Scripture Stories
UMkhosi kaGidiyon


“UMkhosi kaGidiyon,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UMkhosi kaGidiyon,” Amabali eTestamente eNdala

AbaGwebi 6–7

UMkhosi kaGidiyon

Ukuthemba iNkosi edabini

Umfanekiso
AmaMidiyan esiba ukutya

Abantu bakwaSirayeli babesikelelekile iminyaka emininzi. Kodwa ke baye bakhetha ukungathobeli iNkosi. Ukubanceda bayikhumbule Yona, iNkosi yaye yayeka iintshaba zabo amaMidiyan ukuba athathe ukutya kwabo kunye nezilwanyane zabo. AmaSirayeli ayelambile, ngoko ke akhumbula iNkosi kwaye athandaza kuYo ukuba iwancede.

AbaGwebi 6:1–7

Umfanekiso
ingelosi ithetha noGidiyon

UGidiyon wayeyindoda eyayiphuma kusapho olwaluhlupheka. INkosi yathumela ingelosi ukuba imbizele ukukhulula uSirayeli. UGidiyon wayezibuza ukuba kwakutheni iNkosi ikhethe yena.

AbaGwebi 6:11–15

Umfanekiso
Abantu baqumbele uGidiyon ecaleni kwesithixo esitshatyalalisiweyo

INkosi yaxelela uGidiyon ukuba atshabalalise iindawo apho amaSirayeli ayenqulela khona izithixo zobuxoki. Xa uGidiyon wayethobela, abantu baya babanomsindo.

AbaGwebi 6:25–27

Umfanekiso
Utata kaGidiyon emkhusela ebantwini abanomsindo

AmaSirayeli ayefuna ukubulala uGidiyon. Kodwa utata kaGidiyon wawaqinisekisa ukuba angamlimazi. UGidiyon waye wagcinwa ekhuselekile.

AbaGwebi 6:28–32

Umfanekiso
UGidiyon uyathandaza

UGidiyon wayengacingi ukuba wayenokukwazi ukukhulula uSirayeli. Kwakukhona amajoni awangaphezulu kwama-135,000 kumkhosi wamaMidiyan. Kodwa iNkosi yanika uGidiyon ubulumko namandla.

AbaGwebi 6:13–16; 8:10

Umfanekiso
Amajoni ehamba emkhosini

INkosi yayifuna amaSirayeli ukuba azi ayenokuphumelela ngamandla aYo, hayi ngawawo. Nangona uSirayeli wayenamajoni angama-32,000 kuphela, iNkosi yacela uGidiyon ukuba athumele ekhaya nawaphi na amajoni awayesoyika. Emva kwamajoni angama-22,000 ayegodukile, amaSirayeli ashiyeka namajoni angama-10,000.

AbaGwebi 7:2–3

Umfanekiso
Amajoni esela amanzi

INkosi yathi amajoni angama-10,000 ayesemaninzi. Yona yaxelela uGidiyon ukuba athathe umkhosi awuse emanzini. Abo babesela ngemilomo yabo ngqo emanzini babeya kuthunyelwa ekhaya. Abo babesebenzisa izandla zabo ukusela amanzi babeya kuhlala. Ngoku kwakusele amadoda angama-300 kuphela.

AbaGwebi 7:4–7

Umfanekiso
Amajoni wamaSirayeli kunye namaxilongo nezibane engqonge inkampu yamaMidiyan

Ekugqibeleni, amaSirayeli ayekulungele ukulwa. INkosi yabonisa uGidiyon indlela yokoyisa amaMidiyan. UGidiyon waxelela umkhosi wakhe ukuba usebenzise amaxilongo nezibane ukuwothusa. Ingxolo nezikhanyiso zawabhida amaMidiyan kangangokuba aye aqalisa ukulwisana. Emva koko aye akhala anduluka abaleka.

AbaGwebi 7:16–22

Umfanekiso
UGidiyon ekhokela amajoni

Ngenxa yokuba uGidiyon wayethembele eNkosini, amaSirayeli aye awubetha umkhosi wamaMidiyan ngamajoni angama-300 kuphela. INkosi yaye yabakhulula abantu bakwaSirayeli.

AbaGwebi 7:23–25