Izibhalo
3 Nifayi 21


Isahluko 21

USirayeli uya kuhlanganiswa xa sukuba iNcwadi kaMormoni isiza ngaphambili—AbeeNtlanga baya kumiselwa njengesizwe esikhululekileyo eAmerika—Baya kusindiswa ukuba bayakholwa baze bathobele; kungenjalo, baya kusikelwa ngaphandle baze batshatyalaliswe—USirayeli uya kwakha iYerusalem eNtsha, kwaye izizwe ezilahlekileyo ziya kubuya. Malunga E.K. 34.

1 Kwaye inene ndithi kuni, ndininika umqondiso, ukuze nilazi ailixa xa sukuba ezi zinto ziya kuba malunga nokwenzeka—endiya kuhlanganisela ngaphakathi, ukusuka kusasazo lwabo olude, abantu bam, Owu ndlu kaSirayeli, kwaye ndiya kumisela kwakhona phakathi kwabo iZiyon yam;

2 Kwaye qaphelani, le yinto endiza kuninika yona njengomqondiso—kuba inene ndithi kuni ukuthi xa sukuba ezi zinto ndizivakalisayo kuni, kwaye nendisaya kuzivakalisa kuni emva koku ngokwam, kwaye nangamandla oMoya oyiNgcwele oya kunikelwa kuni nguBawo, ziya kwaziswa kubo abeeNtlanga ukuze babe nokwazi malunga naba bantu bayintsalela yendlu kaYakobi, kwaye nangokunxulumene naba bantu bam esiya kusasazwa ngabo;

3 Inene, inene, ndithi kuni, xa sukuba aezi zinto ziya kwaziswa kubo nguBawo, kwaye ziya kuza ngaphambili ngoBawo, zisuka kubo zisiza kuni;

4 Kuba kububulumko kuBawo ukuba mabamiselwe kulo eli lizwe, kwaye babekwe anjengabantu abakhululekileyo ngamandla kaBawo, ukuze ezi zinto zibe nokuza ngaphambili ziphuma kubo zisiya kwintsalela yembewu yenu, ukuze bumnqophiso kaBawo ube nokuzalisekiswa athe wanqophisana ngawo kunye nabantu bakhe, Owu ndlu kaSirayeli;

5 Ke ngoko, xa sukuba le misebenzi nemisebenzi eya kuthi yenziwe phakathi kwenu emva koku iya kuza ngaphambili aisuka kwabeeNtlanga, isiza kuyo bimbewu yenu eya kuya iphelela ekungakholweni ngenxa yobugwenxa;

6 Kuba njalo kuyintando kaBawo ukuba kumele zize ngaphambili zisuka akwabeeNtlanga, ukuze abe nokubonakalisa amandla akhe kubo abeeNtlanga, kungesi sizathu ukuba abeeNtlanga, ukuba abayi kuziqaqadekisa iintliziyo zabo, ukuze babe nokuguquka baze beze kum kwaye babhaptizwe egameni lam kwaye bazi ngamanqaku ayinyani emfundiso yam, ukuze babe bnokubalelwa phakathi kwabantu bam, Owu ndlu kaSirayeli;

7 Kwaye xa sukuba ezi zinto zisenzeka ukuze aimbewu yakho ibe nokuqalisa ukuzazi ezi zinto—iya kuba ngumqondiso kubo, wokuba babe nokwazi okokuba umsebenzi kaBawo sele uqalisile ekuzalisekiseni umnqophiso awathi wawenza kubo abantu abangabendlu kaSirayeli.

8 Kwaye xa sukuba loo mhla uya kufika, kuya kwenzeka okokuba ookumkani baya kuyivala imilomo yabo; kuba oko kungekaxelwa kubo baya kukubona; kwaye oko bangekakuva baya kukuqonda.

9 Kuba ngawo loo mhla, ngenxa yam uBawo uya kusebenza umsebenzi, oya kuba ngumsebenzi obalulekileyo anomangalisayo phakathi kwabo; kwaye kuya kubakho phakathi kwabo abo bangasayi kuwukholelwa, nangona umntu eya kuwuvakalisa kubo.

10 Kodwa qaphelani, ubomi besicaka sam buya kuba sesandleni sam; ke ngoko abasayi kusenzakalisa, nangona siya akonakaliswa ngenxa yabo. Kanti ke ndiya kusiphilisa, kuba ndiya kubonisa kubo okokuba bubulumko bam bukhulu ngakumbi kunobuqhetseba bomtyholi.

11 Ke ngoko kuya kwenzeka okokuba nabani na ongayi kukholelwa kuwo amazwi am, endinguye uYesu Krestu, aya kuthi uBawo aambangele ukuba azise ngaphambili kubo abeeNtlanga, kwaye uya kunikela kuye amandla okokuba uya kubazisa ngaphambili kubo abeeNtlanga, (kuya kwenziwa nanjengoko uMoses watshoyo) baya bkusikelwa ngaphandle ukusuka phakathi kwabantu bam abangabomnqophiso.

12 Kwaye abantu bam abayintsalela kaYakobi baya kuba phakathi kwabeeNtlanga, ewe, embindini wabo anjengengonyama phakathi kwezilo zehlathi, njengengonyama eselula phakathi kweemihlambi yezimvu, ethi, ukuba iyadlula binyathelele phantsi kwaye iqwenge kube ziziqa, kwaye akukho bani oya kuhlangula.

13 Isandla sabo siya kuphakanyiselwa phezulu phezu kwabachasi babo, kwaye zonke iintshaba zabo ziya kubulawa.

14 Ewe, yeha kubo abeeNtlanga ngaphandle kokuba abaguquke; kuba kuya kwenzeka ngaloo mhla, utsho uBawo, ukuthi ndiya kuwabulala amahashe enu asuke phakathi kwenu, kwaye ndiya kuzitshabalalisa iinqwelo zenu zamahashe;

15 Kwaye ndiya kuzisikela ngaphandle izixeko zelizwe lenu, ndize ndizikhahlele phantsi zonke iinqaba zenu;

16 Kwaye ndiya kubusikela ngaphandle ubugqwirha benu busuke elizweni lenu, kwaye nina anisayi kuphinda nibe nabo osiyazi;

17 aImifanekiso yenu eqingqiweyo nayo kanjalo ndiya kuyisikela ngaphandle, kwaye nemifanekiso yenu emileyo isuke phakathi kwenu, kwaye anisayi kuphinda ninqule misebenzi yazandla zenu;

18 Kwaye ndiya kuwancothula amagcume emithi yenu ongabikho embindini wenu, ngokunjalo ndiya kuzitshabalalisa izixeko zenu.

19 Kwaye kuya kwenzeka okokuba bonke aubuxoki, neenkohliso, noomona, neengxabano, nobubingeleli bobuxoki, nohenyuzo, zibe ziya kupheliswa.

20 Kuba kuya kwenzeka, utsho uBawo, ukuthi ngaloo mhla nabani na abangayi kuguquka baze beze kuNyana wam oyiNtanda, bona ndiya kubasikela ngaphandle basuke phakathi kwabantu bam, Owu ndlu kaSirayeli;

21 Kwaye ndiya kwenza impindezelo noburhalarhume phezu kwabo, nanjengakubahedeni, abangazange bayive enjalo.

22 Kodwa ukuba bayaguquka baze bawaphulaphule amazwi am, kwaye bangaziqaqadekisi iintliziyo zabo, ndiya akulimisela ibandla lam phakathi kwabo, kwaye baya kungena ngaphakathi kumnqophiso baze bbabalelwe phakathi kwentsalela kaYakobi, kwabo ndibanike eli lizwe njengelifa labo;

23 Kwaye baya kubancedisa abantu bam, intsalela kaYakobi, kananjalo njengabaninzi bendlu kaSirayeli njengoko beya kuza, ukuze babe nokwakha isixeko, esiya kubizwa ngokuba ayiYerusalem eNtsha.

24 Kwaye ke baya kubancedisa abantu bam ukuze babe nokuhlanganiselwa ngaphakathi, abasasazelwe phezu kwabo bonke ubuso belizwe, ngaphakathi kuyo iYerusalem eNtsha.

25 Kwaye ke aamandla ezulu aya kwehlela ezantsi phakathi kwabo; kananjalo bnam ndiya kuba sembindini.

26 Kwaye ke umsebenzi kaBawo uya kuqalisa ngaloo mhla, naxa sukuba le vangeli iya kushunyayelwa phakathi kwentsalela yaba bantu. Inene ndithi kuni, ngaloo mhla umsebenzi kaBawo uya akuqalisa phakathi kwabo bonke abachithachithiweyo babantu bam ewe, kwanazo izizwe bebezilahlekile, awathi uBawo wazikhokelela kude zaphuma eYerusalem.

27 Ewe, umsebenzi uya kuqalisa phakathi kwabo bonke aabachithachithiweyo babantu bam, ngoBawo ukulungiselela indlela abanokuthi ngayo babe nokuza kum, ukuze babe nokubiza kuBawo egameni lam.

28 Ewe, kwaye ke umsebenzi uya kuqalisa, ngoBawo phakathi kwazo zonke izizwe ekulungiseleleni indlela abanokuthi ngayo abahlanganiselwe ekhaya kulo ilizwe lelifa labo.

29 Kwaye baya kuphuma besuka kuzo zonke izizwe; kwaye abasayi kuphuma angokungxama, nangakusaba, kuba ndiya kuhamba phambi kwabo, utsho uBawo, kwaye ndiya kuba ngumva wabo.