bejonge uDavide inkwenkwe engumalusi

UDavide wayemncinci kunabantakwabo kwaye wayeyinkwenkwe engumalusi. Kodwa iNkosi yayingakhathali ngendlela uDavide wayekhangeleka ngayo. INkosi yayisazi ukuba intliziyo kaDavide yayigcwele ukholo. Yaye yaxelela uSamuweli ukuba uDavide wayeya kuba yikumkani. USamuweli wasikelela uDavide. UMoya weNkosi walungiselela uDavide ukuba abe yikumkani.

1 Samuweli 16:12–13