Izibhalo
Moronayi 8


Isahluko 8

Ubhaptizo lwabantwana abancinane lulisikizi elibi—Abantwana abancinane baphilile kuKrestu ngenxa yeNtlawulelo—Ukholo, inguquko, ubulali nokuthobeka kwentliziyo, ukwamkela uMoya oyiNgcwele, nokunyamezela kuye esiphelweni kukhokelela elusindisweni. Malunga E.K. 401–421.

1 Incwadi akabawo uMormoni, ebhalelwe mna, Moronayi; kwaye yayibhalwe kwakamsinyane emva kobizo lwam kubulungiseleli. Kwaye ngale ndlela waye wandibhalela, esithi:

2 Nyana wam othandekayo, Moronayi, ndivuya ngokugqithisileyo ukuba iNkosi yakho uYesu Krestu ikunyamekele, kwaye ikubizele kububingeleli bayo, nakuwo umsebenzi wayo ongcwele.

3 Ndikunyamekele ngalo lonke ixesha emithandazweni yam, ndithandaza ngamaxesha onke kuye uThixo uBawo egameni loMntwana wakhe oNgcwele, uYesu, kuba yena, angokulunga kwakhe okungenasiphelo bnobabalo, uya kukulondoloza ngonyamezelo lokholo egameni lakhe kuye esiphelweni.

4 Kwaye ngoku, nyana wam, ndithetha kuwe ngokunxulumene noko kundihlungisa ngokugqithisileyo; kuba kuyandihlungisa ukuba kubekho aiimpikiswano ezivukayo phakathi kwenu.

5 Kuba, ukuba ndifumanise inyaniso, okokuba bekukho iimpikiswano phakathi kwenu ngokunxulumene nobhaptizo lwabantwana benu abancinane.

6 Kwaye ngoku, nyana wam, ndinqwenela okokuba ungasebenza ngenkuthalo, ukuze le mpazamo imbi kakhulu ingasuswa ingabikho phakathi kwenu, kuba kungale njongo ukuba ndibhale le ncwadi.

7 Kuba ngoko nangoko emva kokuba ndifumanise ezi zinto ngani ndibuzile eNkosini ngokunxulumene nalo mcimbi. Laza ailizwi leNkosi lafika kum ngamandla oMoya oyiNgcwele, lisithi:

8 Waphulaphuleni amazwi kaKrestu, uMkhululi wenu, iNkosi yenu noThixo wenu. Qaphelani, ndeza ehlabathini ingekuko ukubizela amalungisa kuyo inguquko kodwa aboni; aabaphilileyo abanamfuno yagqirha, kodwa abo bagulayo; ngako oko, babantwana abancinane cbaphilile, kuba abanako ukwenza disono, ngako oko isiqalekiso esika-Adam sisusiwe kubo ngam, ukuze singabi namandla phezu kwabo; nomthetho fwolwaluko ubhangisiwe ngam.

9 Kwaye ngolu hlobo wathi uMoya oyiNgcwele walityhila ilizwi likaThixo kum; ngako oko, nyana wam othandekayo, ndiyazi okokuba kuyimpoxo embi kakhulu phambi koThixo, ukuba niya kubhaptiza abantwana abancinane.

10 Qaphelani nditsho kuni ukuthi le nto niya kuyifundisa—inguquko nobhaptizo kwabo banako aukuziphendulela kwaye banako ukwenza isono; ewe, bafundiseni abazali okokuba kufuneka baguquke kwaye babhaptizwe, baze bazithobe bnjengabantwana babo abancinane, kwaye baya kusindiswa bonke kunye nabantwana babo abancinane.

11 Kwaye aabantwana babo abancinane abanamfuneko yanguquko, nabhaptizo. Qaphelani, ubhaptizo luya kwinguquko ekuzalisekiseni imiyalelo ukuya bkuxolelo lwezono.

12 Kodwa aabantwana abancinane baphilile kuKrestu, kwanokususela kwisiseko sehlabathi; ukuba akunjalo, uThixo unguThixo onomkhethe, kananjalo noThixo ojika-jikayo, bnongumkhethibuso babantu; kuba bangaphi abantwana abancinane abafe bengenalo ubhaptizo!

13 Ngako oko, ukuba abantwana abancinane babengenako ukusindiswa bengenalo ubhaptizo, aba banokuba baye kwisihogo esingenasiphelo.

14 Qaphela nditsho kuwe, ukuthi lowo ucinga okokuba abantwana abancinane banemfuno yobhaptizo ukuyo inyongo yobukrakra nakumakhamandela obugwenxa; kuba aakanalukholo, ithemba, naluthando lwenene; ngako oko, umele ukusikelwa ngaphandle esekuyo le ngcinga, kufuneka ehlele ezantsi esihogweni.

15 Kuba iyoyikeka inkohlakalo yokucinga okokuba uThixo usindisa umntwana omnye ngenxa yobhaptizo, aze omnye kufuneke atshabalale ngenxa yokuba engenalo ubhaptizo.

16 Yeha kubo abo baya kugqwetha iindlela zeNkosi ngolu hlobo, kuba baya kutshabalala ngaphandle kokuba bayaguquka. Qaphela, ndithetha ngenkalipho, andinegunya elivela kuThixo; kwaye andoyiki nto anokuthi umntu ayenze; kuba buthando olugqibeleleyo clukhuphela ngaphandle lonke uloyiko.

17 Kwaye ndizaliswe aluthando lwenene, olu luthando lwanaphakade; ngako oko, bonke abantwana bayafana kum; ngako oko, ndibathanda babantwana abancinane ngothando olugqibeleleyo; kwaye bonke bayafana kwaye ngabaxhamli bosindiso.

18 Kuba ndiyazi okokuba uThixo akanguye uThixo onomkhethe, namntu ojika-jikayo; kodwa aakajika-jiki ukusela bkunaphakade wonke ukuya kunaphakade wonke.

19 aAbantwana abancinane abanako ukuguquka; ngako oko, kuyinkohlakalo eyoyikekayo ukubandeza iinceba ezimsulwa zikaThixo kubo, kuba bonke bayaphila kuye ngenxa byenceba yakhe.

20 Kwaye lowo uthi abantwana abancinane banemfuno yobhaptizo ukhanyela iinceba zikaKrestu, kwaye uyithabatha njengento engento aintlawulelo yakhe namandla enkululeko yakhe.

21 Yeha kwabanjalo, kuba basengozini yokufa, aisihogo, bnentuthumbo engenasiphelo. Ndikuthetha ngenkalipho; uThixo undiyalele. Mamelani kuwo, kwaye ninike inyameko, okanye aya kuma ngokuchasene nani cesihlalweni-sokugweba sikaKrestu.

22 Kuba qaphelani okokuba abantwana abancinane abayaphila kuKrestu, kananjalo nabo bonke abo bangenawo bumthetho. Kuba amandla cenkululeko afika kubo bonke abo bangenawo umthetho; ngako oko, lowo ungagwetywanga, okanye lowo ungekho phantsi kwesigwebo, akanako ukuguquka; kwaye kwabanjalo ubhaptizo alubenzeli nto—

23 Kodwa kuyimpoxo phambi koThixo, ukukhanyela iinceba zikaKrestu, namandla oMoya wakhe oyiNgcwele, nokubeka ithemba akwimisebenzi efileyo.

24 Qaphela, nyana wam, le nto akufanelekanga ukuba yenzeke; kuba ainguquko yeyabo baphantsi kwesigwebo naphantsi kwesiqalekiso somthetho owaphuliweyo.

25 Kwaye iziqhamo zokuqala azenguquko blubhaptizo; kwaye ubhaptizo luza ngokholo ekuzalisekisweni kwemiyalelo; kwaye ukuzalisekiswa kwemiyalelo kuzisa cuxolelo lwezono;

26 Kwaye uxolelo lwezono luzisa aubulali, nokuthobeka kwentliziyo; kwaye ngenxa yobulali nokuthobeka kwentliziyo kuza ukuvelelwa bngoMoya oyiNgcwele, cuMonwabisi lowo ozalisa dngethemba enothando olugqibeleleyo, uthando olo olunyamezela fngenkuthalo gekuthandazeni kude kube isiphelo siya kuza, xa bonke habangcwele beya kuhlala noThixo.

27 Qaphela, nyana wam, ndiza kukubhalela kwakhona ukuba andiphumi kwakamsinyane ngokuchasene namaLeymenayithi. Qaphela, aikratshi lesi sizwe okanye abantu bamaNifayithi libonakalise intshabalalo yaso ngaphandle kokuba siya kuguquka.

28 Bathandazele, nyana wam, ukuze inguquko ifike kubo. Kodwa qaphela, ndinoloyiko hleze uMoya ube uphezile aukuzama-zamana nabo; kwaye kulo mmandla welizwe bazama kanjalo ukuwisa onke amandla negunya elivela kuThixo; kwaye bbayawukhanyela uMoya oyiNgcwele.

29 Kwaye emva kokwala ulwazi olukhulu kangaka, nyana wam, kufuneka batshabalale kwakamsinya, ekuzalisekisweni kweziprofetho ezazithethwe ngabaprofeti, ngokunjalo namazwi oMsindisi wethu ngokwakhe.

30 Sala kakuhle, nyana wam, ndide ndikubhalele, okanye ndiya kuhlangana nawe kwakhona. Amen.