Izibhalo
3 Nifayi 7


Isahluko 7

Umgwebi oyintloko uyabulawa, urhulumente uyatshatyalaliswa, baze abantu bohlulwe ngezizwe—UYakobi umchasi-Krestu, uba ngukumkani weyelenqe elifihlakeleyo—UNifayi ushumayela inguquko nokholo kuKrestu—Iingelosi ziyamlungiselela imihla ngemihla, kwaye uvusa umntakwabo kwelabafileyo—Abaninzi bayaguquka baze babhaptizwe. Malunga E.K. 30–33.

1 Ngoku qaphelani, ndiza kunibonisa okokuba abazange bamisele ukumkani phezu kwelizwe; kodwa kwakulo nyaka, ewe, unyaka wamashumi amathathu, baye batshabalalisa phezu kwesihlalo sokugweba, ewe, baye babulala umgwebi oyintloko welizwe.

2 Kwaye abantu babohlulwe omnye ngokuchasene nomnye; kwaye baye bohlukana omnye komnye ngezizwe, wonke umntu ngokosapho lwakhe nezalamane zakhe nezihlobo; kwaye njalo baye bamtshabalalisa urhulumente welizwe.

3 Kwaye zonke izizwe zaye zonyula inkosi okanye inkokeli phezu kwazo; baza njalo baba nezizwe neenkokeli zezizwe.

4 Ngoku qaphelani, kwakungekho mntu phakathi kwabo ngaphandle kokuba abe unosapho oluninzi nezalamane ezininzi nezihlobo; ke ngoko izizwe zabo zabaninzi ngokugqithisileyo.

5 Ngoku konke oku kwenziwa, kwaye kwakungekho zimfazwe ngokwangoku phakathi kwabo; kwaye bonke obu bugwenxa bubafikele abantu ngenxa yokuba abaye bazinikela kuwo amandla kaSathana.

6 Kwaye imimiselo karhulumente yatshatyalaliswa, ngenxa ayeyelenqe elifihlakeleyo lezihlobo nezalamane zabo babulala abaprofeti.

7 Kwaye baye babangela imbambano enkulu elizweni, kangangokuba eyona nxalenye yamalungisa engakumbi yabantu yasuka phantse yonke yakhohlakala; ewe, kwakukho nje ambalwa amadoda angamalungisa phakathi kwabo.

8 Kwaye njalo emithandathu iminyaka ayidlulanga okoko inxalenye engakumbi yabantu yaphambukayo kubo ubulungisa babo, njengenja akumhlanzo wayo, okanye imazi yehagu ekuziqikaqikeni kwayo emgxobhozweni.

9 Ngoku eli yelenqe lifihlakeleyo, elithe lazisa ubugwenxa obukhulu kangaka phezu kwabantu, laye lazihlanganisa kunye, laza labeka kwintloko yalo indoda ababeyibiza ngokuba nguYakobi;

10 Kwaye baye bambiza ngokuba ngukumkani wabo; ke ngoko waba ngukumkani phezu kweli qela likhohlakeleyo; kwaye wayengomnye wabakhulu owayenike izwi lakhe ngokuchasene nabaprofeti abathi bangqina ngoYesu.

11 Kwaye kwenzekile okokuba babengomelelanga ngenani njengezizwea zabantu, ababemanyene kunye ngaphandle nje kweenkokeli zazo ezaye zamisela eyazo imithetho, wonke umntu ngokwesizwe sakhe; nangona kunjalo babeziintshaba; nangona babengabantu abangengawo amalungisa, kanti ke babemanyene kuyo intiyo yabo babengene kumnqophiso wokutshabalalisa urhulumente.

12 Ke ngoko, uYakobi ebona okokuba iintshaba zabo zaziyintlaninge ngaphezulu kunabo, yena ke ekubeni engukumkani weqela, ke ngoko wabayalela abantu bakhe okokuba basabe bangene kumantla akude ommandla welizwe, baze apho bazakhele aubukumkani, bade bangenelelwe ngabakreqi, (kuba wabathembisa okokuba kuya kubakho abakreqi abaninzi) baze bade bomelele ngokwaneleyo ukuba balwe kunye nezizwe zabantu; kwaye benza njalo.

13 Kwaye umatsho lwabo lwalukhawuleze kangangokuba lwalungena kuthintelwa bade babe babheke phambili bangafikelelwa ngabantu. Kwaye waphela njalo unyaka wamashumi amathathu; kwaye yaba njalo imicimbi yabantu bakaNifayi.

14 Kwaye kwenzekile kunyaka wamashumi amathathu ananye bethe bohluwa baba zizizwe, wonke umntu ngokosapho lwakhe, isalamane, nezihlobo; nangona kunjalo babefikelele kwisigqibo sokokuba abayi kuya emfazweni omnye nomnye; kodwa babengamanyananga ngokwemithetho yabo, nohlobo lwabo lorhulumente, kuba babemiselwe ngokweengqondo zabo babe ziinkosi zabo neenkokeli zabo. Kodwa baye bamisela imithetho engqongqo kakhulu yokokuba isizwe esinye singangeni ngaphandle kwemvume ngokuchasene nesinye, kangangokuba kwinqanaba elithile babe noxolo elizweni; nangona kunjalo, intliziyo zabo zaziphambukile kwiNkosi uThixo wabo, kwaye baye babaxuluba abaprofeti kwaye baye babakhuphela ngaphandle baphume phakathi kwabo.

15 Kwaye kwenzekile okokuba auNifayi—ekubeni ebehanjelwe ziingelosi kananjalo nelizwi leNkosi, ke ngoko ekubeni ebone iingelosi, kwaye elingqina eliziboneleyo, kwaye ekubeni ebenamandla awanikiweyo okokuba abe nokwazi malunga nobubingeleli bukaKrestu, kananjalo ekubeni ebelingqina eliziboneleyo ngokubuya kwabo okukhawulezileyo ukusuka ebulungiseni ukuya enkohlakalweni yabo namasikizi;

16 Ke ngoko, elusizi ngokuqaqadeka kweentliziyo zabo nokumfameka kweengqondo zabo—wabheka phambili phakathi kwabo kwakuwo loo nyaka, waza waqalisa ukungqina, ngenkalipho, ngenguquko noxolelo lwezono ngokholo kuyo iNkosi uYesu Krestu.

17 Kwaye waye wafundisa izinto ezininzi kubo; kwaye xa zizonke azinako ukubhalwa, kwaye isuntswana lazo alinakwanelisa, ke ngoko azibhalwanga kuyo le ncwadi. Kwaye uNifayi waye wafundisa angamandla negunya elikhulu.

18 Kwaye kwenzekile okokuba baba nomsindo kuye, kwanangenxa yokokuba wayenamandla amakhulu kunabo, kuba akwakungena kwenzeka okokuba banokungawakholelwa amazwi akhe, kuba lwalomelele kakhulu ukholo lwakhe kuyo iNkosi uYesu Krestu kangangokuba iingelosi zaye zamlungiselela yonke imihla.

19 Kwaye egameni likaYesu waye wakhuphela ngaphandle oomtyholi anoomoya abangcolileyo; kwaye kwanomntakwabo waye wamvusa kwabafileyo, emva kokuba wayexulutyiwe waza wanyamezela ukufa ngabo abantu.

20 Kwaye abantu bakubona baza bangqina ngoko, kwaye babenomsindo ngakuye ngenxa yamandla akhe; kwaye waye kanjalo wenza aeminye engakumbi imimangaliso, emehlweni abantu, egameni likaYesu.

21 Kwaye kwenzekile okokuba unyaka wamashumi amathathu ananye waye wadlula, kwaye kwakukho nje abambalwa ababeguqukele eNkosini; kodwa kangangobuninzi babo ababeguqukile baye ngokwenene babonisa ebantwini okokuba babevelelwe ngamandla noMoya kaThixo, owaye ukuye uYesu Krestu, kulowo babekholelwa kuye.

22 Kwaye kangangobuninzi babo abo babenoomtyholi abakhutshelwa ngaphandle kubo, kwaye bephilisiwe kuzo izigulo zabo nobuthathaka babo, baye ngokwenene babonakalisa kubo abantu okokuba babesetyenziwe ngoMoya kaThixo, kwaye babephilisiwe; kwaye baye babonakalisa imiqondiso phakathi kwabantu.

23 Njalo ke wadlula kanjalo unyaka wamashumi amathathu anesibini. Kwaye uNifayi waye wadanduluka kubo abantu ekuqalekeni konyaka wamashumi amathathu anesithathu; kwaye waye washumayela kubo inguquko noxolelo lwezono.

24 Ngoku ndinqwenela ukuba nikhumbule kanjalo, okokuba kwakungekho kwababeziswe enguqukweni aababengabhaptizwanga ngamanzi.

25 Ke ngoko, kwakumiselwe nguNifayi, amadoda kubo obu bulungiseleli, ukuze bonke abanjalo abaya kuthi beze kubo kumele babhaptizwe ngamanzi, ukuze oku kube njengengqina nobungqina phambi koThixo, nakubo abantu, bokokuba baguqukile kwaye bafumene auxolelo lwezono zabo.

26 Kwaye babebaninzi ekuqalekeni kwawo loo nyaka ababebhaptizelwe enguqukweni; kwaye njalo inxalenye engakumbi yonyaka yaye yadlula.