Izibhalo
3 Nifayi 5


Isahluko 5

AmaNifayithi ayaguquka kwaye azilahle izono zawo—UMormoni ubhala imbali yabantu bakhe aze avakalise ilizwi lanaphakade kuwo—USirayeli uya kuhlanganiselwa ngaphakathi abuye kuchithachitheko lwakhe olude. Malunga E.K. 22–26.

1 Kwaye ngoku qaphelani, kwakungekho namnye umphefumlo ophilayo phakathi kwabo bonke abantu bamaNifayithi owaye wawathandabuza nakancinane amazwi abo bonke abaprofeti abangcwele ababethethile; kuba babesazi okokuba kwakuyimfuneko okokuba kufuneka azalisekiswe.

2 Kwaye babesazi okokuba yayiyimfuneko into yokokuba uKrestu weza, ngenxa yemiqondiso emininzi eyayinikiwe, ngokwamazwi abaprofeti; kwaye nangenxa yezinto ezenzekayo babesazi okokuba kuyimfuneko okokuba zonke izinto kufanele zenzeke ngokwa loo nto eyayithethiwe.

3 Ke ngoko baye bazilahla zonke izono zabo, namasikizi abo, nohenyuzo lwabo, kwaye baye bamkhonza uThixo ngayo yonke inkuthalo imini nobusuku.

4 Kwaye ngoku kwenzekile okokuba bakuba bebathabathile bonke abaphangi bangamabanjwa, kangangokuba babakho abaye baphuncuka ababengabulawanga, baye bawaphosa amabanjwa abo entolongweni, kwaye baye balibangela ukuba ilizwi likaThixo lishunyayelwe kubo; kwaye kangangobuninzi babo ababeguquka ezonweni zabo baza bangena kumnqophiso wokokuba abasayi kuze baphinde babulale baze abakhululwa.

5 Kodwa kangangobuninzi babo abo bangazange bangene kumnqophiso, kwaye abaye baqhubeka ukubanako oko kubulala kufihlakeleyo ezintliziyweni zabo, ewe, kangangobuninzi babo abo babefunyenwe befutha izisongelo ngokuchasene nabazalwana babo bagwetywa kwaye bohlwaywa ngokwasemthethweni.

6 Kwaye njalo baye bawaphelisa onke loo mayelenqe akhohlakeleyo, kwaye nasemfihlakalweni, namasikizi, ekwakukho kuwo inkohlakalo eninzi, nokubulala okuninzi kakhulu okwenziwayo.

7 Kwaye njalo ke wadlula aowamashumi amabini anesibini unyaka, kananjalo nowamashumi amabini anesithathu, nowamashumi amabini anesine, nowamashumi amabini anesihlanu; kwaye njalo ke yadlula iminyaka engamashumi amabini anesihlanu.

8 Kwaye kwakukho izinto ezininzi ezavakalayo ezaye, emehlweni abanye, zabalasela kwaye zamangalisa; nangona kunjalo, azinako ukubhalwa zonke kule ncwadi; ewe, le ncwadi ayinako ukuqulatha kwanesinye aisiqingatha ekhulwini senxalenye yoko kwakwenziwe phakathi kwabantu abaninzi kangako ngesithuba seminyaka engamashumi amabini anesihlanu;

9 Kodwa qaphelani kukho aiimbali eziqulathe zonke iinkqubo zaba bantu; kwaye eyona imfutshane kodwa eqinisekileyo ingxelo yanikwa nguNifayi.

10 Ke ngoko mna ndiyenze imbali yam yezi zinto ngokwembali kaNifayi, eyaye ikrolwe kumacwecwe awayebizwa ngokuba ngamacwecwe kaNifayi.

11 Kwaye qaphelani, ndiyenza imbali kumacwecwe endiwenze ngezam izandla.

12 Kwaye qaphelani, mna ndibizwa ngokuba andinguMormoni, ndibizwa bngelizwe likaMormoni, ilizwe awathi kulo uAlma wamisela ibandla phakathi kwabantu, ewe, ibandla lokuqala elathi lamiselwa phakathi kwabo emva kokona kwabo.

13 Qaphelani, mna ndingumfundi kaYesu Krestu, uNyana kaThixo. Ndibizwe nguye ukuba ndivakalise ilizwi lakhe phakathi kwabantu bakhe, ukuze babe nokuba nobomi obungunaphakade.

14 Kwaye kuye kwaba yimfuneko okokuba mna, ngokwentando kaThixo, ukuze imithandazo yabo basandulelayo, ababe ngabangcwele, mayizalisekiswe ngokokholo lwabo, kumele ndenze aimbali yezi zinto zenziweyo—

15 Ewe, imbali encinane yoko kwenzekayo ukususela ngelixa lokokuba uLihayi elishiya elaseYerusalem, kwanokuhla kude kube leli lixa limiyo.

16 Ke ngoko mna ndiyenza imbali yam ukusuka kwiingxelo ezazinikwe ngabo babekho phambi kwam, kude kube sekuqalekeni komhla wam;

17 Kwaye ngoko ndenza aimbali yezinto endiziboneleyo ngawam amehlo.

18 Kwaye ndiyayazi imbali endiyenzayo ukuba ichanekile nembali enyanisekileyo; nangona kunjalo zininzi izinto, ngokolwimi lwethu, esingenako aukuzibhala.

19 Kwaye ngoku ndiyayiphelisa intetho yam, engam, ndize ndiqhubeke ukunika ingxelo yam yezinto ezaye zikho phambi kwam.

20 Mna ndinguMormoni, nenzala ethe ngqo kaLihayi. Ndinesizathu sokumsikelela uThixo wam noMsindisi wam uYesu Krestu, kuba wabakhupha baphuma oobawo bethu kulo ilizwe laseYerusalem, (kwaye aakukho wayeyazi ngaphandle kwakhe nabo wabakhuphayo baphuma kwelo lizwe) nokokuba undinike mna nabantu bam ulwazwi olukhulu olungaka lokusindisa imiphefumlo yethu.

21 Ngokuqinisekileyo uyisikelele aindlu bkaYakobi, kwaye ube cnenceba kuyo imbewu kaYosefu.

22 Kwaye akangangokuba abantwana bakaLihayi beyigcinile imiyalelo yakhe ubasikelele kwaye wabaphumelelisa ngokwelizwi lakhe.

23 Ewe, kwaye ngokuqinisekileyo kwakhona uya kuyizisa aintsalela yembewu kaYosefu bkulwazi lwayo iNkosi uThixo wayo.

24 Kwaye ngokuqinisekileyo njengoko iNkosi iphila, iya akuyihlanganisela ngaphakathi isuka kwiimbombo zone zomhlaba yonke intsalela yembewu kaYakobi, esasazwe kude phezu kwabo bonke ubuso bomhlaba.

25 Kwaye njengoko wayenqophisene kunye nayo yonke indlu kaYakobi, kwangokunjalo umnqophiso awathi wanqophisana ngawo kunye nendlu kaYakobi uya kuzalisekiswa ngelakhe ilixa elifanelekileyo, aekubuyiseleni yonke indlu kaYakobi kulwazi ngomnqophiso awathi wanqophisana ngawo kunye nabo.

26 Kwaye ke baya akumazi uMkhululi wabo, onguYesu Krestu, uNyana kaThixo; kwaye ke baya kuhlanganiselwa ngaphakathi ukusuka kwiimbombo zone zomhlaba ukuya kweyabo imihlaba, ukusuka apho babesasazelwe khona; ewe, njengoko iNkosi iphila kuya kuba njalo. Amen.