Scripture Stories
UYakobi no-Esawu


“UYakobi no-Esawu,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UYakobi no-Esawu,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 25–27

UYakobi no-Esawu

Oobhuti ababini kunye nobuzibulo obunye

Umfanekiso
U-Esawu noYakobi besebenza

U-Isake noRebheka babenamakhwenkwe ayengamawele, uYakobi no-Esawu. U-Esawu wayengumzingeli onesakhono. UYakobi wayephila ubomi obulula nje kwaye wayelandela iNkosi.

Genesis 25:20–28

Umfanekiso
U-Esawu no-Isake

U-Esawu wazalwa kuqala. Izibulo ngokwesiqhelo lalifumana intsikelelo yobuzibulo kuyise walo. Ubuzibulo babuthetha ukuba wayeya kukhokela usapho kwaye abenomhlaba omninzi nezilwanyana ezininzi zokunceda ekukhathaleleni usapho olo. Kodwa u-Esawu wayezikhathalela yena buqu ngakumbi ukwegqitha usapho lwakhe, kwaye wayengabathobeli abazali bakhe kunye neNkosi.

Genesis 25:25, 32; 26:34–35

Umfanekiso
UYakobi unika u-Esawu ukutya

Ngenye imini u-Esawu wayebuya ekuzingeleni. Wayelambile kakhulu kwaye wacela uYakobi ukuba amondle. INkosi yayifuna ukuba uYakobi abenentsikelelo yobuzibulo kuba u-Esawu wayengayifanelanga. UYakobi wacela u-Esawu ukuba amtshintshisele ubuzibulo ngokutya. U-Esawu waye wavuma kwaye watshintshisela uYakobi ubuzibulo bakhe.

Genesis 25:23, 29–34; AmaHebhere 11:20

Umfanekiso
URebheka no-Isake

URebheka no-Isake babefunela abantwana babo okugqwesileyo. Babekhathazekile ngokuba u-Esawu wayeqhubeka ukwenza izinto awayezifuna kwaye engenzi oko iNkosi yayikufuna.

Genesis 26:34–35

Umfanekiso
U-Isake ethetha no-Esawu

U-Isake waye wakhula wabamdala kwaye wabayimfama. Ngaphambili kokuba asweleke, waye wacela u-Esawu ukuba ayokuzingela kwaye nokuba amphekele isilwanyana sokuba asitye kwaye asonwabele.

Genesis 27:1–4

Umfanekiso
URebheka ejonge ku-Esawu

URebheka wayesazi okokuba yayilixesha lokuba u-Isake anikele ngentsikelelo yobuzibulo.

Genesis 27:5

Umfanekiso
URebheka ethetha noYakobi

URebheka waye wacela uYakobi ukuba amfumanele izilwanyana ezimbini ukuze apheke isidlo ngaphambili kokuba u-Esawu abuye. Emva koko uYakobi wayeya kufumana intsikelelo.

Genesis 27:6–17

Umfanekiso
U-Isake enika uYakobi intsikelelo

UYakobi waye wanxiba njengo-Esawu kwaye wazisa isidlo kutata wakhe. U-Isake wanika uYakobi intsikelelo yobuzibulo. Xa u-Esawu wayebuya, wayemqumbele kakhulu uYakobi. Kodwa ubuzibulo baya kuYakobi ngenxa yokuba wayegcine imithetho yeNkosi leyo u-Esawu wayengayigcini.

Genesis 27:18–29