Scripture Stories
UDaniyeli naBahlobo Bakhe


“UDaniyeli naBahlobo Bakhe,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UDaniyeli naBahlobo Bakhe,” Amabali eTestamente eNdala

Daniyeli 1

UDaniyeli naBahlobo Bakhe

besala ukutya isidlo sekumkani

Umfanekiso
amakhwenkwe ethathwa ngamajoni

Ubukumkani baseBhabheli boyisa iYerusalem. Baye bathatha abanye babafana abancinane ababekrelekrele nabona babomelele babasusa kwiintsapho zabo eYerusalem kwaye bababuyisela eBhabheli ukuba bakhonze ukumkani.

Daniyeli 1:1–4

Umfanekiso
abafana abancinane kwindlu yakomkhulu yekumkani

UDaniyeli nabahlobo bakhe babengabanye baba bafana bancinane. Babekhethiwe ukuba bancede kwindlu yakomkhulu yekumkani kwaye babe zizilumko zayo.

Daniyeli 1:4–6

Umfanekiso
ukutya nesiselo somdiliya

Ukumkani wanika uDaniyeli nabahlobo bakhe ukutya nesiselo somdiliya. Kodwa abazange batye ukutya kwekumkani okanye basele isiselo somdiliya. Kwakuchasenene nemithetho kaThixo.

Daniyeli 1:5–8

Umfanekiso
abafana abancinane besitya

Oku kwenza isicaka sikakumkani ukuba soyikisele ubomi baso. Saye sakhathalela uDaniyeli nabahlobo bakhe, kwaye saye sacinga okokuba ukuba babesala ukutya kukakumkani, babeya kuba buthathaka ngakumbi kunabanye abafana abancinane. Ngoko ke ukumkani wayezakuba nomsindo kwaye asibulale isicaka eso.

Daniyeli 1:9–10

Umfanekiso
UDaniyeli uthetha nesicaka

Kodwa uDaniyeli wayemthemba uThixo kwaye wayefuna ukuthobela imithetho yaKhe. UDaniyeli wacela isicaka ukuba sibanike amanzi neenkozo kangangeentsuku ezi-10 emva koko sithelekise impilo yabo kunye nempilo yabanye abafana abancinane. Isicaka saye savuma.

Daniyeli 1:11–14

Umfanekiso
UDaniyeli nabahlobo bakhe befunda

Emva kweentsuku ezi-10, uDaniyeli nabahlobo bakhe babesempilweni entle kakhulu ukogqitha bonke abanye abafana abancinane. UDaniyeli nabahlobo bakhe balandela imithetho kaThixo, kwaye uThixo wabenza izilumko ezikrelekrele kakhulu kwindlu yakomkhulu kakumkani.

Daniyeli 1:15–20