Izibhalo
Alma 5


Amazwi awathi uAlma, uMbingeleli oMkhulu ngokohlobo olungcwele lukaThixo, wawanika kubantu kwizixeko zabo nakwiilali zabo kulo lonke ilizwe.

Iqala ngesahluko 5.

Isahluko 5

Ukuze kufumaneke usindiso, abantu kufuneka baguquke, kwaye bayigcine imiyalelo, bazalwe kwakhona, bazihlambe iingubo zabo ngegazi likaKrestu, bathobeke bazihlube ekratshini nasemoneni, baze benze imisebenzi yobulungisa—UMalusi oLungileyo ubiza abantu Bakhe—Abo benza imisebenzi emibi ngabantwana bakatyholi—UAlma ungqina ngobunyani bemfundiso yakhe kwaye uyalela abantu ukuba baguquke—Amagama amalungisa aya kubhalwa encwadini yobomi. Malunga 83 P.K.

1 Ngoku kwenzekile okokuba uAlma aqalise ukunikela ilizwi likaThixo ebantwini, kuqala elizweni laseZarahemla, waza ukusuka apho waya kulo lonke ilizwe.

2 Kwaye la ngamazwi awathethayo ebantwini ebandleni elamiselwa esixekweni saseZarahemla, ngokwengxelo yakhe, athi:

3 Mna, Alma, ekubeni ndimiselwe ngubawo, uAlma, ukuba ndibe ngumbingeleli omkhulu ebandleni likaThixo, ekubeni yena enamandla kwanegunya elivela kuThixo lokwenza ezi zinto, qaphelani, ndithi kuni waqalisa ukumisela ibandla elizweni elalikwimida yaseNifayi; ewe, ilizwe elalibizwa ilizwe likaMormoni; ewe, kwaye wababhaptiza abazalwana bakhe emanzini aseMormoni.

4 Kwaye qaphelani, ndithi kuni, bahlangulwa bakhutshwa ezandleni zabantu bakakumkani uNowa, ngenceba namandla kaThixo.

5 Kwaye qaphelani, emva koko, baziswa kubukhoboka ngezandla zamaLeymenayithi entlango; ewe, ndithi kuni, babesekuthinjweni, kwaye kwakhona iNkosi yabahlangula ebukhobokeni ngamandla elizwi lakhe; saza saziswa kweli lizwe, saze apha saqalisa ukumisa ibandla likaThixo nakulo lonke eli lizwe.

6 Kwaye ngoku qaphelani, ndithi kuni, bazalwana bam, nina eningabo abebandla, ingaba nizigcine ngokwaneleyo kwiinkumbulo zokuthinjwa kooyihlo? Ewe, kwaye ingaba nizigcine ngokwaneleyo kwiinkumbulo inceba nokuzeka kade umsindo kwakhe ngakubo? Kwaye ngaphezu koko, ingaba nizigcine ngokwaneleyo iinkumbulo zokuba uyihlangule imiphefumlo yabo esihogweni?

7 Qaphelani, waziguqula iintliziyo zabo; ewe, wabavusa ebuthongweni obunzulu, bavuselwa kuThixo. Qaphelani, babesenzulwini yobumnyama; nangona kunjalo, imiphefumlo yabo yakhanyiswa kukukhanya kwelizwi lanaphakade; ewe, baberhanqwe ngamakhamandela okufa, namatyathanga esihogo, kwaye intshabalalo yanaphakade yayibalindele.

8 Kwaye ngoku ndiyanibuza, bazalwana bam, ingaba batshatyalaliswa? Qaphelani, ndithi kuni, Hayi, abazange.

9 Kwaye kwakhona ndiyabuza, ingaba amakhamandela okufa akhululwa, namatyathanga esihogo awayebarhangqile akhululwa? Ndithi kuni, Ewe, akhululwa, kwaye nemiphefumlo yabo yakhukhumala, baze bavuma ingoma ngothando olukhululayo. Kwaye ndithi kuni basindisiwe.

10 Kwaye ngoku ndiyanibuza ukuba basindiswe phantsi kweziphi iimeko? Ewe, zeziphi izizathu abanazo ezazinokubabeka ethembeni lokusindiswa? Kungani bekhululwa kumakhamandela okufa, ewe, kanjalo nakumatyathanga esihogo?

11 Qaphelani, ndinganixelela—ingaba ubawo wam uAlma wayengakholelwa kumazwi aphuma emlonyeni ka-Abhinadayi? Kwaye ingaba wayengenguye umprofeti ongcwele? Ingaba akathethanga mazwi kaThixo, waze ubawo wam uAlma wawakholelwa?

12 Kwaye ngokokholo lwakhe kwabakho utshintsho olumandlakazi olwenzekayo entliziyweni yakhe. Qaphelani ndithi kuni konke oku kuyinyaniso.

13 Kwaye qaphelani, washumayela ilizwi kooyihlo kanjalo notshintsho olumandlakazi lwenzeka ezintliziyweni zabo, baza bazithoba babeka ithemba labo kuThixo wokwenene ophilayo. Kwaye qaphelani, bathembeka ukuya ekupheleni; ke ngoko basindiswa.

14 Kwaye ngoku qaphelani, ndiyabuza kuni, bazalwana bam bebandla, ingaba nizelwe ngokomoya nguThixo? Ingaba niyifumene inkangeleko yakhe ebusweni benu? Ingaba nilufumene olu tshintsho olunamandlakazi ezintliziyweni zenu?

15 Ingaba niyalusebenzisa ukholo lwenkululeko yakhe lowo wanidalayo? Ingaba nikhangele phambili ngeliso lokholo, nize niwubone lo mzimba ufayo uphakanyiselwa ekungafini, kwaye noku konakalayo kuphakanyiselwa ekungonakalini, nize nime phambi koThixo nigwetywe ngokwezenzo ezenziwe emzimbeni ofayo?

16 Ndithi kuni, ninako na ukuzithelekelela ingathi niva ilizwi leNkosi, lisithi kuni, ngaloo mhla: Yizani kum nina basikelelweyo, kuba qaphelani, imisebenzi yenu ibe iyimisebenzi yobulungisa ebusweni behlabathi?

17 Okanye nizithelekelela ngathi ninako ukuxokisa iNkosi ngaloo mhla, nize nithi—Nkosi, imisebenzi yethu ibiyeyobulungisa phezu kobuso bomhlaba—kwaye ebeya kunisindisa?

18 Okanye ngenye indlela, ningazicingela niziswe phambi kwenkundla kaThixo nemiphefumlo yenu ezele ubutyala nokuzohlwaya, nineenkumbulo zawo onke amatyala enu, ewe, inkumbulo efezekileyo yayo yonke inkohlakalo yenu, ewe, inkumbulo yokuba nayidela imiyalelo kaThixo?

19 Ndithi kuni, ingaba ningakhangela kuThixo ngaloo mhla ngentliziyo enyulu nezandla ezicocekileyo? Ndithi kuni, ingaba ningakhangela phezulu, ninenkangeleko kaThixo ikrolwe ebusweni benu?

20 Ndithi kuni, ingaba ningacinga ngokusindiswa xa niziyekele ukuba nibe zizicaka zomtyholi?

21 Ndithi kuni, niya kwazi ngaloo mhla ukuba aninako ukusindiswa; kuba akukho mntu oya kusindiswa ngaphandle kokuba izambatho zakhe zihlanjwe zabamhlophe; ewe, izambatho zakhe kufuneka zihlanjululwe zide zicoceke kuwo onke amachaphaza, ngegazi lakhe lowo kwathethwa ngaye ngoobawo bethu, ofanele ukuza kukhulula abantu bakhe ezonweni zabo.

22 Kwaye ngoku ndiyanibuza, bazalwana bam, niya kuziva njani, nabani na kuni, ukuba niya kuma phambi kwenkundla yokugweba kaThixo, ninezambatho ezichatshazelwe igazi nazo zonke iintlobo zobunyhuku-nyhuku? Qaphelani, ezi zinto ziya kungqina ntoni ngokuchasene nani?

23 Qaphelani ingaba aziyikungqina ukuba ningababulali, ewe, nokuba kanjalo ninetyala lazo zonke iintlobo zenkohlakalo?

24 Qaphelani, bazalwana bam, ingaba nicinga ukuba onjalo unokuba nayo indawo yokuhlala phantsi ebukumkanini bukaThixo, noAbraham, noIsake, kunye noYakobi, kananjalo bonke abaprofeti abangcwele, abazambatho zabo zihlanjwe zaza azabi nachaphaza, zamsulwa kwaye zamhlophe?

25 Ndithi kuni, Hayi; ngaphandle kokuba nimenza ixoki uMdali wethu ukususela ekuqalekeni, okanye nicinga ukuba ulixoki ukususela ekuqalekeni, aninako ukucinga ukuba abanjalo banokuba nendawo ebukumkanini bezulu; kodwa baya kukhutshelwa ngaphandle kuba bona bangabantwana bobukumkani bukamtyholi.

26 Kwaye ngoku qaphelani, ndithi kuni, bazalwana bam, ukuba nive utshintsho lwentliziyo, nokuba ninqwenele ukuvuma ingoma yothando olukhululayo, ndingabuza, ingaba niseva njalo ngoku?

27 Ingaba nihambile, nizigcine ningenatyala phambi kukaThixo? Beninako ukuthi, ngaphakathi kwenu, ukuba beninokubizwa nife ngeli xesha, ukuba benithobeke ngokwaneleyo? Nokuba izambatho zenu bezihlanjwe zaze zenziwa mhlophe egazini likaKrestu, oya kuza akhulule abantu bakhe ezonweni zabo?

28 Qaphelani, ingaba nihlutywe ikratshi? Ndithi kuni, ukuba aninjalo anikulungelanga ukubonana noThixo. Qaphelani kufuneka nilungise ngokukhawuleza; kuba ubukumkani bezulu busondele, kwaye onjalo akanabo ubomi obungunaphakade.

29 Qaphelani, ndithi, ingaba ukhona phakathi kwenu ongahlutyulwanga umona? Ndithi kuni onjalo akazilungiselelanga; kwaye kwanga angazilungiselela ngokukhawuleza, kuba ilixa lisondele, kwaye akazi ukuba ixesha liya kufika nini; kuba onjalo akayi kufunyanwa engenatyala.

30 Kwaye kwakhona ndithi kuni, ingaba ukhona phakathi kwenu ogxeka umntakwabo, okanye omthwalisa iintshutshiso?

31 Yeha kulowo, kuba akazilungiselelanga, kwaye ixesha lisondele lokuba aguquke, okanye akanakusindiswa!

32 Ewe, yeha kwanakuni nonke basebenzi bobugwenxa; guqukani, guqukani, kuba iNkosi uThixo ikuthethile!

33 Qaphelani, uthumela isimemo kubo bonke abantu, kuba iingalo zenceba zolulilwe ngakubo, kwaye ithi: Guqukani, kwaye ndiya kunamkela.

34 Ewe, ithi: Yizani kum kwaye niya kudla kwiziqhamo zomthi wobomi; ewe, niya kudla nisele okwesonka namanzi obomi ngokukhululekileyo;

35 Ewe, yizani kum kwaye nize nemisebenzi yobulungisa, kwaye aniyi kugawulelwa phantsi nize niphoselwe emlilweni—

36 Kuba qaphelani, ixesha lisondele lokuba nabani na ongazisi ziqhamo zilungileyo, okanye ongenzi misebenzi yobulungisa, onjalo unesizathu sokwenza, isijwili kwaye azile.

37 Owu nina basebenzi bobugwenxa; nina bakhukhumele zizinto ezingento zehlabathi, nina bathe nizazile iindlela zobulungisa nangona kunjalo naphuma endleleni, njengezimvu ezingenamalusi, ningenakumelana nomalusi othe wanibiza kwaye usanibiza, kodwa anifuni kuliphulaphula ilizwi lakhe!

38 Qaphelani, ndithi kuni, ukuba umalusi olungileyo uyanibiza; ewe, kwaye unibiza ngegama lakhe, eli ligama likaKrestu; kwaye ukuba aninakuliphulaphula ilizwi lomalusi olungileyo, negama enibizwa ngalo, qaphelani, anizizo izimvu zomalusi olungileyo.

39 Kwaye ngoku ukuba anizizo izimvu zomalusi olungileyo, ningabawuphi umhlambi? Qaphelani, ndithi kuni, umtyholi ungumalusi wenu, kwaye ningabomhlambi wakhe; kwaye ngoku, ngubani ongayiphikisayo le nto? Qaphelani, ndithi kuni, nabani na ophikisa le nto lixoki kwaye ungumntwana womtyholi.

40 Kuba ndithi kuni nantoni na elungileyo ivela kuThixo, kwaye nantoni na embi ivela kumtyholi.

41 Ke ngoko, ukuba umntu uzisa imisebenzi elungileyo uyaliphulaphula ilizwi lomalusi olungileyo, kwaye uyamlandela; kodwa nabani na ozisa imisebenzi emibi, lowo uba ngumntwana kamtyholi, kuba uphulaphula ilizwi lakhe, kwaye uyamlandela.

42 Kwaye nabani na owenza oku kufuneka afumane umvuzo wakhe kuye; ke ngoko, ngomvuzo wakhe ufumana ukufa, ngokwezinto ezinxulumene nobulungisa, engofileyo kuyo yonke imisebenzi elungileyo.

43 Kwaye ngoku, bazalwana bam, ndinga ningandiva, kuba ndithetha ngamandla omphefumlo wam; kuba qaphelani, ndithethe nani ngokucacileyo ukuze ningaphazami, okanye ndithethe ngokwemiyalelo kaThixo.

44 Kuba ndibiziwe ukuba ndithethe ngolu hlobo, ngokohlobo olungcwele lukaThixo, obukuKrestu uYesu; ewe, ndiyalelwe ukuba ndime kwaye ndingqine kwaba bantu ngezinto ezathethwa ngoobawo bethu malunga nezinto eziya kwenzeka.

45 Kwaye akuphelelanga apha. Anicingi ukuba ndiyazazela ngokwam ezi zinto? Qaphelani, ndiyangqina kuni ukuba ndiyazi ukuba ezi zinto endithethe ngazo ziyinyaniso. Nicinga ukuba ndikwazi njani ukuqiniseka kwazo?

46 Qaphelani, ndithi kuni zaziswa kum ngoMoya oyiNgcwele kaThixo. Qaphelani, ndizile ukudla ndathandaza iintsuku ezininzi ukuze ndizazi ezi zinto ngokwam. Kwaye ngoku ndiyazazi ngokwam ukuba ziyinyaniso; kuba iNkosi uThixo izazisile kum ngoMoya oyiNgcwele wakhe; kwaye lo ngumoya wesityhilelo okum.

47 Kwaye ngaphezu koko, ndithi kuni kutyhiliwe kum ukuba amazwi athi athethwa ngoobawo bethu ayinyaniso, nakanjalo nangomoya wesiprofetho okum, othe kanjalo wabonakaliswa ngoMoya kaThixo.

48 Ndithi kuni, ndiyazi ngokwam ukuba nantoni na endiza kuyithetha kuni, malunga nezinto eziya kwenzeka, yinyani; kwaye ndithi kuni, ndiyazi ukuba uYesu Krestu uya kuza, ewe, uNyana, oKuphela koZelweyo kaBawo, ozele lubabalo, nenceba, nenyaniso. Kwaye qaphelani, nguye ozayo ukuza kususa izono zehlabathi, ewe, izono zakhe wonke umntu okholwa ngokuthe nkqi egameni lakhe.

49 Kwaye ngoku ndithi kuni olu luhlobo endibizelwe kulo, ewe, ukushumayela kubazalwana bam abathandekayo, ewe, naye wonke umntu ohlala elizweni; ewe, ukushumayela kubo bonke, kunye abadala nabancinane, kunye abangamakhoboka nabakhululekileyo; ewe, nditsho kuni manyange, kananjalo namaqina, nesizukulwana esisakhulayo; ewe, ukukhala kubo ukuba baguquke baze bazalwe kwakhona.

50 Ewe, utsho njalo uMoya: Guqukani, nonke ziphelo zomhlaba, kuba ubukumkani bamazulu busondele; ewe, uNyana kaThixo uyeza ngozuko lwakhe, ngamandlakazi akhe, nobungangamsha, namandla, nangobukhosi. Ewe, bazalwana bam abathandekayo, ndithi kuni, uMoya uthi: Qaphelani uzuko loKumkani wawo wonke umhlaba; kwaye kanjalo uKumkani wezulu uya kukhanya kwamsinyane kakhulu phakathi kwabo bonke abantwana babantu.

51 Kwaye kanjalo uMoya uthi kum, ewe, khala kum ngelizwi elinamandla kazi, usithi: Hamba uthi kwaba bantu—Guqukani, kuba ngaphandle kokuba niguquke aninako nangayiphi na indlela ukubudla ilifa ubukumkani bezulu.

52 Kwaye kwakhona ndithi kuni, uMoya uthi: Qaphelani, izembe libekiwe kwingcambu yomthi; ke ngoko, wonke umthi ongazisi ziqhamo zilungileyo uya kugawulelwa phantsi uphoswe emlilweni, ewe, umlilo ongapheliyo, kwanawo umlilo ongacimiyo. Qaphelani, nize nikhumbule, oNgcwele ukuthethile.

53 Kwaye ngoku bazalwana bam abathandekayo, ndithi kuni, ingaba ningamelana na nezi ntetha; ewe, ingaba ningazibekela bucala ezi zinto, ninyathele oNgcwele phantsi kweenyawo zenu; ewe, ingaba ningakhukhumalela kwikratshi leentliziyo zenu; ewe, ingaba niseza kuphikela ukunxiba izambatho zexabiso kwaye nibeke iintliziyo zenu phezu kwezinto ezingento zomhlaba, phezu kobutyebi benu?

54 Ewe, ingaba niza kuphikela ukucinga ukuba nilunge ngaphezulu omnye komnye, ewe ingaba niseza kuphikela ukutshutshisa abazalwana benu, abazithobayo kwaye behamba ngokohlobo olungcwele lukaThixo, abaziswe ngabo kweli bandla, bengcwaliswe nguMoya oyiNgcwele, kwaye besizisa imisebenzi efanelene nenguquko—

55 Ewe, kwaye ingaba niza kuphikela ukufulathela amahlwempu, nabasweleyo, nokubavimba izinto zenu?

56 Kwaye okokugqibela, nonke nina eniya kuphikela ukwenza inkohlakalo, ndithi kuni, aba ngabo baya kugawulelwa phantsi baphoswe emlilweni ngaphandle kokuba baguquke ngokukhawuleza.

57 Kwaye ngoku ndithi kuni, nina nonke banqwenela ukulandela ilizwi lomalusi olungileyo, phumani kwabakhohlakeleyo, nohluke, ningaziphathi izinto zabo ezingcolileyo; kwaye qaphelani, amagama abo aya kucinywa, oko kukuthi amagama abakhohlakeleyo akanakubalwa phakathi kwamagama amalungisa, ukuze ilizwi likaThixo libe nokuzalisekiswa, elithi: Amagama abakhohlakeleyo akanakuxutywa namagama abantu bam;

58 Kuba amagama amalungisa aya kubhalwa encwadini yobomi, kwaye ndiya kubanika ilifa esandleni sam sasekunene. Kwaye ngoku, bazalwana bam, yintoni na eninako ukuyithetha echasene noku? Ndithi kuni, ukuba nithetha nichasene nako, akunamsebenzi, kuba ilizwi likaThixo kufuneka lizalisekile.

59 Kuba nguwuphi umalusi apho phakathi kwenu oya kuthi enezimvu ezininzi aze angazilondolozi, ukuze iingcuka zingangeni ziwuqwenge umhlambi wakhe? Kwaye qaphelani, ukuba ingcuka ingena emhlambini wakhe ingaba akayikhupheli ngaphandle? Ewe, kwaye ekugqibeleni, ukuba unako, angayibulala.

60 Kwaye ngoku ndithi kuni umalusi olungileyo uyanibiza; kwaye ukuba niya kuliphulaphula ilizwi lakhe uya kunizisa emhlambini wakhe, nibe zizimvu zakhe; kwaye uniyalela ukuba ningavumeli ingcuka elambe kakhulu ukuba ingene phakathi kwenu, ukuze ningabinakutshatyalaliswa.

61 Kwaye ngoku mna, Alma, ndiniyalela ngolwimi lwakhe lowo undiyaleleyo, ukuba niqwalasele ukuwenza amazwi endiwathethe kuni.

62 Ndithetha ngendlela eyalelayo kuni eningabebandla; kwaye kwabo bangengabo abebandla ndithetha ngendlela yesimemo, ndisithi: Yizani nibhaptizelwe enguqukweni, ukuze nani nibe ngabaxhamli beziqhamo zomthi wobomi.