Scripture Stories
U-Elisha kunye noMkhosi weNkosi


“U-Elisha kunye noMkhosi weNkosi,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“U-Elisha kunye noMkhosi weNkosi,” Amabali eTestamente eNdala

2 OoKumkani 6

U-Elisha kunye noMkhosi weNkosi

Iinqwelo zokulwa zomlilo zeNkosi

Umfanekiso
amajoni engqonge isixeko

AmaSiriya ayengawathandi amaSirayeli. Ukumkani wamaSiriya wathumela umkhosi wakhe ukuba ayokubamba umprofeti u-Elisha. Ebusuku, umkhosi waye wangqonga isixeko apho u-Elisha wayekuso.

2 OoKumkani 6:8–14

Umfanekiso
U-Elisha kunye nesicaka bejonge umkhosi wamaSiriya

Isicaka esincinane sika-Elisha saye savuka kwaye sabona umkhosi wamaSiriya. Saye sabuza u-Elisha ukuba benzeni na. U-Elisha wamxelela umfana omncinane ukuba angoyiki. Yena wathi umkhosi obalwelayo wawumkhulu ngaphezu kwalowo wawulwela abangakubo.

2 OoKumkani 6:15–16

Umfanekiso
umkhosi wasezulwini neenqwelo zokulwa zomlilo

U-Elisha wacela iNkosi ukuba ibonise umfana omncinane oko u-Elisha wayekubonile. INkosi yambonisa umkhosi wasezulwini kunye namahashe kunye neenqwelo zokulwa zomlilo zokubakhusela. Umkhosi wamaSiriya waye wamfamekiswa ngamandla kaThixo. Abazange baphinde balwe namaSirayeli.

2 OoKumkani 6:17–23