Scripture Stories
Amaphupha Awaphenjelelweyo kaYosefu


“Amaphupha Awaphenjelelweyo kaYosefu,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“Amaphupha Awaphenjelelweyo kaYosefu,” Amabali eTestamente eNdala

Genesis 30; 37

Amaphupha Awaphenjelelweyo kaYosefu

Intsokolo yosapho yokuba luthandane

Umfanekiso
UYakobi noYosefu kwingubo yakhe

URakeli noYakobi babethandaza iminyaka ukuba babenonyana. INkosi yayiphendula imithandazo yabo xa uYosefu wayezalwa. UYosefu wayengunyana oyintanda kaYakobi, kwaye waye wapha uYosefu ingubo ekhethekileyo. Oonyana abali-10 bakaYakobi babenomona.

Genesis 30:22–24; 37:1–4

Umfanekiso
UYosefu echaza iphupha elimalunga neenkozo

Xa uYosefu wayemalunga neminyaka eli-17 ubudala, waye wabanephupha eliphenjelelweyo apho wayeqokelela iinkozo kunye nabantakwabo. Inyanda yeenkozo zikaYosefu yayime ngobude. Kodwa iinyanda zabantakwabo zaziqubude kwekaYosefu. Xa uYosefu wayexelela abantakwabo ngephupha, baye babanomsindo kuye.

Genesis 37:2, 5–8

Umfanekiso
UYosefu echaza iphupha elimalunga neenkwenkwezi

Kamva, uYosefu waye wabanelinye iphupha eliphenjelelweyo. Kweli iphupha, ilanga, nenyanga, kunye neenkwenkwezi ezili-11 zaziqubuda kuye. UYosefu waxelela usapho lwakhe ngeli phupha. Oku kwenza kwavakala ngathi uYosefu wayeya kuphatha usapho lwakhe. Abantakwabo Yosefu baye babanomsindo ngakumbi. Babengawathandi amaphupha wakhe.

Genesis 37:9–11

Umfanekiso
UYosefu ejonga abantakwabo

Ngenye imini abantakwabo Yosefu babekude nasekhaya besolusa iigusha. UYakobi wathumela uYosefu ukuba ayobajonga.

Genesis 37:12–19

Umfanekiso
abantakwabo Yosefu

Abanye babantakwabo Yosefu babefuna ukumbulala. Baye bathatha ingubo yakhe baze bamphosela emgodini.

Genesis 37:20–24

Umfanekiso
UYosefu emgodini

Ngelixesha uYosefu wayesemgodini, abantakwabo baye babona abahambi besiya eYiputa. Abantakwabo baye bagqiba kwelokuba bamthengise uYosefu njengekhoboka kubahambi ngexabiso leesilivere ezingama-20.

Genesis 37:25–28

Umfanekiso
igazi kwingubo kaYosefu

Emva koko abantakwabo Yosefu babeka igazi lebhokhwe kwingubo yakhe. Abantakwabo baya kutata wabo, uYakobi, kwaye bambonisa ingubo. Baye baxoka kuYakobi kwaye bamxelela ukuba izilwanyane zasendle zibulele uYosefu.

Genesis 37:31–33

Umfanekiso
UYakobi uyakhala

UYakobi waye wakhala kuba wayecinga ukuba uYosefu wayeswelekile.

Genesis 37:32–35

Umfanekiso
UYosefu wayephila njengekhoboka eYiputa

Kodwa uYosefu wayesaphila. Wayekude nekhaya eYiputa, ephila njengekhoboka.

Genesis 37:36