Scripture Stories
UYoshuwa uMprofeti


“UYoshuwa uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala (2022)

“UYoshuwa uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala

Duteronomi 10; 3134; Yoshuwa 1; 3–6; 10–11; 2124

UYoshuwa uMprofeti

Uvavanyo lokugqibela ngaphambili kokungena kwilizwe ledinga

Umfanekiso
UYoshuwa uyathandaza

INkosi yabiza uYoshuwa ukuba abengumprofeti omtsha emva kokuba umprofeti uMoses wayethathelwe ezulwini. Ngexesha amaSirayeli ayehleli kufutshane noMlambo iYordan, iNkosi yathi kwakulixesha lokuba baye kwilizwe ledinga.

Duteronomy 34:1–9; Yoshwua 1:1–4; Alma 45:19

Umfanekiso
abantu abakhohlakeleyo eKanan

Ilizwe ledinga laliseKanan, kodwa kwakuhlala abantu abakhohlakeleyo kulo. INkosi yaxelela uYoshuwa ukuba omelele kwaye akhaliphe. Ngoncedo lweNkosi, amaSirayeli aweyenokoyisa umhlaba waseKanan.

Yoshuwa 1:1–9

Umfanekiso
AmaSirayeli kuMlambo iYordan

UYoshuwa waye wahlanganisa umkhosi. INkosi yabaxelela ukuba baphathe amatye weMithetho eliShumi kunye nezinye izibhalo ezingcwele. Ababingeleli baye baziphatha ezi zinto zingcwele kwityesi eyayibizwa ngokuba yityeya yomnqophiso. Waze umkhosi walungiselela ukuwela uMlambo iYordan. Umlambo wawunzulu kwaye uhamba ngokukhawuleza.

Duteronomi 10:5; 31:25–26; Yoshuwa 1:10–11; 3:1–11

Umfanekiso
UYoshuwa umprofeti

UYoshuwa wathembisa amaSirayeli ukuba iNkosi yayiya kuwanceda awele umlambo.

Yoshuwa 3:10–13

Umfanekiso
amanzi esohlulwa ziinyawo

UYoshuwa wacela ababingeleli abali-12 ukuba bathathe ityeya yomnqophiso kwaye bahambe emanzini. Ngokukhawuleza nje ababingeleli benyathele emanzini, amanzi aye ohlukana.

Yoshuwa 3:12–17

Umfanekiso
AmaSirayeli ethwele ityeya yomnqophiso kunxweme lomlambo owomileyo, amanye eqokelela amatye

AmaSirayeli aye awela umlambo kumhlaba owomileyo. UYoshuwa wacela amaSirayeli ukuba athathe amatye awali-12 elunxwemeni owomileyo lomlambo. Waye wawadibanisa amatye ukukhumbuza amaSirayeli ngommangaliso weNkosi ngaloo mini.

Yoshuwa 3:17; 4:1–24

Umfanekiso
AmaSirayeli esiya ngasesixekweni

UYoshuwa wawukhokela umkhosi wamaSirayeli ukuya kumhlaba waseKanan. Baye bafika kwisixeko esasibizwa ngokuba yiYeriko. Esi sixeko sasomelele kakhulu kwaye sasineendonga ezinde. INkosi yaxelela uYoshuwa ukuba oyise iYeriko. Yathi amaSirayeli kwakumele ayijikeleze iYeriko yonke imihla kangangeentsuku ezisithandathu. UYoshuwa wayithobela iNkosi.

Yoshuwa 5:13–15; 6:1–5

Umfanekiso
ababingeleli bethwele ityeya yomnqophiso, abanye bekhalisa amaxilongo

UYoshuwa waxelela ababingeleli ukuba bathwale ityeya yomnqophiso phambi kwamaSirayeli. Usuku ngalunye, umkhosi wawujikeleza iYeriko, kwaye ababingeleli abasixhenxe babekhalisa amaxilongo wabo. Onke amanye amaSiyareli ayethulile.

Yoshuwa 6:6–14

Umfanekiso
AmaSirayeli ayakhwaza, iindonga ziyawa

Ngosuku lwesixhenxe, umkhosi wajikeleza iYeriko amaxesha asixhenxe. Njengoko ababingeleli babekhalisa amaxilongo wabo, uYoshuwa waxelela amaSirayeli ukuba akhwaze. Ngesaquphe iindonga zeYeriko zawela phantsi emhlabeni, kwaye umkhosi kaYoshuwa wathatha isixeko.

Yoshuwa 6:15–16, 20

Umfanekiso
UYoshuwa ethetha nabantu esixekweni

INkosi yawanceda amaSirayeli njengoko Yona yayithembisile. Umkhosi kaYoshuwa waqhubeka usoyisa umhlaba waseKanan, kwaye amaSirayeli aye aqalisa ukuhlala apho khona. UYoshuwa wabakhumbuza ngemimangaliso kunye nangezithembiso zeNkosi. Waye wacela amaSirayeli ukuba akhonze iNkosi.

Yoshuwa 10:42; 11:23; 21:43–45; 24:15