Scripture Stories
USapho luka-Adam no-Eva


“USapho luka-Adam no-Eva,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“USapho luka-Adam no-Eva,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 4; Moses 5–6

USapho luka-Adam no-Eva

Ukukhetha ukulandela iNkosi

Umfanekiso
U-Adam no-Eva kunye nosapho

Emva kokuba u-Adam no-Eva behambile eMyezweni wase-Eden, baye baqhubeka befunda malunga necebo likaBawo oseZulwini ngabo emhlabeni. Baye banabantwana abaninzi kwaye babafundisa konke ababekwazi malunga neNkosi. Abanye babantwana baka-Adam no-Eva baye bakhetha ukuthobela iNkosi. Kodwa abanye bakhetha ukungathobeli.

Moses 5:1–12; 6:15

Umfanekiso
U-Adam no-Eva kunye nabantwana, u-Adam ebhala izibhalo ezingcwele

Usapho luka-Adam no-Eva lwaye lwagcina incwadi yenkumbulo. Baye babhala imbali yosapho lwabo encwadini. Baye babhala ngendlela iNkosi yabanceda ngayo.

Moses 6:5–6

Umfanekiso
UKayin no-Abheli

UKayin no-Abheli babengoonyana ababini baka-Adam no-Eva. U-Abheli wayeyithanda iNkosi kwaye wakhetha ukulandela Yona. UKayin wayengayithobeli iNkosi. Wakhetha ukudelela.

Genesis 4:1–16

Umfanekiso
indoda ejonge esixekweni

Usapho luka-Adam no-Eva lwaye lwaqhubeka lwanda. Abanye abantu abaninzi baye bazalwa. Bonke babenkululeko yokuzikhethela. Ekuhambeni kwexesha, abanye abantu baye badelela imithetho yeNkosi. INkosi yathumela abaprofeti ukuba bafundise abantu ukuba baguquke.

Genesis 4:25–26; Moses 5:13; 6:23