Scripture Stories
UYakobi noSapho lwaKhe


“UYakobi noSapho lwaKhe,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UYakobi noSapho lwaKhe,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 27–33

UYakobi noSapho lwaKhe

Indlela iNkosi egcina ngayo izithembiso zaYo

Umfanekiso
UYakobi ehamba ne-esile

UYakobi washiya ikhaya lakhe ebaleka umntakwabo u-Esawu owayenomsindo. Utata kaYakobi wamsikelela ukuba afumane kwaye atshate umfazi owayethanda iNkosi nowayegcina imithetho yaYo.

Genesis 27:42–46; 28:1–5

Umfanekiso
UYesu Krestu uvela kuYakobi

Ngexesha uYakobi wayehamba-hamba, iNkosi yaye yamndwendwela ngombono. Yona yathembisa ukusoloko ikunye noYakobi. UYakobi wathembisa ukunika iNkosi isishumi sako konke owayekufumene.

Genesis 28:10–16, 20–22

Umfanekiso
UYesu Krestu uthetha noYakobi

INkosi yathembisa uYakobi ukuba wayeya kubanabantwana abaninzi. Ngabantwana bakaYakobi, iintsapho zomhlaba zaziya kusikelelwa ngokuba zazi uMsindisi. Usapho lukaYakobi kwimihla yokugqibela lubizwa ngokuba luyindlu kaSirayeli.

Genesis 28:3–4, 14; 1 Nifayi 10:14

Umfanekiso
UYakobi noRakeli

UYakobi wahamba waya kwilizwe elalibizwa ngokuba yiHaran. Apho kulo waye wathandana nomfazi olilungisa ogama linguRakeli.

Genesis 27:43; 29:9–20

Umfanekiso
UYakobi esebenza entsimini

UYakobi wavuma ukusebenzela utata wakhe, uLabhan iminyaka esixhenxe, ukuba uLabhan wayeya kumvumela ukuba atshate uRakeli. ULabhan wavuma. UYakobi wasebenza iminyaka esixhenxe.

Genesis 29:21–27

Umfanekiso
UYakobi, noRakeli, kunye noLeya

Kodwa uLabhan wayefuna uLeya, intombi yakhe endala, kube yeyona etshata kuqala. Ngexesha lomtshato, uLabhan wakhohlisa uYakobi kwaye wamtshatisa noLeya endaweni yoko. Kodwa uYakobi wayethanda uRakeli. Waye wathembisa ukusebenza eminye iminyaka esixhenxe ukuba wayenokubanako ukumtshata. ULabhan wavuma, kwaye usapho lukaYakobi lwaqala ukukhula.

Genesis 29:28–35; 30:3–13, 17–24; Yakobi 2:27–30

Umfanekiso
UYakobi uhamba nosapho

ULabhan akazange ahlawule uYakobi ngokufanelekileyo. Kodwa iNkosi yamsikelela uYakobi ngezilwanyana ezininzi kwaye yaxelela uYakobi ukuba abuyele ekhaya.

Genesis 30:31, 43; 31:1–7, 17–18

Umfanekiso
Yakobi

Endleleni yakhe eya ekhaya, uYakobi weva ukuba umntakwabo u-Esawu kunye namadoda angama-400 ayesiza kuhlangana naye.

Genesis 32:3–6

Umfanekiso
UYakobi ufihla usapho

UYakobi wayecinga ukuba u-Esawu wayesamqumbele. UYakobi wayesoyikisela ukhuseleko losapho lwakhe, ngoko ke waluthatha walusa kwindawo ekhuselekileyo kwaye wathandaza.

Genesis 32:7–24

Umfanekiso
UYesu Krestu uthetha noYakobi

UYakobi wathandaza ubusuku bonke kwade kwabakusasa. INkosi yandwendwela uYakobi kwaye yamsikelela. INkosi yaxelela uYakobi ukuba wayeya kuba yinkokheli enkulu kubantu abaninzi. INkosi yalitshintsha igama likaYakobi yalenza uSirayeli,

Genesis 32:24–30

Umfanekiso
U-Esawu udibana noYakobi

Kungekudala u-Esawu kunye namadoda akhe bamfumana uYakobi nosapho lwakhe. U-Esawu wayengasamqumbelanga uYakobi. Waye wabaleka waya kuhlangana noYakobi kwaye wamwola. Wayonwabe kakhulu ukumbona kwakunye nokudibana nosapho lwakhe. UYakobi naye wayonwabele ukubona u-Esawu kwakhona.

Genesis 33:1–7

Umfanekiso
UYakobi no-Esawu bejonge usapho

INkosi yaye yazigcina izithembiso zaYo kuYakobi ubomi bakhe bonke. UYakobi wafika ekhayeni nosapho lwakhe kwaye bazinza khona. Ukususela ngoko, uYakobi waye wabizwa ngokuba nguSirayeli, kwaye nosapho lwakhe lwalubizwa ngokuba ngamaSirayeli. Waye waqhubekeka ukuyigcina imithetho kunye nokunqula iNkosi.

Genesis 33:17–20