Scripture Stories
IPasika


“IPasika,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“IPasika,” Amabali eTestamente eNdala

Eksodus 11–12; 14–15

IPasika

Ukukhuselwa yiNkosi

Umfanekiso
UMoses uyathandaza

UFaro wayengafuni ukuvumela amaSirayeli akhululeke, ngoko ke iNkosi yaxelela uMoses ukuba Yona yayiya kuthumela isibetho sokugqibela. Umntwana wokuqala wosapho ngalunye olukumhlaba waseYiputa wayeya kufa, nkqu namazibulo wezilwanyane zabo.

Eksodus 11:1, 4–10

Umfanekiso
UMoses uthetha nabantu

INkosi yathembisa okokuba ukuba amaSirayeli ayelandela imiyalelo yaYo, isibetho sasiya kuwagqitha singawalimazi.

Eksodus 12:3, 13, 23

Umfanekiso
Indoda ipeyinta umgubasi womnyango, abantwana babukele

INkosi yaxelela usapho ngalunye lwamaSirayeli ukuba lwenze idini lwemvana egqibeleleyo kwaye lupeyinte ngegazi lemvana emgubasini womnyango wezindlu zawo.

Eksodus 12:4–7

Umfanekiso
Usapho lusitya isidlo sangokuhlwa

INkosi yaxelela amaSirayeli ukuba apheke imvana kwaye ayitye ngokukhawuleza. Ngexesha aayesitya, kwakumele anxibe kwaye alungele ukushiya amakhaya wawo. INkosi yathi ukuba amaSirayeli ayenokwenza ezi zinto, amazibulo wawo ayeya kukhuseleka esibethweni.

Eksodus 12:8–11

Umfanekiso
Unyana kaFaro ofileyo

Njengoko iNkosi yayilumkisile, isibetho saye safika. Onke amazibulo aseYiputa aye asweleka, kuquka nonyana omdala kaFaro. Kodwa isibetho saligqitha ikhaya ngalinye elalinegazi lemvana emgubasini womnyango. Amazibulo wamaSirayeli aye asindiswa ngenxa yokuba ayethobele iNkosi.

Eksodus 12:12–13, 29–30

Umfanekiso
UFaro okhathazekileyo uxelela uMoses no-Aron ukuba bahambe

Xa uFaro wayebona unyana wakhe eswelekile ngenxa yesi sibetho, waye waxelela uMoses no-Aron ukuba bathathe onke amaSirayeli kwaye bahambe eYiputa.

Eksodus 12:31–33

Umfanekiso
UFaro onomsindo uthumela umkhosi

AmaSirayeli aye ahamba, kodwa uFaro waye wabanomsindo. Waye wahlanganisa umkhosi wakhe kunye neenqwelo zolukwa kwaye baleqisa emva kwamaSirayeli.

Eksodus 12:37–41; 14:5–8

Umfanekiso
umkhosi uleqa amaSirayeli

AmaSirayeli aye ahlala enkampini yoLwandle oluBomvu. Kungekudala uFaro nomkhosi wakhe baye basondela. Xa amaSirayeli ayebona amaYiputa esiza, aye oyika. Kodwa uMoses waxelela amaSirayeli ukuba iNkosi yayiya kuwakhusela.

Eksodus 14:9–14

Umfanekiso
UMoses ephakamisa intonga, uLwandle oluBomvu lusohlukana

Njengoko amaYiputa ayesondela, iNkosi yaxelela uMoses ukuba aphakamise intonga yakhe. UMoses wakwenza oko, kwaye iNkosi yaluhlukanisa ulwandle. AmaSirayeli aye awela umlambo kumhlaba owomileyo. Aye abaleka kuFaro nakumkhosi wakhe.

Eksodus 14:15–16, 21–22

Umfanekiso
ULwandle oluBomvu luwela umkhosi wamaYiputa

Umkhosi wamaYiputa wawuleqisa emva kwamaSirayeli. Xa onke amaSirayeli ayekhuselekile ngakwelinye icala lolwandle, iNkosi yaye yayekela amanzi ukuba ahlele phantsi. Umkhosi wamaYiputa warhaxelwa apho elwandle.

Eksodus 14:23–30

Umfanekiso
AmaSirayeli ayabhiyoza

AmaSirayeli ayekhululekile ekugqibeleni. Aye acula iingoma, abhiyoza, kwaye abulela iNkosi. Ayesoloko ekhumbula iPasika njengexesha apho iNkosi yasindisa khona ubomi bawo kwaye yawakhokelela ngaphandle kwaseYiputa.

Eksodus 14:31; 15:1–22