Scripture Stories
U-Eliya uMprofeti


“U-Eliya uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“U-Eliya uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala

1 OoKumkani 16–18

U-Eliya uMprofeti

Ukholo lukamama kunye nemimangaliso yeNkosi

Umfanekiso
U-Eliya uthetha noKumkani u-Ahabhi noKumkanikazi u-Izebhele

Ubukumkani bukaSirayeli babungenamvula, kwaye babuphelelwa ngamanzi. Ukumkani u-Ahabhi noKumkanikazi u-Izebhele babengabathandi abaprofeti beNkosi. Bade benza okokuba abanye babaprofeti babulawe. Ukumkani nokumkanikazi babethandazela imvula kwizithixo. Kodwa umprofeti u-Eliya wabaxelela ukuba iNkosi yayingazukuyithumela imvula kangangeminyaka emininzi.

1 OoKumkani 16:29–33; 17:1; 18:13

Umfanekiso
U-Eliya ezimela amajoni

Ukumkani nokumkanikazi babemqumbele u-Eliya. INkosi yalumkisa u-Eliya ukuba ayokuzimela kuba ubomi bakhe babusengozini.

1 OoKumkani 17:2–3

Umfanekiso
U-Eliya eguqe kunxweme lomlambo

INkosi yakhokelela u-Eliya emlanjeni kwaye yathumela iintaka ukuba zimzisele ukutya. Kodwa ngenxa yokuba kwakungekho mvula, umlambo waye woma, kwaye no-Eliya wayengenawo amanzi.

1 OoKumkani 17:4–7

Umfanekiso
U-Eliya uthetha nomfazi

INkosi yakhokelela u-Eliya kumfazi othile kwisixeko esasikude. U-Eliya wamcela amanzi nesonka. Kodwa yena wayenokwanele yena nonyana wakhe usuku olunye.

1 OoKumkani 17:8–12

Umfanekiso
U-Eliya uthetha nomfazi

U-Eliya wayesazi ukuba kwakukukutyana kwakhe kokugqibela. Wamthembisa ukuba wayemondlile, iNkosi yayiya kubonelela usapho lwakhe ngokutya kude kubuye imvula.

1 OoKumkani 17:13–14

Umfanekiso
U-Eliya, nomfazi, kunye nomntwana besitya

Umfazi wenzela u-Eliya isonka. Yaze i-oli nomgubo wakhe waphindaphindwa! Kwakukho ukutya okwaneleyo kubo bobabini u-Eliya kunye nomfazi nosapho lwakhe kangangeentsuku ezininzi.

1 OoKumkani 17:15–16

Umfanekiso
umfazi elilela umntwana oswelekileyo

Ngenye imini unyana womfazi waye wagula kwaye wasweleka. Waye wabuza u-Eliya okokuba kwakutheni na iNkosi ivumele oko ukuba kwenzeke kuye.

1 OoKumkani 17:17–20

Umfanekiso
umfazi ewola umntwana

U-Eliya wayenobubingeleli. Yena wasikelela unyana womfazi kwaye wacela iNkosi ukuba imvumele ukuba abuyele ebomini. Umntwana waphefumla kwakhona, kwaye umfazi wayesazi ukuba u-Eliya wayengumprofeti weNkosi.

1 OoKumkani 17:21–24