Izibhalo
3 Nifayi 30


Isahluko 30

AbeeNtlanga bemihla yokugqibela bayalelwa ukuba baguquke kwaye beze kuKrestu, baze babalwe kunye nendlu kaSirayeli. Malunga E.K. 34–35.

1 Phulaphulani, Owu nina beeNtlanga, nize niwave amazwi kaYesu Krestu, uNyana kaThixo ophilayo, athe awandiyalela okokuba mandiwathethe malunga nani, kuba, qaphelani undiyalele okokuba mandibhale, ndisithi:

2 Buyani, nonke nina abeeNtlanga, kuzo iindlela zenu ezikhohlakeleyo; nize bnizohlwaye ngezenzo zenu ezibi, ngobuxoki benu neenkohliso, nangohenyuzo lwenu, nangamasikizi enu afihlakeleyo, nangokunqula izithixo kwenu, nasekubulaleni kwenu, nobubingeleli benu bobuxoki, noomona benu, neengxabano zenu, nakuyo yonke inkohlakalo yenu namasikizi, kwaye nize kum, nize nibhaptizwe egameni lam, ukuze nibe nokufumana uxolelo lwezono zenu, nize nizaliswe ngoMoya oyiNgcwele, ukuze nibe cnokubalwa kunye nabantu bam abangabendlu kaSirayeli.